Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 53

Isithembiso SikaYifeta

Isithembiso SikaYifeta

NGABA wakha wenza isithembiso waza kamva wakufumanisa kunzima ukusigcina? Indoda ekulo mfanekiso yenjenjalo, yiyo le nto ibuhlungu kangaka. Le ndoda ngumgwebi owayekhaliphile wakwaSirayeli ogama linguYifeta.

UYifeta uphila ngexesha laxa amaSirayeli engasamnquli uYehova. Kwakhona enza okubi. Ngoko uYehova uvumela abantu bakwa-Amoni bawenzakalise. Le nto yenza amaSirayeli akhale kuYehova: ‘Sonile kuwe. Khawusisindise!’

Abantu babuhlungu ngezinto ezimbi abazenzileyo. Babonisa ukuba babuhlungu ngokuphinda bamnqule uYehova. Yaye ke kwakhona uYehova uyabanceda.

UYifeta unyulwa ngabantu ukulwa nama-Amoni angendawo. UYifeta ulufuna kunene uncedo lukaYehova emfazweni. Ngoku uyamthembisa uYehova: ‘Ukuba ungandinika uloyiso kuma-Amoni, umntu wokuqala ukuphuma endlwini yam ukundikhawulela ekubuyeni kwam eloyisweni ndomnikela kuwe.’

UYehova uyasiphulaphula isithembiso sikaYifeta, aze amncede afumane uloyiso. Ekubuyeleni kukaYifeta ekhaya, ngaba uyazi ukuba kuphuma bani kuqala ukuza kumkhawulela? Yintombi yakhe, okuphela komntwana wakhe. ‘Kwowu, ntombi yam!’ uyakhala uYifeta. ‘Hayi ubuhlungu ondizisela bona. Kodwa ndisenzile isithembiso kuYehova, yaye andinakusijika.’

Xa intombi kaYifeta isiva ngesithembiso sakhe, kuqala iba buhlungu gqitha. Kuba kuthetha ukuba kuya kufuneka ishiye uyise nabahlobo. Kodwa iya kuchitha ubomi bayo bonke ikhonza uYehova eShilo. Ngoko ithi kuyise: ‘Ukuba wenze isithembiso kuYehova, kufuneka usigcine.’

Ngoko intombi kaYifeta iya eShilo, yaye ichithela bonke ubomi bayo ekukhonzeni uYehova emnqubeni wakhe. Iintsuku ezine nyaka ngamnye abafazi bakwaSirayeli bayahamba ukuya kuyityelela apho, yaye baba nexesha elimnandi kunye. Abantu bayayithanda intombi kaYifeta kuba ingumkhonzi kaYehova olungileyo.