Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 30

Ityholo Elitshayo

Ityholo Elitshayo

UMOSES wayehambe indlela ende ukuza entabeni yaseHorebhe ukuze azifumanele ingca izimvu zakhe. Wabona ityholo lisitsha kodwa lingade liphele!

‘Ngummangaliso lo,’ wacinga njalo uMoses. ‘Makhe ndisondele ndibone kakuhle.’ Ekusondeleni, kwaphuma ilizwi etyholweni, lisithi: ‘Musa ukusondela. Khulula iimbadada zakho, kuba umi kumhlaba ongcwele.’ YayinguThixo owayethetha ngengelosi, ngoko uMoses wabufihla ubuso bakhe.

Wathi ke uThixo: ‘Ndizibonile iintsizi zabantu bam eYiputa. Ngoko ndiza kubakhulula yaye ndithumela wena ukuba ukhokele abantu bam baphume eYiputa.’ UYehova wayeza kuzisa abantu bakhe kwilizwe elihle laseKanan.

Kodwa uMoses wathi: ‘Ndingubani na mna? Ndingayenza njani le nto? Kodwa ke masithi ndiyaya. AmaSirayeli aya kuthi kum, “Uthunywe ngubani na?” Ndothini na ke mna?’

‘Wothi,’ uThixo waphendula. ‘“UYEHOVA uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, undithumile kuni.”’ Waza wongezelela uYehova wathi: ‘Ligama lam elo ngonaphakade.’

‘Kodwa masithi abakholwa xa ndisithi undithumile,’ waphendula ngelitshoyo uMoses.

‘Yintoni na esesandleni sakho?’ wabuza uThixo.

UMoses waphendula: ‘Yintonga.’

‘Yiphose emhlabeni,’ watsho uThixo. Yaye xa wayiphosayo uMoses intonga yaba yinyoka. Emva koko uYehova wabonisa uMoses omnye ummangaliso. Wathi: ‘Khawufake isandla sakho kwisambatho sakho.’ UMoses wasifaka yaye ekusikhupheni kwakhe sasimhlophe njengekhephu! Isandla saba ngathi sithwaxwe sisifo esoyikekayo seqhenqa. Emva koko uYehova wanika uMoses amandla okwenza ummangaliso wesithathu. Ekugqibeleni wathi: ‘Ekuyenzeni kwakho le mimangaliso amaSirayeli aya kukholelwa ukuba ndikuthumile.’

Emva koko uMoses wagoduka waza wathi kuYitro: ‘Khawundivumele ndibuyele kubazalwana bam eYiputa ndibone ukuba baphila njani na.’ Ngoko uYitro wathi ndlela-ntle kuMoses, waza uMoses waqalisa uhambo lwakhe olubuyela eYiputa.