Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 6

Ukuzalwa KukaYesu Kuse Ekufeni Kwakhe

Ukuzalwa KukaYesu Kuse Ekufeni Kwakhe

Ingelosi uGabriyeli yathunyelwa kwintombi entle egama linguMariya. Yayixelela ukuba iza kufumana umntwana oya kulawula njengokumkani ngonaphakade. Usana olunguYesu, lwazalelwa esitalini, apho lwatyelelwa ngabelusi. Kamva, inkwenkwezi yakhokelela amadoda avela eMpuma kumntwana lowo. Siza kufunda ukuba ngubani owawabangela ukuba abone loo nkwenkwezi, nendlela uYesu awasindiswa ngayo kwiinzame zokumbulala.

Emva koko, sifumana uYesu xa wayene-12 leminyaka ubudala, ethetha nabefundisi etempileni. Emva kweminyaka eli-18 uYesu wabhaptizwa, waza ke waqalisa umsebenzi wokushumayela uBukumkani nokufundisa awayewuthunywe nguThixo ukuba awenze emhlabeni. UYesu wanyula amadoda ali-12 ukuze amncedise kulo msebenzi waza wawenza abapostile bakhe.

Kwakhona uYesu wenza imimangaliso emininzi. Wondla amawaka abantu ngeentlanzi nje ezimbalwa nezonka ezimbalwa. Waphilisa abagulayo waza wavusa nabafileyo. Ekugqibeleni, sifunda izinto ezininzi ezenzeka kuYesu ngosuku lokugqibela lobomi bakhe, nendlela awabulawa ngayo. UYesu washumayela malunga neminyaka emithathu enesiqingatha, ngoko iCANDELO 6 ligubungela isihlandlo esingaphezulu kancinane kweminyaka engama-34.

 

KWELI CANDELO

IBALI 84

Ingelosi Ityelela UMariya

Uzisa lo myalezo uvela kuThixo: UMariya uza kuba nomntwana oza kuba ngukumkani ngonaphakade.

IBALI 85

UYesu Uzalelwa Esitalini

Kwakutheni ukuze umntu oza kuba ngukumkani azalelwe kwindwawo ekutyiswa kuyo izilwanyana?

IBALI 86

Amadoda Akhokelwa Yinkwenkwezi

Ngubani owakhokelela abavuminisi ngeenkwenkwezi kuYesu? Mhlawumbi impendulo iza kumangalisa.

IBALI 87

UYesu Oselula Etempileni

Unento emangalisa namadoda amakhulu afundisa etempileni.

IBALI 88

UYohane Ubhaptiza UYesu

UYohane ebebhaptiza aboni, kodwa uYesu akazange one. Kwakutheni ukuze uYohane ambhaptize?

IBALI 89

UYesu Ucoca Itempile

UYesu ubonisa uhlobo oluthile lothando olumenza acaphuke.

IBALI 90

Equleni Nomfazi

Amanzi awanikwa nguYesu angakwazi njani ukumenza angaphindi anxanwe?

IBALI 91

UYesu Ufundisa ENtabeni

Funda ubulumko obungaphelelwa xesha kwiNtshumayelo yakhe yasENtabeni.

IBALI 92

UYesu Uvusa Abafileyo

Ngamandla kaThixo, uYesu wathetha nje amagama amabini alula yavuka intombi kaYayiro.

IBALI 93

UYesu Wondla Abantu Abaninzi

Ngokondla abantu abaninzi ngendlela engummangaliso, yintoni ebalulekileyo eyayiboniswa nguYesu?

IBALI 94

Uyabathanda Abantwana

UYesu ufundisa abapostile ukuba kuninzi ekusafuneka bakufunde ngabantwana nasebantwaneni.

IBALI 95

Ukufundisa KukaYesu

Umzekeliso kaYesu wommelwane ongumSamariya yindlela yokufundisa awayeyisebenzisa phantse lonke ixesha.

IBALI 96

UYesu Uphilisa Abagulayo

UYesu ufeza ntoni ngemimangaliso ayenzayo?

IBALI 97

UYesu Uza Njengokumkani

Abantu abaninzi bayamakela, kodwa ayibavuyisi bonke into yokuba engukumkani.

IBALI 98

ENtabeni YeMinquma

UYesu uxelela abapostile bakhe abane izinto ezenzeka kule mihla.

IBALI 99

Egumbini Eliphezulu

Kwakutheni ukuze uYesu axelele abafundi bakhe ukuba benze esi sidlo sikhethekileyo nyaka ngamnye?

IBALI 100

UYesu Emyezweni

Kwakutheni ukuze uYuda angcatshe uYesu ngokumphuza?

IBALI 101

UYesu Uyabulawa

Ngoxa esweleka esibondeni, uthembisa ngeparadesi.