Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 33

Ukuwela ULwandle Olubomvu

Ukuwela ULwandle Olubomvu

KHANGELA le nto yenzekayo! NguMoses lo wolule intonga yakhe phezu koLwandle Olubomvu. Aba bakunye naye ngaphesheya ngamaSirayeli. Kodwa uFaro nomkhosi wakhe wonke barhaxwa lulwandle. Masibone ukuba yenzeka njani le nto.

Njengokuba sifundile, uFaro waxelela amaSirayeli ukuba emke eYiputa emva kokuba uThixo ezise isibetho se-10 kumaYiputa. Kwahamba malunga namadoda amaSirayeli angama-600 000, kwanabafazi abaninzi nabantwana. Kwaneqela elikhulu labanye abantu abakholwayo kuYehova, bahamba namaSirayeli. Bonke bahamba nezimvu, iibhokhwe neenkomo zabo.

Ngaphambi kokuba ahambe, amaSirayeli acela kumaYiputa iimpahla nezinto zegolide nezesilivere. AmaYiputa ayesoyika kunene ngenxa yesibetho sokugqibela esawafikelayo. Ngoko anika amaSirayeli yonke into awayeyicela.

Emva kweentsuku ezimbalwa amaSirayeli afika kuLwandle Olubomvu. Afika apho aphumla. Kusenjalo, uFaro namadoda akhe bazisola ngokuwakhulula amaSirayeli. ‘Sivumele amakhoboka ethu ahamba!’ batsho.

Ngoko uFaro wayitshintsha kwakhona ingqondo yakhe. Ngokukhawuleza walungisa iinqwelo zakhe zokulwa nomkhosi wakhe. Ngoko waleqa amaSirayeli ngeenqwelo ezikhethekileyo ezingama-600 kwanazo zonke ezinye iinqwelo zokulwa zaseYiputa.

Athi amaSirayeli akubona uFaro nomkhosi wakhe esiza emva kwawo, oyika gqitha. Kwakungekho ndlela yakubaleka. YayiluLwandle Olubomvu kwelinye icala, ingamaYiputa kwelinye. Kodwa uYehova wabeka ilifu phakathi kwabantu bakhe namaYiputa. Ngoko amaYiputa akakwazanga ukuwabona amaSirayeli ukuze awahlasele.

Wandula uYehova waxelela uMoses ukuba olule intonga yakhe phezu koLwandle Olubomvu. Ekuyoluleni kwakhe, uYehova wabangela ukuba kubhudle umoya onamandla wasempuma. Amanzi olwandle ahlukana kubini, aza ema macala omabini.

Emva koko amaSirayeli aqalisa ukuwela elwandle kumhlaba owomileyo. Kwathabatha iiyure ukuba izigidi zabantu nayo yonke imfuyo yabo bawelele ngaphesheya kolwandle. Ekugqibeleni amaYiputa awabona kwakhona amaSirayeli. Nango amakhoboka awo esimka! Ngoko angena buphuthuphuthu elwandle ewalandela.

Ekungeneni kwawo, uThixo wawisa amavili eenqwelo zawo zamahashe. Oyika gqitha amaYiputa aza akhala: ‘UYehova uyawalwela amaSirayeli ngokuchasene nathi. Masimke kule ndawo!’ Kodwa ayesele eshiywe lixesha.

Kungelo xesha ke uYehova awathi kuMoses makolule intonga yakhe phezu koLwandle Olubomvu, njengokuba ubonile emfanekisweni. Yaye wathi akuyolula intonga yakhe uMoses, iindonga zamanzi zahlangana zagubungela amaYiputa neenqwelo zawo zamahashe. Wonke umkhosi wawungene elwandle ulandela amaSirayeli. Ngoko akukho namnye umYiputa owasindayo!

Hayi indlela abavuya ngayo bonke abantu bakaThixo kuba besindile! Amadoda avuma ingoma yombulelo kuYehova, esithi: ‘UYehova uzuze uloyiso oluzukileyo. Uphosele amahashe nabakhweli bawo elwandle.’ UdadeboMoses uMiriyam wathabatha intambula yakhe, aza namanye amabhinqa amlandela ngeentambula zawo. Bangqungqa ngovuyo, bavuma ingoma efana naleyo yayivunywa ngamadoda: ‘UYehova uzuze uloyiso oluzukileyo. Uphosele amahashe nabakhweli bawo elwandle.’