Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 98

ENtabeni YeMinquma

ENtabeni YeMinquma

NGUYESU lo useNtabeni yeMinquma. Amadoda amane akunye naye ngabapostile bakhe. NguAndreya nomntakwabo uPetros, kwanoYakobi nomntakwabo uYohane. Yitempile kaThixo eYerusalem leya uyibona phayaa mgama.

Ziintsuku ezimbini ukususela oko uYesu ebekhwele iesile engena eYerusalem. KungoLwesibini. Kwakusasa uYesu wayesetempileni. Apho ababingeleli bazama ukumbamba uYesu baze bambulale. Kodwa babesoyika ukwenza oku kuba abantu bayamthanda uYesu.

‘Zinyokandini, nzalandini yamarhamba!’ watsho uYesu kwezo nkokeli zonqulo. Wandula uYesu wathi uThixo uya kuzohlwaya ngenxa yazo zonke izinto ezimbi ezizenzileyo. Emva koko uYesu wenyuka waya eNtabeni yeMinquma, baza aba bapostile bane baqalisa ukumbuza imibuzo. Ngaba uyazi ukuba bambuza ntoni uYesu?

Abapostile babuza ngezinto zexesha elizayo. Bayazi ukuba uYesu uya kubuphelisa bonke ububi emhlabeni. Kodwa bafuna ukwazi ukuba oku kuya kwenzeka nini. Uya kuza nini na uYesu kwakhona ukulawula njengoKumkani?

UYesu uyazi ukuba abalandeli bakhe emhlabeni abayi kumbona xa esiza kwakhona. Oku kungenxa yokuba uya kuba esezulwini, yaye abasayi kukwazi ukumbona apho. Ngoko uYesu uxelela abapostile bakhe izinto ezithile eziya kwenzeka emhlabeni xa elawula njengoKumkani ezulwini. Ziziphi ezinye zezi zinto?

UYesu uthi kuya kubakho iimfazwe ezinkulu, abantu abaninzi baya kugula, balambe, luya kwanda ulwaphulo-mthetho, kuya kubakho neenyikima zomhlaba ezinkulu. Kwakhona uYesu uthi iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo ziya kushunyayelwa emhlabeni wonke. Ngaba sizibonile na ezi zinto zisenzeka ngexesha lethu? Ewe! Ngoko sinokuqiniseka ukuba ngoku uYesu uyalawula ezulwini. Kungekudala uya kuphelisa bonke ububi emhlabeni.