Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 8

Izigebenga Emhlabeni

Izigebenga Emhlabeni

UKUBA kuza kuwe umntu omde ofika eluphahleni lwendlu yakowenu, ubungacinga ntoni? Loo mntu ubengasisigebenga! Ngaxa lithile ngokwenene kwakukho izigebenga emhlabeni. IBhayibhile ibonisa ukuba ooyise babeziingelosi zasezulwini. Kodwa yayinokwenzeka njani loo nto?

Khumbula, ingelosi engendawo enguSathana yayixakekile ibangela inkathazo. Yayizama nokubangela iingelosi zikaThixo zibe ngendawo. Ekuhambeni kwexesha, ezinye iingelosi zamphulaphula uSathana. Zawuyeka umsebenzi ezaziwabelwe nguThixo ezulwini. Zehlela emhlabeni zaza zazenzela imizimba yabantu. Ngaba uyasazi isizathu?

IBhayibhile ithi kungenxa yokuba aba nyana bakaThixo babona iintombi ezintle emhlabeni baza bafuna ukuhlala nazo. Beza ke emhlabeni bazitshata ezi ntombi. IBhayibhile ithi oko kwakuphosakele, kuba uThixo wazenzela ukuba ziphile ezulwini iingelosi.

Abafazi bezi ngelosi bazala abantwana yaye aba bantwana babahlukile. Kuqala kusenokuba babengakhangeleki bahluke gqitha. Kodwa bakhula bagqithisela, baza bomelela ngakumbi, de bazizigebenga.

Ezi zigebenga zazingendawo. Yaye kuba zazizikhulu yaye zomelele kangako, zazibenzakalisa abantu. Zazama ukunyanzelela wonk’ ubani ukuba ngendawo njengazo.

UEnoki wayefile, kodwa ngoku kwakukho omnye umntu emhlabeni owayelungile. Igama lalo mntu lalinguNowa. Wayesoloko esenza okufunwa nguThixo.

Ngenye imini uThixo wamxelela uNowa ukuba lalifikile ixesha lokuba atshabalalise bonke abantu abangendawo. Kodwa uThixo wayeza kumsindisa uNowa, intsapho yakhe nezilwanyana ezininzi. Makhe sibone ukuba uThixo wakwenza njani oku.