Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 49

Ilanga Lima Ngxi

Ilanga Lima Ngxi

KHANGELA uYoshuwa. Uthi: ‘Yima langa!’ Yaye okunene ilanga liyema. Lima apho phakathi esibhakabhakeni imini yonke. Le nto yenziwe nguYehova! Kodwa masibone isizathu sokuba uYoshuwa afune ilanga lihlale likhanyisile.

Xa ookumkani abahlanu belizwe lakwaKanan beqalisa ukulwa namaGibheyon, amaGibheyon athumela umntu ukuya kucela uncedo kuYoshuwa. ‘Yiza kuthi ngokukhawuleza!’ utsho. ‘Sisindise! Bonke ookumkani belizwe lasezintabeni bazokulwa nabakhonzi bakho.’

Kwangoko uYoshuwa nawo onke amadoda akhe okulwa bayahamba. Bahamba ubusuku bonke. Xa befika eGibheyon, amajoni ookumkani abahlanu ayoyika aze aqalise ukubaleka. Emva koko uYehova unisa isichotho esinamandla esibhakabhakeni, yaye kufa amajoni angakumbi ngokubethwa ngamatye esichotho kunalawo abulawa ngamajoni kaYoshuwa.

UYoshuwa uyabona ukuba kungekudala ilanga liza kutshona. Kuza kuba mnyama, yaye uninzi lwamajoni ookumkani abangendawo abahlanu luya kubaleka. Kungenxa yoko le nto uYoshuwa ethandaza kuYehova aze athi: ‘Yima langa!’ Yaye xa ilanga lihlala likhanyisile, amaSirayeli ayakwazi ukugqibezela umlo.

Kukho ookumkani abaninzi ngakumbi abangendawo kwaKanan ababathiyileyo abantu bakaThixo. UYoshuwa nomkhosi wakhe bathabatha malunga neminyaka emithandathu ukoyisa ookumkani abangama-31 elizweni. Xa kwenziwe oku, uYoshuwa ulungiselela ukuba ilizwe lakwaKanan lahlulahlulelwe ezo zizwe zazisafuna umhlaba.

Kudlula iminyaka emininzi, yaye ekugqibeleni uYoshuwa uyafa eneminyaka eli-110 ubudala. Logama yena nabahlobo bakhe besaphila, abantu bayamthobela uYehova. Kodwa xa kusifa la madoda alungileyo, abantu benza okubi yaye bangena enkathazweni. Eli lixesha lokulufuna kwabo ngokwenene uncedo lukaThixo.