Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 69

Intombazana Inceda Igorha

Intombazana Inceda Igorha

NGABA uyayazi into ethethwa yile ntombazanana? Ixelela eli nenekazi ngomprofeti kaYehova uElisha, nemimangaliso ayenzayo encedwa nguYehova. Eli nenekazi alimazi uYehova kuba alingomSirayeli. Masibone ke ngoko isizathu sokuba le ntombazanana ibe kwikhaya leli nenekazi.

Eli nenekazi ngumSiriya. Indoda yalo nguNahaman, intloko yomkhosi waseSiriya. AmaSiriya ayithimba le ntombazanana yakwaSirayeli yaza yeziswa kumkaNahaman ukuba ibe sisicakakazi sakhe.

UNahaman ugula sisifo esibi esibizwa ngokuba liqhenqa. Esi sifo sisenokubangela ukuba inyama yomntu ixobuke. Ngoko intombazana ithi kumkaNahaman: ‘Akwaba inkosi yam ibinokuya kumprofeti kaYehova kwaSirayeli. Ubeya kuyiphilisa kwiqhenqa layo.’ Kamva inenekazi lixelela indoda yalo okuthethwe yintombazana.

UNahaman ufuna ngokwenene ukuphiliswa; ngoko ugqiba kwelokuba aye kwaSirayeli. Xa efika apho, uya endlwini kaElisha. UElisha uthumela umkhonzi wakhe ukuba axelele uNahaman ukuba aye kuhlamba kuMlambo iYordan izihlandlo ezisixhenxe. Le nto imcaphukisa gqitha uNahaman, aze athi: ‘Imilambo ekwelakowethu iyodlula yonke imilambo yakwaSirayeli!’ Emva kokuba etshilo, uNahaman uyemka.

Kodwa omnye wabakhonzi bakhe uthi: ‘Nkosi yam, ukuba uElisha ubethe yenza into enzima, ubuya kuyenza. Ke kutheni na ungahlambi njengokuba etshilo?’ UNahaman uyamphulaphula umkhonzi wakhe aze aye kungena kuMlambo iYordan izihlandlo ezisixhenxe. Emva kokuba ekwenzile oko, iyaqina inyama yakhe aze aphile!

UNahaman uvuya kunene. Ubuyela kuElisha aze athi kuye: ‘Ngoku ndiyazi ngokuqinisekileyo ukuba uThixo wakwaSirayeli kuphela koThixo oyinyaniso emhlabeni wonke. Ngoko, ndiyakucela, yamkela esi sipho.’ Kodwa uElisha uyaphendula: ‘Hayi, andinakusamkela.’ UElisha uyazi ukuba bekuya kuba yinto ephosakeleyo ukwamkela isipho, kuba nguYehova ophilise uNahaman. Kodwa umkhonzi kaElisha, uGehazi uyasifuna esi sipho.

Ngoko naku okwenziwa nguGehazi. Akuba ehambile uNahaman, uGehazi uyamsukela. ‘UElisha uthi mandikuxelele ukuba ubengathanda ukufumana isipho ukuze anike izihlobo ezisandul’ ukufika,’ utsho njalo uGehazi. Bubuxoki obu. Kodwa uNahaman akazi ukuba bubuxoki; ngoko unika uGehazi ezinye zezinto zakhe.

Xa uGehazi ebuyela ekhaya, uElisha uyakwazi oko akwenzileyo. UYehova umxelele. Ngoko uthi: ‘Kuba wenze obu bubi, iqhenqa likaNahaman liya kunamathela kuwe.’ Yaye linamathela kuye ngoko nangoko!

Sinokufunda ntoni kuko konke oku? Okokuqala, sifunda ukuba simele sibe njengale ntombazanana size sithethe ngoYehova. Kunokuba luncedo kakhulu oko. Okwesibini, asimele sibe nekratshi njengokuba wayenjalo uNahaman ekuqaleni, kodwa simele sibathobele abakhonzi bakaThixo. Yaye okwesithathu, asimele sixoke njengokuba uGehazi wenzayo. Asifundi lukhulu na eBhayibhileni?