Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 9

UNowa Wakha Umkhombe

UNowa Wakha Umkhombe

UNOWA wayenomfazi noonyana abathathu. Amagama oonyana bakhe yayinguShem, uHam noYafete. Yaye ngamnye kubo wayenomfazi. Ngoko kwakukho abantu abasibhozo kwintsapho kaNowa.

UThixo wafuna ukuba uNowa enze into engaqhelekanga. Wamxelela ukuba akhe umkhombe. Lo mkhombe wawumkhulu njengenqanawa, kodwa wawufana nebhokisi enkulu ende. UThixo wathi: ‘Wenze ube nemigangatho emithathu ukuphakama, uze wenze amagumbi kuwo.’ Kula magumbi kwakuza kuhlala uNowa nentsapho yakhe, izilwanyana, kwanokutya kwabo bonke.

Kwakhona uThixo wathi kuNowa makawenze umkhombe ukuze ungangeni manzi. UThixo wathi: ‘Ndiza kuhlisa umkhukula wamanzi ukutshabalalisa ihlabathi lonke. Wonke umntu ongekho emkhombeni uya kufa.’

UNowa noonyana bakhe bamthobela uYehova baza baqalisa ukwakha. Kodwa abanye abantu basuka bamhleka. Baqhubeka besenza izinto ezimbi. Akukho mntu wamkholelwayo uNowa xa wabaxelelayo okwakuza kwenziwa nguThixo.

Kwathabatha ixesha elide ukwakha umkhombe ngenxa yokuba wawumkhulu. Ekugqibeleni, emva kweminyaka, wagqitywa. Ngoku uThixo waxelela uNowa ukuba angenise izilwanyana. UThixo wathi makangenise ngambini kwiintlobo ezithile zezilwanyana, imazi nenkunzi. Kodwa kwezinye iintlobo zezilwanyana, uThixo wathi uNowa makangenise zibe sixhenxe. Kwakhona uThixo wathi kuNowa makangenise zonke iintlobo ezahlukeneyo zeentaka. UNowa wakwenza konke oko wayekuthethile uThixo.

Kamva, uNowa nentsapho yakhe nabo bangena emkhombeni. Emva koko uThixo waluvala ucango. Ngaphakathi, uNowa nentsapho yakhe babelindile. Khawuzithelekelele ulapho emkhombeni nabo, ulindile. Ngaba wawuza kubakho ngokwenene umkhukula njengokutsho kukaThixo?