Yenza Inkqubela—Uhambele Phambili
XA WAWUQALA ukufunda ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, iindlela zokucinga, zokuthetha kunye nemikhwa eyendeleyo yaqalisa ukutshintsha. Ubukhulu becala olo tshintsho lwenzeka kwangaphambi kokuba ubhalise kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ngoku kusenokwenzeka ukuba wenze inkqubela wada wabahlulela ubomi bakho kuYehova. Ngaba loo nto ithetha ukuba kwanele? Unotshe. Kaloku ukubhaptizwa kwakho kusisiqalo nje.
Umfundi uTimoti wayesele engumdala ongumKristu xa uPawulos wamxelela ukuba ‘aphonononge’ isiluleko asinikwayo kunye namalungelo enkonzo awayewaphathisiwe—“endele” kwezi zinto—ukuze ‘ukuhambela kwakhe phambili kubonakale ebantwini bonke.’ (1 Tim. 4:12-15) Enoba usaqala ukuhamba ngendlela yenyaniso okanye sele ungumakad’ enetha kwindlela yamaKristu yokuphila, ufanele ube nomdla wokuhambela phambili.
Ulwazi Neenguqulelo
Kweyabase-Efese 3:14-19, sifunda ukuba umpostile uPawulos wathandazela amanye amakholwa ukuba ‘acacelwe ngokucokisekileyo engqondweni koko bukuko ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu’ benyaniso. Ukuze akwazi ukukwenza oko, uYesu walungiselela izipho ezingabantu ukuze zifundise, zilungise zize zakhe ibandla. Ukucamngca rhoqo ngeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, nokufumana ulwalathiso lwabafundisi abanamava, kunokusinceda “sikhule” ngokomoya.—Efe. 4:11-15.
Oko kukhula kuquka ‘ukuhlaziyeka kwamandla engqondo yethu.’ Oku kubandakanya ukuseka utyekelo lwengqondo olunamandla noluvisisana nolukaThixo noKristu. Kufuna ukuba sihlale sifunda ngendlela abacinga ngayo, ukuze ‘sambathe ubuntu obutsha.’ (Efe. 4:23, 24) Xa ufundisisa iincwadi zeVangeli, ngaba ugqala iingxelo ezingobomi bukaKristu njengomzekelo omele uwulandele? Ngaba uye ukhangele iimpawu ezikhethekileyo awayenazo uYesu uze wenze umgudu wokuzixelisa ebomini bakho?—1 Pet. 2:21.
Izinto oncokola ngazo zinokubonisa ukuba uhambele phambili kangakanani na. Abo bambethe ubuntu obutsha abaxoki, abathuki, abathethi manyala okanye izinto ezingakhiyo. Kunoko, incoko yabo ‘ilungele ukwakha, ukuze ibanike oko kukholekileyo abevayo.’ (Efe. 4:25, 26, 29, 31; 5: 3, 4; Yude 16) Izinto abazithetha ngasese namagqabaza abo kwiintlanganiso zebandla zityhila ukuba inyaniso iyabuguqula ubomi babo.
Ukuba ‘akusakhukuliswa ngamaza yaye akusaphetshethwa yiyo yonke imimoya yeemfundiso,’ nako oko kububungqina bokuba uhambela phambili. (Efe. 4:14) Ngokomzekelo, usabela njani xa ihlabathi likufunza ngeengcamango ezintsha, ngemigaqo okanye ngeendlela zokuzonwabisa? Ngaba uye utyekele ekusebenziseni ixesha lokuphumeza iimbopheleleko zokomoya ukuze usukele ezo zinto? Ukwenjenjalo kunokukwenza ungahambeli phambili kwizinto zokomoya. Hayi indlela ekububulumko ngayo ukuzongela ixesha lezinto zokomoya!—Efe. 5:15, 16.
Indlela oqhubana ngayo nabanye abantu nayo inokubonisa ukuhambela phambili kwakho kwizinto zokomoya. Ngaba uye wafunda ukuba ‘nemfesane, nokubaxolela ngesisa’ abazalwana noodade wenu?—Efe. 4:32.
Inkqubela yakho ekwenzeni izinto ngendlela kaYehova ibonakala kungekuphela ebandleni kodwa nasekhaya. Ifanele ibonakale xa usesikolweni, ukwiindawo zikawonke-wonke naxa ukwindawo ophangela kuyo. (Efe. 5:21–6:9) Ukuba uba neempawu zobuthixo ngokuzeleyo kuzo zonke ezo meko, ukuhambela phambili kwakho kuyabonakala.
Sebenzisa Isiphiwo Onaso
UYehova unike ngamnye wethu ubuchule kunye neziphiwo. Ulindele ukuba sizisebenzise ngenxa yabanye ngohlobo lokuba akwazi ukusebenzisa thina ekubonakaliseni ububele bakhe obungasifanelanga. Ngokuphathelele lo mba umpostile uPetros wabhala: “Njengoko ngamnye wenu wasamkelayo isiphiwo, lungiselelanani ngaso njengamagosa amahle obubele obungasifanelanga bukaThixo.” (1 Pet. 4:10) Ubusebenzisa njani wena ubugosa bakho?
UPetros uyaqhubeka: “Nabani na othethayo, makavakalise izibhengezo ezingcwele zikaThixo.” (1 Pet. 4:11) Le ndinyana igxininisa imbopheleleko yokuthetha into evisisana ngokupheleleyo neLizwi likaThixo, ukuze kuzukiswe uThixo. Indlela ubani athetha ngayo ifanele izukise uYehova. Ingqeqesho elungiselelwa ngeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo inokukunceda usebenzise isiphiwo sakho ngaloo ndlela—uzukisa uThixo ngendlela obanceda ngayo abanye. Unaloo njongo, ufanele uyilinganise ngantoni inkqubela oyenzayo esikolweni?
