Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 37

Intente Yonqulo

Intente Yonqulo

UYAZI na ukuba siyintoni esi sakhiwo? Yintente ekhethekileyo yokunqula uYehova. Kuthiwa ngumnquba. Abantu bagqiba ukuyakha unyaka emva kokushiya iYiputa. Ubusazi ukuba ngubani owacinga ukuba yakhiwe?

NguYehova. Ngoxa uMoses wayephezulu eNtabeni yeSinayi, uYehova wamxelela indlela yokwakha le ntente. Wathi mayenziwe ukuze kube lula ukuyichitha. Ngale ndlela yayinokufuduselwa kwenye indawo, ize idityaniswe kwakhona apho. Ngoko xa amaSirayeli ayehambahamba entlango, ayeyithwala ahambe nayo le ntente.

Xa ukhangela ngaphakathi kwigumbi elincinane ekupheleni kwale ntente, ubona ibhokisi, okanye ityesi. Ibizwa ngokuba yityeya yomnqophiso. Yayineengelosi ezimbini okanye iikherubhi ezenziwe ngegolide, kumacala omabini. Kwakhona uThixo wabhala iMiyalelo Elishumi kumacwecwe amabini amatye, kuba uMoses wayewaqhekezile awokuqala. La matye agcinwa ngaphakathi kwetyeya yomnqophiso. Kwakhona, indebe enemana yagcinwa ngaphakathi kwetyeya. Uyakhumbula na ukuba yintoni imana?

UmntakwaboMoses uAron nguye onyulwa nguYehova ukuba ngumbingeleli omkhulu. Ukhokela abantu ekunquleni uYehova. Yaye noonyana bakhe bangababingeleli.

Ngoku khangela kwigumbi elikhulu lentente. Liliphinda kabini ngobukhulu igumbi elincinane. Ngaba uyayibona ibhokisi, okanye ityesi encinane, ekuphuma umsi kuyo? Sisibingelelo apho ababingeleli batshisa khona into enevumba elimnandi ekuthiwa sisiqhumiso. Kukho nesiphatho sezibane esinezibane ezisixhenxe. Yaye into yesithathu kweli gumbi yitafile. Kubekwe izonka ezili-12 kuyo.

Entendelezweni yomnquba kukho isitya esikhulu, esizaliswe ngamanzi. Ababingeleli bawasebenzisa ekuhlambeni. Kukho nesibingelelo esikhulu. Apha kutshiswa izilwanyana ezixheliweyo njengomnikelo kuYehova. Intente imiswe phakathi enkampini, yaye amaSirayeli ahlala ezintenteni zawo eyiphahlile.