Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 86

Amadoda Akhokelwa Yinkwenkwezi

Amadoda Akhokelwa Yinkwenkwezi

UYAYIBONA na laa nkwenkwezi iqaqambileyo eyalathwe yenye yala madoda? Ekuphumeni kwawo eYerusalem, kwabonakala inkwenkwezi. La madoda avela eMpuma, yaye afunda iinkwenkwezi. Akholelwa ukuba le nkwenkwezi intsha iwakhokelela kumntu obalulekileyo.

Ekufikeni kwamadoda eYerusalem, abuza: ‘Uphi na umntwana oza kuba ngukumkani wamaYuda?’ “AmaYuda” lelinye igama lamaSirayeli. ‘Kuqala sibone inkwenkwezi yomntwana ngoxa besiseMpuma,’ atsho la madoda, ‘yaye size kumnqula.’

Xa uHerode, ongukumkani eYerusalem, esiva ngale nto ucaphuka gqitha. Akafuni omnye ukumkani athabathe isikhundla sakhe. Ngoko uHerode wabiza ababingeleli abakhulu waza wababuza: ‘Ukumkani othenjisiweyo uya kuzalelwa phi na?’ Baphendula: ‘IBhayibhile ithi eBhetelehem.’

Ngoko uHerode wawabiza amadoda aseMpuma, wathi: ‘Hambani niye kufuna umntwana lowo. Xa nimfumene, ze nindixelele. Nam ndifuna ukuya kumnqula.’ Kodwa ngokwenene, uHerode wayefuna ukufumana umntwana aze ambulale!

Inkwenkwezi iwakhokelela eBhetelehem amadoda, ize ime phezu kwendawo awayekuyo umntwana lowo. Xa amadoda engena endlwini, afumana uMariya nomntwana uYesu. Akhupha izipho aze azinike uYesu. Kodwa kamva uYehova uyawalumkisa ephupheni amadoda ukuba angabuyeli kuHerode. Ngoko abuyela kwilizwe lawo ngenye indlela.

Xa uHerode esiva ukuba amadoda avela eMpuma sele egodukile, uyabhavuma ngumsindo. Ngoko ukhupha umyalelo wokuba onke amakhwenkwe aseBhetelehem aneminyaka emibini ubudala nangaphantsi makabulawe. Kodwa uYehova umlumkisa kwangaphambili uYosefu ngephupha, aze uYosefu emke nentsapho yakhe ukuya eYiputa. Kamva, xa uYosefu esiva ukuba uHerode ufile, uthabatha uMariya noYesu babuyele ekhaya eNazarete. Apho kulapho uYesu akhulela khona.

Ucinga ukuba ngubani owenza kukhanyise laa nkwenkwezi intsha? Khumbula, kuqala amadoda aya eYerusalem ngemva kokubona inkwenkwezi. USathana uMtyholi wafuna ukumbulala uNyana kaThixo, yaye wayesazi ukuba uKumkani uHerode waseYerusalem wayeya kuzama ukumbulala. Ngoko kumele ukuba nguSathana owakhanyisa loo nkwenkwezi.