Kunokuba ucinge ngenani leengongoma osele uzigubungele kwiphepha lakho lesiluleko sentetho okanye ngohlobo lwezabelo ozinikiweyo, cinga ngomlinganiselo oluye olo qeqesho lwawuphucula ngawo umbingelelo wendumiso owunikelayo. Isikolo sisenza sikwazi ukuba
nempumelelo engakumbi kubulungiseleli basentsimini. Ngoko zibuze: ‘Ngaba ndiye ndilungiselele oko ndiza kukuthetha kwinkonzo yasentsimini? Ngaba ndiye ndafunda ukuba nomdla kubantu endinikela ubungqina kubo? Ngaba ndiye ndibeke isiseko sokubuyela ngokushiya abantu nombuzo esiza kuwuxubusha kwixesha elizayo? Ukuba ndifundisisa iBhayibhile nomntu, ngaba ndisebenzela ukuphucula njengomfundisi ofikelela intliziyo?’Musa ukujonga inkqubela ngokwamalungelo enkonzo owanikwayo. Inkqubela yakho ayibonwa kwisabelo, kodwa ibonwa koko ukwenzayo ngeso sabelo. Ukuba unikwe isabelo esibandakanya ukufundisa, zibuze: ‘Ngaba ngokwenene ndisebenzise ubuchule bokufundisa? Ngaba laa mbandela ndiwusingathe ngohlobo lokuba wenze umahluko kubomi babantu abaphulaphuleyo?’
Xa ubongozwa ukuba usebenzise isiphiwo sakho kuthethwa ukuba uthabathe inyathelo kuqala. Ngaba iba nguwe othabatha inyathelo kuqala lokusebenza nabanye kubulungiseleli basentsimini? Ngaba uye ukhangele amathuba okunceda amalungu ebandla lakho asematsha, aselula okanye ampilo inkenenkene? Ngaba uye uzenze ufumanekele ukucoca iHolo yoBukumkani okanye ukuncedisa ngeendlela ezahlukeneyo kwiindibano ezinkulu nezincinane? Ngaba unako ukubhalisa njengovulindlela ongumncedani ngamaxesha athile? Ngaba unokukwazi ukukhonza njengovulindlela othe ngxi okanye ukunceda kwibandla elinentswelo engakumbi? Ukuba ungumzalwana, ngaba uzabalazela ukuhlangabezana neemfaneleko zeZibhalo zezicaka zolungiselelo nabadala? Ukukulungela kwakho ukunceda nokwamkela imbopheleleko kuluphawu lokuhambela phambili.—INdu. 110:3.
Indima Ephunyezwa Ngamava
Ukuba uziva usikelwe umda ngenxa yokungabi namava kwindlela yamaKristu yokuphila, mus’ ukutyhafa. ILizwi likaThixo linako ‘ukumenza abe nobulumko ongenamava.’ (INdu. 19:7; 119:130; IMize. 1:1-4) Ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile kusinika ithuba lokuba singenelwe kubulumko obugqibeleleyo bukaYehova, obubaluleke ngaphezulu kunazo naziphi na izinto esizifunde ngamava kuphela. Ukanti, njengoko sisenza inkqubela kwinkonzo esiyinikela kuYehova, sifumana amava axabisekileyo. Sinokuwasebenzisa njani ngendlela eyingenelo?
Akuba etyhubele iimeko ezahlukahlukeneyo ebomini, ubani usenokutyekela ekuthini: ‘Ndikhe ndadibana nemeko elolu hlobo ngaphambili. Ndiyayazi into endimele ndiyenze.’ Ngaba oku kulikhondo lobulumko? IMizekeliso 3:7 iyalumkisa: “Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo.” Ngokuqinisekileyo amava afanele ayenze iphangalale imbono yethu ngezinto ezimele ziqwalaselwe xa sihlangabezana neemeko ezithile ebomini. Kodwa ukuba senza inkqubela ngokomoya, amava ethu afanele ayibethelele ezingqondweni zethu nasezintliziyweni zethu into yokuba sifuna intsikelelo kaYehova ukuze siphumelele. Ngoko ke, inkqubela yethu ayenziwa ibonakale ngokusingatha iimeko ezithile ngokuzithemba, kodwa ibonakala ngokukhangela kuYehova ukuze sifumane ulwalathiso ebomini bethu. Ibonakala ngokuba nentembelo yokuba akukho nto inokwenzeka ngaphandle kwemvume yakhe nangokuqhubeka simthemba yaye simthanda uBawo wethu osezulwini.
Qhubeka Usolulela Phambili
Umpostile uPawulos, nangona wayeqolile ngokomoya, engumKristu othanjisiweyo, wayiqonda into yokuba kwakufuneka aqhubeke ‘esolulela phambili’ ukuze alufikelele usukelo lobomi. (Fil. 3:13-16) Ngaba nawe unaloo mbono?
Ingakanani inkqubela osele uyenzile? Ukuze ubone inkqubela oyenzileyo, hlola umlinganiselo oye wambatha ubuntu obutsha ngawo, umlinganiselo oye wazithoba ngawo kulongamo lukaYehova, kunye nomlinganiselo ozisebenzisa ngawo iziphiwo onazo ekuzukiseni uYehova. Njengoko ungenelwa kwimfundo yeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, iimpawu ezibalaseliswe kwiLizwi likaThixo zifanele ziye zibonakala kwindlela othetha nofundisa ngayo. Hlala uzikhumbula ezi nkalo zokukhula kwakho. Ewe, zivuyele, yaye ukuhambela phambili kwakho kuya kubonakala lula.