ICANDELO 3
Ukukhululwa EYiputa Kuse Kukumkani Wokuqala KaSirayeli
UMoses wakhokela amaSirayeli ekuphumeni ekuthinjweni eYiputa ukuya kwiNtaba yeSinayi, apho uThixo wawanika imithetho yakhe. Kamva, uMoses wathumela amadoda ali-12 ukuya kuhlola ilizwe lakwaKanan. Kodwa ali-10 kuwo abuya nengxelo embi. Abangela abantu bafuna ukubuyela eYiputa. Ngenxa yokuswela kwawo ukholo, uThixo wawohlwaya amaSirayeli ngokuwabhadulisa entlango kangangama-40 eminyaka.
Ekugqibeleni, uYoshuwa wanyulwa ukukhokelela amaSirayeli ezweni lakwaKanan. Ukuze awancede afumane ilizwe, uYehova wenza imimangaliso. Womisa amanzi oMlambo iYordan, wadiliza iindonga zeYeriko, wemisa nelanga imini yonke. Emva kweminyaka emithandathu, ilizwe lathatyathwa kumaKanan.
Ukususela kuYoshuwa, uSirayeli walawulwa ngabagwebi iminyaka engama-356. Sifunda ngabaninzi kubo, kuquka uBharaki, uGidiyon, uYifeta, uSamson noSamuweli. Kwakhona sifunda ngabafazi abanjengoRahabhi, uDebhora, uYaheli, uRute, uNahomi noDelila. Lilonke, iCandelo LESITHATHU ligubungela iminyaka engama-396 yembali.
KWELI CANDELO
IBALI 34
Uhlobo Olutsha Lokutya
Oku kutya kungaqhelekanga kuvela kuThixo kwehla kuvela esibhakabhakeni.
IBALI 36
Ithole Legolide
Yintoni eyabangela ukuba abantu banqule umfanekiso owenziwe ngamacici anyibilikisiweyo?
IBALI 38
Iintlola Ezili-12
Eziyi-10 zithetha into eyahlukileyo kwezimbini. Akholelwa eziphi amaSirayeli?
IBALI 39
Intonga Ka-Aron Iphuma Iintyatyambo
Kwenzeka njani ukuba intonga iphume iintyatyambo neziqhamo ngobusuku nje obunye?
IBALI 41
Inyoka Yobhedu
Kwakutheni ukuze uThixo athumele iinyoka ezibulalayo ukuba ziye kutya amaSirayeli?
IBALI 43
UYoshuwa Uba Yinkokeli
UMoses usomelele, ngoko kutheni kusetyenziswa uYoshuwa endaweni yakhe?
IBALI 44
URahabhi Ufihla Iintlola
URahabhi uwanceda njani amadoda amabini, ucela ukuba amenzele ntoni?
IBALI 48
AmaGibheyon Alumkileyo
Aqhatha uYoshuwa namaSirayeli efuna babe noxolo nawo, kodwa amaSirayeli akazange ajike kwisithembiso sawo.
IBALI 49
Ilanga Lima Ngxi
UYehova ubangela ukuba uYoshuwa enze into angazange wayenza nangazange aphinde ayenze.
IBALI 50
Abafazi Ababini Abakhaliphileyo
Ukuba nguBharaki ukhokela umkhosi wamaSirayeli emfazweni, kutheni kuzukiswa uYaheli?
IBALI 52
UGidiyon Namadoda Akhe Angama-300
UThixo uvavanya amadoda ambalwa aza kuba kulo mkhosi ngokuwaselisa emlanjeni.
IBALI 55
Inkwenkwana Ikhonza UThixo
UThixo usebenzisa umfanyana uSamuweli ukuba ase umyalezo obuhlungu kuMbingeleli Omkhulu uEli.