Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 22

UYosefu Ufakwa Entolongweni

UYosefu Ufakwa Entolongweni

UYOSEFU une-17 leminyaka kuphela ubudala ngexesha lokusiwa kwakhe eYiputa. Apho uthengiswa kuPotifare. UPotifare usebenzela ukumkani waseYiputa ogama linguFaro.

UYosefu uyisebenzela nzima inkosi yakhe, uPotifare. Ngoko ekukhuleni kukaYosefu, uPotifare umenza umveleli wendlu yakhe iphela. Kutheni ke uYosefu elapha entolongweni? Kungenxa yomkaPotifare.

Ekukhuleni kwakhe, uYosefu uba yindoda entle ngenkangeleko yaye umkaPotifare ufuna alale naye. Kodwa uYosefu uyazi ukuba le nto iphosakele, yaye akavumi ukuyenza. UmkaPotifare uba nomsindo. Ngoko ekufikeni kwendoda yakhe ekhaya, uyayixokisa aze athi: ‘Laa Yosefu ungcolileyo uzame ukundilala!’ UPotifare uyamkholelwa umkakhe, aze abe nomsindo kunene ngale nto yenziwe nguYosefu. Ngoko ufakwa entolongweni.

Ngokukhawuleza umphathi wentolongo uyabona ukuba uYosefu yindoda elungileyo. Ngoko umenza umveleli wawo onke amabanjwa. Kamva uFaro ucatshukiswa ngumngcamli wakhe nomoji wezonka, aze abafake entolongweni. Ngabusuku buthile ngamnye kubo uphupha iphupha elingaqhelekanga, kodwa abazi ukuba athetha ukuthini. Ngengomso uYosefu uthi: ‘Khanindixelele amaphupha enu.’ Emva kokuba bemxelele, ngoncedo lukaThixo uYosefu ubachazela intsingiselo yamaphupha abo.

Kumngcamli, uYosefu uthi: ‘Kwiintsuku ezintathu, uya kukhululwa entolongweni, uze uphinde ube ngumngcamli kaFaro.’ Aze uYosefu ongezelele athi: ‘Ekuphumeni kwakho, mxelele ngam uFaro, undincede ndiphume kule ndawo.’ Kodwa kumbhaki wezonka, uYosefu uthi: ‘Kwiintsuku nje ezintathu uFaro uya kuyinqumla intloko yakho.’

Kwiintsuku ezintathu kwenzeka kanye njengokutsho kukaYosefu. UFaro uyayinqumla intloko yombhaki wezonka. Yena umngcamli uyakhululwa entolongweni aze akhonze ukumkani kwakhona. Kodwa umngcamli umlibala shici uYosefu! Akamxeleli uFaro ngaye yaye uYosefu uhlala entolongweni.