Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 82

UMordekayi NoEstere

UMordekayi NoEstere

MAKHE sibuyele umva kwiminyaka embalwa ngaphambi kokuba uEzra aye eYerusalem. UMordekayi noEstere ngamaSirayeli adume kunene ebukumkanini basePersi. UEstere ngukumkanikazi yaye umza wakhe uMordekayi nguye kuphela olandela ukumkani ngegunya. Masibone ukuba kwenzeka njani oku.

Abazali bakaEstere bafa esemncinane gqitha, waza wakhuliswa nguMordekayi. UAhaswerosi, ukumkani wasePersi, unebhotwe kwisixeko saseShushan, yaye uMordekayi ngomnye wabakhonzi bakhe. Ngamhla uthile inkosikazi yokumkani uVashti ayizange imthobele, ngoko ukumkani wakhetha umfazi omtsha njengokumkanikazi. Uyamazi na umfazi amnyulayo? Ewe, nguEstere omhle oselula.

Uyayibona na le ndoda inekratshi baqubuda kuyo abantu? NguHaman lo. Ngumntu odume kakhulu ePersi. UHaman ufuna ukuba uMordekayi, ombonayo apha ehleli phantsi, naye aqubude kuye. Kodwa uMordekayi akanakuyenza loo nto. Akakucingi njengento efanelekileyo ukuqubuda kumntu ongendawo ngolo hlobo. Le nto imcaphukisa kunene uHaman. Nantsi ke into ayenzayo.

UHaman uyaxoka kukumkani ngamaSirayeli. ‘Bangabantu ababi abangayithobeliyo imithetho yakho,’ utsho. ‘Mababulawe.’ UAhaswerosi akazi ukuba umkakhe uEstere ngumSirayelikazi. Ngoko uyamphulaphula uHaman, aze awise umthetho wokuba ngomhla othile onke amaSirayeli makabulawe.

Ekuveni kukaMordekayi ngalo mthetho, uphazamiseka gqitha. Uthumela udaba kuEstere oluthi: ‘Mxelele ukumkani, uze umbongoze asisindise.’ Kuchasene nomthetho wasePersi ukubona ukumkani ngaphandle kokuba umenyiwe. Kodwa uEstere uya kuye engamenywanga. Ukumkani umalatha ngentonga yakhe yegolide, okuthetha ukuba makangabulawa. UEstere umemela ukumkani noHaman esidlweni esikhulu. Apho ukumkani ubuza uEstere into angambabala ngayo. UEstere uthi uza kumxelela ukuba yena noHaman baza kuza kwesinye isidlo ngengomso.

Kweso sidlo uEstere uthi kukumkani: ‘Mna nabantu bakowethu siza kubulawa.’ Ukumkani uba nomsindo. ‘Ngubani na lowo uzimisele ukwenza le nto?’ uyabuza.

‘Indoda elutshaba ngulo Haman ungendawo!’ utsho uEstere.

Ngoku ukumkani uyabhavuma ngumsindo. Uyalela ukuba uHaman abulawe. Kamva, ukumkani wenza uMordekayi abe ngoyena unegunya ukulandela yena. Ngoko uMordekayi ulungiselela ukuba kwenziwe umthetho omtsha ovumela amaSirayeli ukulwela ubomi bawo ngomhla amele ukubulawa ngawo. Kuba uMordekayi edume kangako ngoku, abantu abaninzi bayawanceda amaSirayeli, aze asindiswe kwiintshaba zawo.

lncwadi yeBhayibhile kaEstere.