Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 66

UIzebhele​—Ukumkanikazi Ongendawo

UIzebhele​—Ukumkanikazi Ongendawo

EMVA kokufa kukaKumkani uYerobhoham, kumkani ngamnye olawula kubukumkani basentla bakwaSirayeli bezizwe ezili-10 wenza okubi. UKumkani uAhabhi ngoyena wenza okubi kunabo bonke. Ngaba uyasazi isizathu? Esona sizathu siphambili ngumkakhe, uKumkanikazi uIzebhele ongendawo.

UIzebhele akangomSirayelikazi. Yintombi yokumkani waseSidon. UIzebhele unqula uthixo wobuxoki onguBhahali yaye ubangela ukuba uAhabhi namaSirayeli amaninzi banqule uBhahali. UIzebhele umthiyile uYehova yaye ubulala abaprofeti bakhe abaninzi. Abanye kufuneka bezimele emiqolombeni ukuze bangabulawa. Xa uIzebhele efuna okuthile, ude abulale umntu ukuze akufumane.

Ngenye imini uKumkani uAhabhi ubuhlungu gqitha. UIzebhele uyambuza: ‘Kutheni na ubuhlungu nje namhlanje?’

‘Kungenxa yoko kuthethwe nguNabhoti kum,’ uyaphendula uAhabhi. ‘Bendifuna ukuthenga isidiliya sakhe. Kodwa uthe andinakusifumana.’

‘Musa ukuzikhathaza,’ utsho uIzebhele. ‘Ndiza kukufumanela sona.’

Ngoko uIzebhele ubhala iincwadi eziya kumadoda amakhulu esixeko apho kuhlala khona uNabhoti. Uthi kuwo: ‘Funani amadoda angamatshivela niwaxelele ukuba makathi uNabhoti uqalekise uThixo nokumkani. Emva koko mkhupheleni ngaphandle kwesixeko uNabhoti nize nimxulube ngamatye afe.’

Kwangoko uIzebhele akuva ukuba uNabhoti ufile, uthi kuAhabhi: ‘Hamba ke ngoku uthabathe isidiliya sakhe.’ Akuvumi na ukuba uIzebhele ufanele ohlwaywe ngokwenza le nto imbi kangaka?

Ngoko ekuhambeni kwexesha, uYehova uthumela indoda egama linguYehu ukuba imohlwaye. Xa uIzebhele esiva ngokuza kukaYehu, uqaba amehlo aze azihombise abe mhle. Kodwa ekufikeni kukaYehu aze abone uIzebhele efestileni, umemeza athi kumadoda asebhotwe: ‘Mphoseni phantsi!’ Amadoda enza oko, njengokuba ubona emfanekisweni. Amphosa phantsi aze afe. Esi sisiphelo sikaKumkanikazi uIzebhele ongendawo.