Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 54

Eyona Ndoda Inamandla

Eyona Ndoda Inamandla

NGABA uyalazi igama leyona ndoda inamandla yakha yaphila? Ingumgwebi ogama linguSamson. NguYehova owanika uSamson amandla. Kwanangaphambi kokuzalwa kukaSamson, uYehova wathi kunina: ‘Kungekudala uya kuzala unyana. Uya kukhokela ekusindiseni amaSirayeli kumaFilisti.’

AmaFilisti ngabantu abakhohlakeleyo abahlala kwaKanan. Anamadoda amaninzi okulwa, yaye awenzakalisa ngokwenene amaSirayeli. Ngesinye isihlandlo, xa uSamson esendleleni eya apho ahlala khona amaFilisti, kuza ingonyama enkulu igquma, imkhawulela. Kodwa uSamson uyayibulala ingonyama ngezandla zakhe. Ubulala kwanamakhulukhulu amaFilisti angendawo.

Kamva uSamson uthandana nentombi egama linguDelila. Iinkokeli zamaFilisti zithembisa ukuba nganye kuzo iza kunika uDelila i-1 100 leesilivere ukuba uyawaxelela into eyenza uSamson abe namandla angako. UDelila uyayifuna yonke loo mali. Akangomhlobo wokwenene kaSamson, okanye wabantu bakaThixo. Ngoko usoloko embuza uSamson ukuba yintoni na emenza abe namandla angako.

Ekugqibeleni, uDelila wenza uSamson amxelele imfihlelo yamandla akhe. ‘Iinwele zam azizange zichetywe,’ utsho. ‘Ukususela ekuzalweni, uThixo wandinyula njengomkhonzi wakhe ongumNaziri. Ukuba iinwele zam ziyachetywa, amandla am aya kuphela.’

Ekuyiveni kukaDelila le nto, ulalisa uSamson ethangeni lakhe. Emva koko ubiza indoda ukuza kucheba iinwele zakhe. Ekuvukeni kukaSamson, amandla akhe onke aphelile. Ayeza amaFilisti aze amthimbe. Amkhupha amehlo akhe omabini, aze amenze ikhoboka lawo.

Ngenye imini amaFilisti anetheko elikhulu lokunqula uthixo wawo uDagon yaye ayamkhupha uSamson entolongweni aze ahlekise ngaye. Ngelo xesha, iinwele zikaSamson zazikhulile kwakhona. USamson uthi kwinkwenkwe embambe ngesandla: ‘Ndiyeke ndizive iintsika emi ngazo indlu.’ USamson uthandaza kuYehova ecela amandla, aze azibambe iintsika. Uyadanduluka: ‘Mandife namaFilisti.’ Bekukho amaFilisti angama-3 000 emgidini, yaye xa uSamson ethoba ngamandla etyhala iintsika, indlu iyawa kuze kufe bonke abo bantu bangendawo.