Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 74

Indoda Engoyikiyo

Indoda Engoyikiyo

KHAWUKHANGELE aba bantu bahlekisa ngalo mfana. Ngaba uyamazi? NguYeremiya. Ngumprofeti obaluleke gqitha kaThixo.

Kungekudala emva nje kokuqalisa kukaKumkani uYosiya ukutshabalalisa izithixo kwelo lizwe, uYehova uxelela uYeremiya ukuba abe ngumprofeti wakhe. Noko ke, uYeremiya ucinga ukuba mncinane gqitha ukuba abe ngumprofeti. Kodwa uYehova uthi uza kumnceda.

UYeremiya uxelela amaSirayeli ukuba ayeke ukwenza izinto ezimbi. Uthi: ‘Oothixo abanqulwa ziintlanga ngabobuxoki.’ Kodwa amaSirayeli amaninzi akhetha ukunqula izithixo kunokunqula uThixo oyinyaniso, uYehova. Xa uYeremiya exelela abantu ukuba uThixo uya kubohlwaya ngobubi babo, basuka bamhleke.

Kuqengqeleka iminyaka. UYosiya uyafa yaye kwiinyanga ezintathu kamva, unyana wakhe uYehoyakim uba ngukumkani. UYeremiya usoloko esithi ebantwini: ‘IYerusalem iya kutshatyalaliswa ukuba aniziguquli iindlela zenu ezimbi.’ Ababingeleli bayambamba uYeremiya baze bamemeze: ‘Ufanelwe kukubulawa ngokuthetha ezi zinto.’ Emva koko bathi kwiinkosana zakwaSirayeli: ‘Makabulawe uYeremiya kuba unyelisa isixeko sethu.’

Uza kwenza ntoni uYeremiya ngoku? Akoyiki! Uthi kubo bonke: ‘UYehova undithumile ukuba ndinixelele ezi zinto. Ukuba aniziguquli iindlela zenu ezimbi, uYehova uza kuyitshabalalisa iYerusalem. Kodwa yazini oku: Ukuba niyandibulala, noba nibulala umntu ongenzanga bubi.’

Iinkosana ziyamyeka uYeremiya kodwa amaSirayeli akaziguquli iindlela zawo ezimbi. Kamva uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabhiloni, uze kulwa neYerusalem. Ekugqibeleni uNebhukadenetsare uwenza izicaka zakhe amaSirayeli. Amawaka amaninzi uwathimbela eBhabhiloni. Khawucinge ukuba kunokuba njani na ukuthatyathwa kokwenu ngabantu ongabaziyo bakuse kwilizwe lasemzini!