Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 11

Umnyama Wokuqala

Umnyama Wokuqala

NGABA uyayazi into yokuqala eyenziwa nguNowa xa yena nentsapho yakhe baphuma emkhombeni? Wenza umnikelo okanye isipho kuThixo. Nanko esenza oku kumfanekiso ongezantsi. UNowa wanikela esi sipho sezilwanyana ebulela uThixo ngokusindisa intsapho yakhe kumkhukula omkhulu.

Ngaba ucinga ukuba uYehova wakholiswa sesi sipho? Ewe, wakholiswa. Yaye ke wamthembisa uNowa ukuba akanakuze abuye alitshabalalise ngomkhukula ihlabathi.

Kungekudala wonke umhlaba wawomile, yaye uNowa nentsapho yakhe baqalisa ubomi obutsha ngaphandle komkhombe. UThixo wabasikelela waza wabaxelela: ‘Zalani abantwana abaninzi. Yandani nibe baninzi de abantu baphile kuwo wonke umhlaba.’

Kodwa kamva, xa abantu besiva ngomkhukula omkhulu, babenokoyika ukuba umkhukula onjalo unokuphinda ubekho. Ngoko uThixo wanikela into ethile ukukhumbuza abantu ngesithembiso sakhe sokungaphindi awugubungele ngamanzi umhlaba. Ngaba uyayazi into awabanika yona ukubakhumbuza? Ngumnyama.

Ngokufuthi umnyama ubonwa esibhakabhakeni xa kukhanyisa ilanga emva kwemvula. Umnyama unemibala emininzi emihle. Ngaba wakha wawubona? Uyawubona na lo ukulo mfanekiso?

Wathi uThixo: ‘Ndithembisa ukuba abantu nezilwanyana abanakuze baphinde batshatyalaliswe ngomkhukula wamanzi. Ndibeka umnyama emafini. Xa kubonakala umnyama, ndiya kuwubona, ndize ndikhumbule esi sithembiso sam.’

Ngoko xa ubona umnyama, umele ukukhumbuze ngantoni? Ewe, ngesithembiso sikaThixo sokuba akasayi kuphinda atshabalalise ihlabathi ngomkhukula omkhulu wamanzi.