Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 5

Ukuthinjelwa EBhabhiloni Kuse Ekwakhiweni Ngokutsha Kweendonga ZeYerusalem

Ukuthinjelwa EBhabhiloni Kuse Ekwakhiweni Ngokutsha Kweendonga ZeYerusalem

Ngoxa esekuthinjweni eBhabhiloni, amaSirayeli afumana izilingo ezininzi zokholo lwawo. UShadraki, uMeshaki noAbhednego baphoselwa ezikweni elivutha umlilo, kodwa uThixo wabakhupha bephilile. Kamva, emva kokuba iBhabhiloni yoyiswa ngamaMedi namaPersi, uDaniyeli waphoselwa emhadini weengonyama, kodwa uThixo wamkhusela ngokuvala imilomo yeengonyama.

Ekugqibeleni, ukumkani wamaPersi uKoreshi wawakhulula amaSirayeli. Abuyela kwilizwe lawo kwiminyaka engama-70 emva kokuthinjelwa eBhabhiloni. Enye yezinto zokuqala awazenzayo ekubuyeleni eYerusalem kukuqalisa ukwakha itempile kaYehova. Phofu ke, ngokukhawuleza iintshaba zawunqumamisa umsebenzi wawo. Ngoko kwakumalunga nama-22 eminyaka emva kokubuyela eYerusalem ekwathi ekugqibeleni ayigqibezela itempile.

Kwakhona, sifunda ngohambo lukaEzra lokubuyela eYerusalem eye kuhombisa itempile. Kwakumalunga nama-47 eminyaka emva kokugqitywa kwetempile. Kwathi ke, kwi-13 leminyaka emva kohambo lukaEzra, uNehemiya wancedisa ukwakha ngokutsha iindonga ezidilikileyo zeYerusalem. Icandelo LESIHLANU ligubungela i-152 leminyaka yembali ukuza kuthi ga kweli xesha.

 

KWELI CANDELO

IBALI 77

Abazange Bavume Ukuqubuda

Ngaba uThixo wayeza kubasindisa aba bafana bathathu bathembekileyo kwiziko lomlilo?

IBALI 78

Umbhalo Wesandla Eludongeni

Umprofeti uDaniyeli ichaza into ethethwa ngulo mmangaliso wamagama amane.

IBALI 79

UDaniyeli Emhadini Weengonyama

UDaniyeli ugwetyelwa ukufa, kodwa wayeza kukwazi ukuwubaleka?

IBALI 80

Abantu BakaThixo Bayemka EBhabhiloni

UKumkani uKoreshi wasePersi wazalisekisa esinye isiprofeto xa wathimba iBhabhiloni, ngoku uzalisekisa esinye.

IBALI 81

Ukuthembela Kuncedo LukaThixo

AmaSirayeli ophula imithetho yabantu ukuze athobele uThixo. Ngaba uThixo uza kuwasikelela?

IBALI 82

UMordekayi NoEstere

UKumkanikazi uVashti wayemhle, kodwa uKumkani uAhaswerosi wamyeka watshata uEstere. Kwakutheni?

IBALI 83

Iindonga ZeYerusalemi

Ngoxa bephinda besakha iindonga, imini nobusuku amakrele namakhaka abasebenzi amele ahlale elindele umlo.