Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 56

USawule​—Ukumkani Wokuqala KaSirayeli

USawule​—Ukumkani Wokuqala KaSirayeli

KHANGELA uSamuweli ugalela ioli entlokweni yale ndoda. Le yinto eyayidla ngokwenziwa emntwini ukubonisa ukuba unyulwe njengokumkani. UYehova uxelela uSamuweli ukuba agalele ioli entlokweni kaSawule. Le oli inevumba elimnandi elikhethekileyo.

USawule wayecinga ukuba akakufanelekeli ukuba ngukumkani. Uthi kuSamuweli: ‘NdingumBhenjamin, wesona sizwe sincinane kwaSirayeli. Kutheni na usithi ndiza kuba ngukumkani?’ UYehova uyamthanda uSawule kuba akazenzi mkhulu okanye obalulekileyo. Kungenxa yoko le nto emnyula ukuba abe ngukumkani.

Kodwa uSawule akalohlwempu okanye indoda encinane ngomzimba. Uzalwa kwintsapho yezityebi yaye uyindoda entle, ende. Uthe ncothu kunabo bonke abanye kwaSirayeli! Kwakhona uSawule uyimbaleki yokwenene yaye unamandla gqitha. Abantu bayavuya kuba uYehova enyule uSawule ukuba abe ngukumkani. Bonke bayadanduluka: ‘Phila ngonaphakade kumkani!’

Iintshaba zakwaSirayeli zisenamandla njengangaphambili. Zisawabangela inkathazo amaSirayeli. Kungekudala emva kokwenziwa kukaSawule ukumkani, ama-Amoni eza kulwa nawo. Kodwa uSawule uqokelela umkhosi omkhulu aze awoyise ama-Amoni. Le nto ibenza bavuye abantu kuba uSawule engukumkani.

Njengokuba iminyaka ihamba, uSawule ukhokela amaSirayeli ukoyisa iintshaba zawo izihlandlo ezininzi. Kwakhona uSawule unonyana okhaliphileyo ogama linguYonatan. Yaye uYonatan unceda amaSirayeli ukuba oyise kumadabi amaninzi. AmaFilisti aselolona tshaba luphambili lwamaSirayeli. Ngenye imini amawaka ngamawaka amaFilisti eza kulwa namaSirayeli.

USamuweli uxelela uSawule ukuba alinde de afike ukuze enze umbingelelo okanye isipho kuYehova. Kodwa uSamuweli ufika kade. USawule woyikela ukuba amaFilisti aya kuqalisa imfazwe ngoko uwenza ngokwakhe umbingelelo. Xa efika uSamuweli ekugqibeleni, uyamxelela uSawule ukuba akathobelanga. ‘UYehova uya kunyula omnye umntu ukuba abe ngukumkani phezu koSirayeli,’ utsho uSamuweli.

Kamva uSawule akathobeli kwakhona. Ngoko uSamuweli uthi kuye: ‘Kulunge ngakumbi ukuthobela uYehova kunokwenza umnikelo ngeyona gusha intle. Kuba ungamthobelanga uYehova, akayi kukugcina njengokumkani kaSirayeli.’

Sinokufunda isifundo esihle koku. Kusibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuthobela uYehova ngamaxesha onke. Kwakhona, kubonisa ukuba umntu olungileyo, njengokuba uSawule wayenjalo, unokuguquka aze abe ngendawo. Asifuni ukuba ngabangendawo thina, akunjalo?