Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 72

UThixo Unceda UKumkani UHezekiya

UThixo Unceda UKumkani UHezekiya

UYASAZI na isizathu sokuba le ndoda ithandaze kuYehova? Kutheni ibeke ezi leta phambi kwesibingelelo sikaYehova? Le ndoda nguHezekiya. Ngukumkani wezizwe ezibini ezisezantsi zakwaSirayeli. Kwaye isenkathazweni enkulu. Ngoba?

Ngokuba imikhosi yama-Asiriya sele izitshabalalisile izizwe zasentla ezili-10. UYehova ukuvumele oku kuba abo bantu bebesenza izinto ezimbi gqitha. Ngoku ke imikhosi yaseAsiriya ize kulwa nobukumkani bezizwe ezibini.

Ukumkani waseAsiriya usandul’ ukuthumela iileta kuKumkani uHezekiya. Zezi leta ezi zibekwe nguHezekiya apha phambi koThixo. Kwezi leta kugculelwa uYehova yaye kuthiwa uHezekiya makanikezele. Ngoko kungenxa yesi sizathu le nto uHezekiya ethandaza athi: ‘Yehova, khawusisindise kukumkani waseAsiriya. Zonke iintlanga ziya kwazi ukuba nguwe kuphela uThixo.’ Ngaba uYehova uza kumphulaphula uHezekiya?

UHezekiya ngukumkani olungileyo. Akafani nookumkani ababi bobukumkani bakwaSirayeli bezizwe ezili-10, okanye noyise ongendawo uKumkani uAhazi. UHezekiya ubeyithobela yonke imithetho kaYehova. Ngoko, emva kokuba uHezekiya egqibile ukuthandaza, umprofeti uIsaya umthumelela olu daba luvela kuYehova: ‘Ukumkani waseAsiriya akayi kungena eYerusalem. Akukho nalinye kumajoni akhe eliya kusondela kuyo. Abayi kudubula notolo olunye esixekweni.’

Khangela umfanekiso okweli phepha. Uyazi na ukuba ngoobani la majoni afileyo? Ngama-Asiriya. UYehova uthumele ingelosi yakhe yaye ngobusuku obunye yabulala amajoni aseAsiriya ali-185 000. Ngoko ukumkani waseAsiriya uyanikezela aze agoduke.

Ubukumkani bezizwe ezibini buhlangulwe yaye abantu baba seluxolweni okwethutyana. Kodwa emva kokufa kukaHezekiya unyana wakhe uManase uba ngukumkani. UManase nonyana wakhe uAmon ongena ezihlangwini zakhe, bangookumkani ababi gqitha. Ke kwakhona ilizwe lizaliswa lulwaphulo-mthetho nogonyamelo. Ekubulaweni kukaKumkani uAmon ngabakhonzi bakhe, unyana wakhe uYosiya umiselwa njengokumkani wobukumkani bezizwe ezibini.