Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Wamkelekile KwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

Wamkelekile KwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

EMHLABENI wonke, kumazwe angaphezu kwama-200, izigidi zabafundi ziyangenelwa veki nganye kwimfundo yeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Abanye basandul’ ukuqalisa. Bambi sele beneminyaka besiya kwesi sikolo. Esi sikolo siqhutywa kwiindawo ezininzi. Naphi na apho ukhoyo emhlabeni, ufumana ucwangciso olufanayo lwemfundo. Abantu abakubudala obahlukahlukeneyo, amaqela ezizwe, abafundileyo nabangafundanga, bonke bafumana le mfundo yobuthixo ngesisa.

Xa esi sikolo sasekwayo kumabandla amaNgqina kaYehova ngowe-1943, injongo yaso yachazwa ngala mazwi: “Kukulungiselela onke ‘amadoda athembekileyo,’ lawo aye aliva iLizwi likaThixo aza alungqina ukholo lwawo kulo, ukuze ‘akwazi ukufundisa abanye’ . . . ukuze enze ngamnye . . . akulungele ngakumbi ukuvakalisa esidlangalaleni ithemba elingaphakathi kwakhe.” (Course in Theocratic Ministry, iphe. 4) Injongo yesi sikolo iseyileyo ke nanamhlanje.

Enyanisweni, yiyiphi eyona nto ilungileyo nabani na wethu anokuyenza ngesiphiwo esisinikwe nguThixo sokuthetha? IBhayibhile iyaphendula: “Yonk’ into ephefumlayo—mayidumise uYa.” (INdu. 150:6) Xa sisenjenjalo, sivuyisa intliziyo kaBawo wethu osezulwini. Siyangqina kuye ukuba iintliziyo zethu zisabela ngombulelo kukulunga nakuthando lwakhe. Akumangalisi ngoko ukuba amaKristu ekhuthazwa ukuba asoloko ‘enikela kuThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo semilebe evakalisa ekuhleni igama lakhe’! (Heb. 13:15) Ukuze uphucule ubuchule bakho bokusebenzisa iziphiwo ozinikwe nguThixo ekudumiseni uYehova, siyakwamkela njengomfundi kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.

Ngoxa kwesi sikolo kunikelwa ingqalelo engakumbi kufundo lwasesidlangalaleni nakubuchule bokuthetha nokufundisa, iingenelo zemfundo yeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo azipheleli apho. Njengoko usiba nenxaxheba, uya kuncedwa uhlakulele ubuchule obubalulekileyo bofundo lobuqu, ukuphulaphula uze ukhumbule, ukufundisisa, ukwenza uphando, ukuhlalutya nokuhlengahlengisa, ukuncokola, ukuphendula imibuzo, nokudlulisela iingcamango ngokubhala. Izifundo, amagqabaza kunye neentetho eziza kunikelwa esikolweni ziya kusekelwa eBhayibhileni ngokwayo nakwiimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Njengoko uzalisa ingqondo yakho ngeenyaniso ezixabisekileyo ezifumaneka kwiLizwi likaThixo, uya kufunda ukucinga ngendlela acinga ngayo uThixo. Hayi indlela ekunokuba yingenelo ngayo oko kuzo zonke iinkalo zobomi! Ethetha ngokubaluleka kweLizwi likaThixo, umhlohli weyunivesithi wenkulungwane yama-20 uWilliam Lyon Phelps wabhala: “Wonk’ ubani oyazi kakuhle iBhayibhile unokugqalwa njengesifundiswa sokwenene. . . . Ndikholelwa kwelokuba ukwazi iBhayibhile ube ungakhange ufumane mfundo yasekholeji kubaluleke ngaphezu kwezifundo zasekholeji ezingaquki iBhayibhile.”

Indlela Onokungenelwa Ngokuzeleyo Ngayo

Kakade ke, ukuze ungenelwe ngokuzeleyo kwimfundo enikelwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, wena mfundi, umele uzibhokoxe. Umpostile uPawulos wabongoza ugxa wakhe ongumKristu uTimoti esithi: “Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke.” (1 Tim. 4:15) Ziziphi iindlela eziluncedo onokuzibhokoxa ngazo?

