Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 59

Isizathu Sokuba UDavide Abaleke

Isizathu Sokuba UDavide Abaleke

AKUBA uDavide ebulele uGoliyati, intloko yomkhosi wakwaSirayeli uAbhinere umzisa kuSawule. USawule uyayivuyela kunene into eyenziwe nguDavide. Umenza intloko yomkhosi wakhe aze amthabathe aye kumhlalisa endlwini kakumkani.

Kamva, ekubuyeni komkhosi ekulweni namaFilisti, abafazi bavuma ingoma: ‘USawule ubulele amawaka kodwa uDavide ubulele amashumi amawaka.’ Le nto imenza abe nomona uSawule kuba uDavide uzukiswa ngaphezu koSawule. Kodwa uYonatan unyana kaSawule akanamona. Umthanda kunene uDavide yaye uDavide naye uyamthanda uYonatan. Ngoko bobabini bayathembisana ukuba baya kusoloko bengabahlobo.

UDavide lichule lokwenene ekubetheni uhadi yaye uSawule uyawuthanda umculo odlalwa nguDavide. Kodwa ngenye imini umona kaSawule umbangela enze into embi. Ngoxa uDavide ebetha uhadi, uSawule uthabatha umkhonto wakhe aze awuphose, esithi: ‘Ndiza kumqhama nodonga uDavide!’ Kodwa uDavide uyaphepha uze umkhonto umphose. Kamva uSawule ubuya amphose ngomkhonto wakhe uDavide. Ke ngoku uDavide uyazi ukuba kufuneka elumke kunene.

Uyasikhumbula na isithembiso esenziwa nguSawule? Wathi uya kunikela intombi yakhe ibe ngumfazi wendoda ebulala uGoliyati. Ekugqibeleni uSawule uxelela uDavide ukuba angayifumana intombi yakhe uMikali kodwa kuqala umele abulale i-100 leentshaba ezingamaFilisti. Khawufan’ ucinge! USawule unethemba lokuba amaFilisti aza kumbulala uDavide. Kodwa akubi njalo yaye ke uSawule unika uDavide intombi yakhe ukuba ibe ngumkakhe.

Ngenye imini uSawule uxelela uYonatan nabo bonke abakhonzi bakhe ukuba ufuna ukumbulala uDavide. Kodwa uYonatan uthi kuyise: ‘Musa ukumenzakalisa uDavide. Akazange akwenze nto imbi. Kunoko, konke akwenzileyo kube kuluncedo kuwe. Wabubeka esichengeni ubomi bakhe xa wabulala uGoliyati yaye wathi wena wakukubona oko wavuya.’

USawule uyamphulaphula unyana wakhe aze athembise ukuba akayi kumenzakalisa uDavide. UDavide uyabuyiswa yaye usebenza endlwini kaSawule kwakhona njengangaphambili. Noko ke, ngenye imini ngoxa uDavide edlala umculo, kwakhona uSawule uphosa umkhonto kuDavide. UDavide uyaphepha, uze umkhonto uhlabe eludongeni. Esi sisihlandlo sesithathu! Ngoku uDavide uyazi ukuba kufuneka ebalekile!

Ngobo busuku uDavide uya endlwini yakhe. Kodwa uSawule uthumela amadoda athile ukuba aye kumbulala. UMikali uyakwazi okucetywe nguyise. Ngoko uthi kwindoda yakhe: ‘Ukuba akubaleki ngobu busuku, ngomso woba ufile.’ Ngobo busuku uMikali wamhlisa uDavide ngefestile ukuze abaleke. Kangangeminyaka esixhenxe uDavide kwafuneka ezimele kwiindawo ezahlukeneyo ukuze angafunyanwa nguSawule.