Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 76

Ukutshatyalaliswa KweYerusalem

Ukutshatyalaliswa KweYerusalem

SELE kudlule iminyaka engaphezu kwe-10 okokoko uKumkani uNebhukadenetsare wathimba onke amaSirayeli azizifundiswa wawasa eBhabhiloni. Yaye ngoku khangela okwenzekayo! IYerusalem iyatshiswa. Yaye amaSirayeli angazange abulawe athinjelwa eBhabhiloni njengamabanjwa.

Khumbula, abaprofeti bakaYehova balumkisa ngelokuba kwakuya kwenzeka le nto ukuba abantu abaziguquli iindlela zabo ezimbi. Kodwa amaSirayeli awazange abaphulaphule abaprofeti. Aqhubeka nokunqula kwawo oothixo bobuxoki kunoba anqule uYehova. Ngoko abantu bafanele ukohlwaywa. Oku siyakwazi kuba umprofeti kaThixo uHezekile uyasixelela ngezinto ezimbi ezazisenziwa ngamaSirayeli.

Uyazi na ukuba ngubani uHezekile? Ngomnye wabafana uKumkani uNebhukadenetsare awabathimbela eBhabhiloni kwiminyaka engaphezu kwe-10 ngaphambi kokuhla kwale ntshabalaliso inkulu yeYerusalem. UDaniyeli nabahlobo bakhe abathathu, uShadraki, uMeshaki noAbhednego, nabo bathinjelwa eBhabhiloni ngaxeshanye.

Ngoxa uHezekile eseseBhabhiloni, uYehova umbonisa izinto ezimbi ezenzeka emva phayaa kwitempile yaseYerusalem. UYehova ukwenza ngommangaliso oku. Ngokwenene uHezekile useseBhabhiloni kodwa uYehova umenza abone konke okuqhubeka etempileni. Yaye okubonwa nguHezekile kuyothusa!

‘Khangela amasikizi awenziwa ngabantu apha etempileni,’ utsho njalo uYehova kuHezekile. ‘Khangela iindonga ezizele yimifanekiso yeenyoka nezinye izilwanyana. Yaye khangela amaSirayeli ayazinqula!’ UHezekile uyazibona ezi zinto yaye ukubhala phantsi okwenzekayo.

‘Uyakubona na okwenziwa ziinkokeli zakwaSirayeli emfihlekweni?’ uYehova ubuza uHezekile. Ewe, noku uyakubona. Kukho amadoda angama-70 yaye onke anqula oothixo bobuxoki. Athi: ‘UYehova akasiboni. Ulishiyile ilizwe.’

Emva koko uYehova ubonisa uHezekile abafazi abathile kwisango elisemantla etempile. Bahleli apho banqula uthixo wobuxoki uTamuzi. Yaye khangela la madoda asemnyangweni wetempile kaYehova! Amalunga nama-25. UHezekile uyawabona. Aqubudile ejonge ngasempuma anqula ilanga!

‘Aba bantu abandihloneli,’ utsho uYehova. ‘Abenzi nje izinto ezimbi kuphela kodwa beza kanye etempileni yam bazenzele khona!’ Ngoko uYehova uyathembisa: ‘Baya kuweva amandla omsindo wam. Yaye andiyi kubasizela xa betshatyalaliswa.’

Malunga neminyaka nje emithathu emva kokuba uYehova ebonise uHezekile ezi zinto amaSirayeli avukela uKumkani uNebhukadenetsare. Ngoko ke uyahamba aye kulwa nawo. Emva konyaka onesiqingatha amaBhabhiloni adiliza iindonga zeYerusalem aze asitshise siwe bhuma isixeko. Inkoliso yabantu iyafa okanye ithinjelwe eBhabhiloni njengamabanjwa.

Kutheni uYehova evumele le ntshabalaliso yoyikekayo ukuba yehlele amaSirayeli? Kungenxa yokuba akamphulaphulanga uYehova yaye akayithobelanga imithetho yakhe. Oku kusibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukusoloko sisenza okuthethwa nguThixo.

Kuqala kuvunyelwa abantu abambalwa ukuba bahlale elizweni lakwaSirayeli. UNebhukadenetsare umisela umYuda ogama linguGedaliya njengomphathi waba bantu. Kodwa ke amanye amaSirayeli ayambulala uGedaliya. Ngoku abantu bayoyika ukuba amaBhabhiloni aya kuza aze abatshabalalise bonke ngenxa yale nto imbi yenzekileyo. Ngoko banyanzela uYeremiya ukuba ahambe nabo baze babalekele eYiputa.

Ngenxa yoku, kusala kungekho mntu kwaphela kwilizwe lakwaSirayeli. Kangangeminyaka engama-70 akukho mntu uhlala kwelo lizwe. Alinabantu kwaphela. Kodwa uYehova uthembisa ukuba uya kubabuyisela elizweni abantu bakhe emva kweminyaka engama-70. Ebudeni beli xesha, kwenzeka ntoni kubantu bakaThixo elizweni laseBhabhiloni apho bathinjelwe khona? Masibone.