ICANDELO 2
UMkhukula Kuse Ekukhululweni EYiputa
Ngabantu abasibhozo kuphela abasindayo kuMkhukula kodwa ekuhambeni kwexesha banda bangamawaka amaninzi. Kwaza ke kwiminyaka engama-352 emva koMkhukula, kwazalwa uAbraham. Siza kufunda indlela uThixo awasigcina ngayo isithembiso sakhe ngokunika uAbraham unyana ogama linguIsake. Kwathi ke, koonyana ababini bakaIsake, uThixo wanyula uYakobi.
UYakobi waba nentsapho enkulu yoonyana abali-12 kwaneentombi. Oonyana abali-l0 bakaYakobi babemthiyile umninawa wabo uYosefu baza bamthengisa ebukhobokeni eYiputa. Kamva, uYosefu waba ngumlawuli omkhulu eYiputa. Ekufikeni kwendlala eyoyikekayo, uYosefu wabalinga abakhuluwa bakhe ukuze abone ukuba baguqukile kusini na. Ekugqibeleni, intsapho kaYakobi yonke, amaSirayeli, yafudukela eYiputa. Oku kwenzeka kwiminyaka engama-290 emva kokuzalwa kuka-Abraham.
Kwiminyaka elandelayo engama-215 amaSirayeli ahlala eYiputa. Emva kokufa kukaYosefu, aba ngamakhoboka. Ekuhambeni kwexesha, kwazalwa uMoses, yaye uThixo wamsebenzisa ukukhulula amaSirayeli eYiputa. Lilonke, kwiCandelo LESIBINI kugutyungelwa iminyaka yembali engama-857.
KWELI CANDELO
IBALI 12
Abantu Bakha Inqaba Enkulu
UThixo zange ayithande le nto, abantu basaphila ngendlela awabohlwaya ngayo nanamhlanje.
IBALI 13
UAbraham—Umhlobo KaThixo
Kwakutheni ukuze uAbraham ashiye umzi wakhe awayephila kamnandi kuwo aze aye kuphila ezintenteni?
IBALI 14
UThixo Uvavanya Ukholo Luka-Abraham
Kwakutheni ukuze uThixo acele uAbraham ukuba anikele ngoIsake?
IBALI 16
UIsake Ufumana Umfazi Olungileyo
Yintoni eyabangela ukuba uRebheka abe ngumfazi ofanelekileyo? Bubuhle bakhe, okanye yenye into?
IBALI 17
Amawele Ahlukileyo
Uyise uIsake wayethanda uEsawu ngaphezu koYakobi, yena unina wayethanda uYakobi.
IBALI 19
Intsapho Enkulu KaYakobi
Ngaba izizwe eziyi-12 zakwaSirayeli zabizwa ngamagama oonyana bakaYakobi abayi-12?
IBALI 21
AbantakwaboYosefu Bamthiyile
Yintoni eyabangela ukuba abanye abantwakwabo bafune ukumbulala?
IBALI 24
UYosefu Ulinga Abantakwabo
Wayeza kwazi njani ukuba abasafani nangokuya babemthengisela ukuba ayoba likhoboka?
IBALI 25
Intsapho Ifudukela EYiputa
Kwakutheni ukuze intsapho kaYakobi ibizwe ngokuba ngamaSirayeli endaweni yokuba kuthiwe luhlanga lukaYakobi?
IBALI 26
UYobhi Uyathembeka KuThixo
UYobhi walahlekelwa bubutyebi, wagula, waswelekelwa nangabantwana bakhe. Ngaba uThixo wayemohlwaya?
IBALI 27
Ukumkani Okhohlakeleyo WaseYiputa
Kwakutheni ukuze axelele abantu bakhe ukuba babulale bonke abantwana bamaSirayeli abangamakhwenkwe?
IBALI 28
Ukuhlangulwa Kosana OlunguMoses
Umama kaMoses walufihla usana lwakhe ngoxa umthetho wawusithi bonke abantwana bamaSirayeli abangamakhenkwe mababulawe.
IBALI 29
Isizathu Sokuba UMoses Abaleke
Xa wayeneminyaka eyi-40, uMoses wayecinga ukuba angawasindisa amaSirayeli, kodwa wayengekakulungeli ukwenza loo nto.
IBALI 30
Ityholo Elitshayo
Esebenzisa imimangaliso, uThixo uxelela uMoses ukuba lifikile ixesha lokuba uMoses akhokele amaSirayeli aphume eYiputa.
IBALI 32
Izibetho Ezili-10
UThixo wahlisela izibetho eziyi-10 iYiputa, ngenxa yokuba umlawuli wakhona uFaro wayengavumi ukukhulula amaSirayeli.
IBALI 33
Ukuwela ULwandle Olubomvu
UMoses wahlula uLwandle Olubomvu ngamandla kaThixo, AmaSirayeli anqumla kumhlaba owomileyo.