Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 40

UMoses Ubetha Iliwa

UMoses Ubetha Iliwa

KUQENGQELEKA i-10 leminyaka, ama-20, ama-30, nama-39 eminyaka! Yaye amaSirayeli asesentlango. Kodwa kuyo yonke le minyaka uYehova uyabanyamekela abantu bakhe. Ubondla ngemana. Emini ubakhokela ngentsika yelifu, ebusuku ngentsika yomlilo. Yaye kuyo yonke le minyaka iimpahla zabo zokunxiba azigugi yaye iinyawo zabo azibi buhlungu.

Ngoku yinyanga yokuqala yonyaka wama-40 okokoko bemkayo eYiputa. Kwakhona amaSirayeli emisa iintente eKadeshe. Le yindawo awayekuyo xa iintlola ezili-12 zathunyelwa ukuhlola ilizwe lakwaKanan malunga nama-40 eminyaka ngaphambili. UdadeboMoses uMiriyam ufela eKadeshe. Yaye njengangaphambili, kukho inkathazo apha.

Abantu abafumani manzi. Ngoko bayakhalaza kuMoses: ‘Ngekulungile ukuba besifile. Kutheni wasikhuphayo nje eYiputa wasizisa kule ndawo imbi apho kungekho nto ikhulayo? Akukho ngqolowa, akukho makhiwane, akukho zidiliya, akukho zirharnati. Akukho namanzi la okusela.’

Xa uMoses noAron besiya kuthandaza emnqubeni, uYehova uthi kuMoses: ‘Hlanganisa abantu. Ke, phambi kwabo bonke thetha kwela liwa liphaya. Kuya kuphuma amanzi awaneleyo kulo ukuze kusele bonke abantu nemfuyo yabo.’

Ngoko uMoses uhlanganisa abantu, aze athi: ‘Phulaphulani, nina ningamthembiyo uThixo! Ngaba mna noAron kufuneka sinikhuphele amanzi kweli liwa?’ Emva koko uMoses ubetha iliwa kabini ngentonga, kuze kumpompoze amanzi amaninzi eliweni. Kukho amanzi awaneleyo okusela abantu bonke nemfuyo.

Kodwa uMoses noAron bayamcaphukisa uYehova. Ngaba uyasazi isizathu? Kungenxa yokuba uMoses noAron bathi bona baza kukhupha amanzi eliweni. Kodwa ngokwenene nguYehova owawakhuphayo. UYehova uthi uza kumohlwaya uMoses noAron ngenxa yokuba bengazange bathethe inyaniso ngale nto. ‘Anisayi kubakhokela ukungena eKanan abantu bam,’ utsho.

Kungekudala amaSirayeli ayayishiya iKadeshe. Emva kwexesha elifutshane afika eNtabeni yeHore. Apha, encotsheni yentaba, uAron uyafa. Une-123 leminyaka ubudala ukufa kwakhe. AmaSirayeli aba lusizi gqitha, yaye ke iintsuku ezingama-30 bonke abantu bamenzela isijwili uAron. Unyana wakhe uEleyazare uba ngumbingeleli omkhulu olandelayo wohlanga lwakwaSirayeli.