Ukuba kunokwenzeka, yibakho veki nganye kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Yisebenzise ngobulumko le ncwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Bhala igama lakho kwindawo elungiselelwe lona kwiphepha elinomxholo. Yiphathe rhoqo le ncwadi xa usiza esikolweni. Le ncwadi ikwanayo nendawo onokubhala kuyo amanqaku. Xa ufunda iingongoma ezibalulekileyo kuyo uze uvakalelwe ukuba ziza kukunceda, zikrwelele. Sebenzisa udini oluphangaleleyo lwamaphepha ukuze ubhale iingongoma eziluncedo ozifundayo ebudeni beengxubusho zesikolo.

Umbhalo oshicilelweyo wocwangciso olumele lulandelwe lweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo uza kufumaneka. Olu cwangciso luza kuquka iinkcukacha zendlela esiza kuqhutywa ngayo isikolo. Unokukufumanisa kuluncedo ukulugcina kule ncwadi olu cwangciso, apho luza kukwazi ukufumaneka lula.

Xa ulungiselela isikolo seeveki ngeeveki, khumbula ukuba iBhayibhile iyeyona ncwadi iphambili esiyifundayo. Eyona nto imele ize kuqala kukufunda nayiphi na inxalenye yeBhayibhile eyabelwe loo veki. Ukuba uyakwazi ukuwufunda kusengaphambili umbandela weenxalenye ezahlukahlukeneyo zocwangciso, nako oko kuya kukunceda kakhulu.

Ebudeni besikolo, kusenokubakho amathuba okuba abaphulaphuli babe nenxaxheba. Wasebenzise kakuhle loo mathuba. Ukubandakanyeka kwezo ngxubusho kubalulekile ukuze ukukhumbule oko ukuvayo uze ukwazi ukukusebenzisa kubomi bakho.

Kakade ke, bonke abafundi baya kufumana amathuba okunikela iintetho okanye okwenza imiboniso phambi kwebandla. Wasebenzise kakuhle onke loo mathuba. Zibhokoxe ngokwenene ukuze uphucule kulo naluphi na uphawu lwentetho owabelwe ukuba usebenzele kulo. Uya kululekwa ngenjongo yokuba uqhubeke usenza inkqubela. Lwamkele olo ncedo. Kwincwadi yakho, bhala amacebiso onokuwasebenzisa ukuze uphucule. Ekubeni kunzima ukuba umntu azijonge ngendlela abantu abamjonga ngayo, amacebiso anikelwa ngothando nasekelwe eBhayibhileni kunye nesiluleko esinikelwayo zinokufak’ isandla kakhulu kwinkqubela yakho. Oko kunokwenzeka kwanokuba sele uneminyaka emininzi ubhalise esikolweni.—IMize. 1:5.

Akungethandi na ukwenza inkqubela ekhawulezileyo? Ukuba uziqhuba ngokwakho, unako ukuyenza. Wufundisise kusengaphambili umbandela oza kugutyungelwa kwintetho nganye yomfundi. Xa kufuneka isithethi esilitsha-ntliziyo, uya kukwazi ukunceda, ibe loo nto iya kukwenza ube namava nangakumbi. Xa abanye benikela iintetho, yiphulaphule ngenyameko indlela abawunikela ngayo loo mbandela. Kaloku yakha ngoboya benye.

Ukongezelela koko, ukuba iimeko ziyakuvumela, unokuyikhawulezisa inkqubela yakho ngokuyifundisisa ngokwakho le ncwadi. Emva kokuba uwufundile umbandela okwizifundo ezili-15 ezilandelayo, qhubeka nothi “Ucwangciso Lokuhlakulela Ubuchule Bokuthetha Nokufundisa,” oluqalisa kwiphepha 78. Okokuqala, fundisisa isifundo ngasinye uze wenze imisebenzi edwelisiweyo ephathelele eso sifundo. Kusebenzise kubulungiseleli oko ukufundayo. Oku kunokuyiphucula gqitha inkqubela oyenzayo njengesithethi nomfundisi weLizwi likaThixo.

Imfundo yakho yeSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo iya kukunceda ikulungiselele ezona zinto zibalulekileyo ebomini. Ekubeni siphila ngenxa yokuthanda kukaThixo, ukumdumisa kuthetha ukuyigqala injongo yokuba siphile. UYehova uThixo ufanelwe yeyona ndumiso izukileyo. (ISityhi. 4:11) Imfundo esiyifumana esikolweni iyindlela yokuphumeza oko ukuze sicinge kakuhle, senze ngobulumko, size sizidlulisele ngempumelelo iinyaniso ezimangalisayo ezisuka kwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo.