Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 42

Idonki Iyathetha

Idonki Iyathetha

NGABA wakha wayiva idonki ithetha? ‘Hayi,’ unokutsho. ‘Izilwanyana azinakuthetha.’ Kodwa iBhayibhile ithi idonki yathetha. Masibone ukuba kwenzeka njani oku.

AmaSirayeli phantse ukuba sele ekulungele ukungena elizweni lakwaKanan. UBhalaki, ukumkani wakwaMowabhi, uyawoyika amaSirayeli. Ngoko uthumela ukuba kubizwe inene elinguBhileham ukuza kuqalekisa amaSirayeli. UBhalaki uthembisa ukunika uBhileham intywenka yemali, ngoko uBhileham ukhwela edonkini yakhe aze aqalise uhambo lwakhe ukuza kubona uBhalaki.

UYehova akafuni ukuba uBhileham aqalekise abantu Bakhe. Ngoko uthumela ingelosi enekrele elide ukuze ime endleleni inqande uBhileham. UBhileham akayiboni ingelosi, kodwa idonki yakhe iyayibona. Ngoko idonki izama ukuyibaleka ingelosi, ize ekugqibeleni ilale phantsi endleleni. UBhileham uyacaphuka, aze ayibethe ngentonga idonki yakhe.

UYehova ubangela uBhileham eve idonki yakhe ithetha naye. ‘Ndenze ntoni na undibetha nje?’ idonki iyabuza.

‘Undenza isidenge,’ utsho uBhileham. ‘Ukuba bendinekrele ngendikubulala!’

‘Ndakha ndakuphatha ngolu hlobo na ngaphambili?’ idonki iyabuza.

‘Hayi,’ uphendula atsho uBhileham.

Ngoko uYehova wenza uBhileham ayibone ingelosi enekrele imi endleleni. Ingelosi ithi: ‘Ubuyibethela ntoni na idonki yakho? Ndize kuvala indlela yakho, kuba akufanele kuya kuqalekisa amaSirayeli. Ukuba idonki yakho ibingazamanga ukundibaleka, ngendikubethe wafa, kodwa ngendingayenzakalisanga idonki yakho.’

UBhileham uthi: ‘Ndonile. Bendingazi ukuba umi endleleni.’ Ingelosi iyamyeka ahambe uBhileham, aze aye kubona uBhalaki. Sekunjalo uzama ukuwaqalekisa amaSirayeli, kodwa kunoko, uYehova umenza awasikelele izihlandlo ezithathu amaSirayeli.