Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 19

Intsapho Enkulu KaYakobi

Intsapho Enkulu KaYakobi

KHAWUKHANGELE le ntsapho inkulu kangaka. Ngoonyana abali-12 bakaYakobi aba. Yaye wayenazo neentombi. Ngaba uyawazi amagama abanye babantwana bakhe? Makhe sive ngabanye babo.

ULeya wazala uRubhen, uSimeyon, uLevi noYuda. Xa uRakeli wabonayo ukuba akafumani bantwana, waba buhlungu gqitha. Ngoko wanikela ngekhobokazana lakhe uBhiliha kuYakobi, waza uBhiliha wazala oonyana ababini, uDan noNafetali. NoLeya wanikela ngesicakakazi sakhe uZilipa kuYakobi, waza uZilipa wazala uGadi noAshere. Ekugqibeleni uLeya wazala abanye oonyana ababini, uIsakare noZebhulon.

Ekugqibeleni uRakeli wazala umntwana. Wamthiya igama elinguYosefu. Kamva siza kufunda okuninzi ngoYosefu, kuba waba ngumntu odume kunene. Aba ngoonyana abali-11 abazalelwa uYakobi xa wayehlala noyise kaRakeli uLabhan.

UYakobi wayenazo neentombi, kodwa iBhayibhile ikhankanya igama lentombi enye kuphela. Igama layo lalinguDina.

Kwafika ixesha lokuba uYakobi enze isigqibo sokumka kwaLabhan aze abuyele kwaKanan. Ngoko wahlanganisa intsapho yakhe enkulu nemihlambi yakhe emikhulu yezimvu neenkomo, waza waqalisa uhambo olude.

Emva kwethutyana uYakobi nentsapho yakhe bebuyele kwaKanan, uRakeli wazala omnye unyana. Babesendleleni ukumzala kwakhe. Kwaba nzima kuRakeli yaye ekugqibeleni wafa ebeleka. Kodwa lona usana oluyinkwenkwe lwaluphilile. UYakobi waluthiya ngokuba nguBhenjamin.

Sifuna ukuwakhumbula amagama oonyana abali-12 bakaYakobi kuba lulonke uhlanga lwakwaSirayeli lwavela kubo. Enyanisweni, izizwe ezili-12 zakwaSirayeli zithiywe ngamagama oonyana abali-10 bakaYakobi noonyana ababini bakaYosefu. UIsake waphila iminyaka emininzi emva kokuzalwa kwala makhwenkwe yaye umele ukuba wakuvuyela ukuba nabazukulwana abaninzi kangaka. Kodwa masibone okwehlela uDina umzukulwana wakhe.