Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 101

UYesu Uyabulawa

UYesu Uyabulawa

KHANGELA le nto yoyikekayo yenzekayo! UYesu uyabulawa. Bamxhome emthini. Kubethelelwe izikhonkwane ezandleni nasezinyaweni zakhe. Umntu unokuyenzela ntoni into enje kuYesu?

Kungenxa yokuba abanye abantu bamthiyile uYesu. Ngaba uyazi ukuba ngoobani? Omnye wabo yingelosi engendawo uSathana uMtyholi. Ungulowo wabangela ukuba uAdam noEva bangamthobeli uYehova. Yaye uSathana nguye owabangela ukuba iintshaba zikaYesu zenze obu bubi boyikekayo.

Kwanangaphambi kokubethelelwa kukaYesu apha emthini, iintshaba zakhe zamkhohlakalela. Usayikhumbula indlela ezeza ngayo emyezweni waseGetsemane zaza zemka naye? Yayingoobani ezo ntshaba? Ewe, yayiziinkokeli zonqulo. Masibone okwenzekayo emva koko.

Xa uYesu ethatyathwa ziinkokeli zonqulo, abapostile bakhe bayabaleka. Bamshiya yedwa uYesu neentshaba zakhe, kuba bayoyika. Kodwa umpostile uPetros noYohane ababaleki baye kude. Bayalandela ukuze babone okwenzeka kuYesu.

Ababingeleli basa uYesu kwindoda enkulu uAnas, eyayingumbingeleli omkhulu ngaphambili. Isihlwele asihlali xesha lide apha. Emva koko bemka noYesu bamse endlwini kaKayafa, ongumbingeleli omkhulu ngoku. Kudibene iinkokeli ezininzi zonqulo endlwini yakhe.

Apha kwaKayafa kuthethwa ityala. Kungeniswa abantu abathetha ubuxoki ngoYesu. Zonke iinkokeli zonqulo zithi: ‘UYesu makabulawe.’ Zimtshicela ebusweni, zize zimbethe ngamanqindi.

Ngoxa kuqhubeka yonke le nto, uPetros uphandle eyadini. Bubusuku obubandayo, yaye ke abantu babase umlilo. Ngoxa bothileyo, omnye umkhonzazana ujonga uPetros, athi: ‘Nale ndoda ibihamba noYesu.’

‘Hayi, bendingahambi naye!’ uyaphendula uPetros.

Izihlandlo ezithathu abantu bathi kuPetros ubekunye noYesu. Kodwa sihlandlo ngasinye uPetros uthi akuyonyaniso oko. Kwisihlandlo sesithathu uPetros ethetha oku, uYesu uyaguquka aze amjonge. UPetros ubuhlungu kuba exokile, aze aphume, alile.

Ekuphumeni kwelanga ngoLwesihlanu, ababingeleli bahamba noYesu bamse kwindawo yabo yentlanganiso, iholo yeNtlanganiso yamatyala. Apha bathetha ngento abaza kuyenza kuye. Bamsa kuPontiyo Pilato, umlawuli wesithili sakwaYuda.

‘Lo mntu ungendawo,’ batsho ababingeleli kuPilato. ‘Ufanelwe kukubulawa.’ Emva kokubuza uYesu imibuzo, uPilato uthi: ‘Andiboni nto iphosakeleyo ayenzileyo.’ UPilato uthumela uYesu kuHerode Antipas. UHerode ngumlawuli waseGalili, kodwa uhlala eYerusalem. NoHerode akaboni nto iphosakeleyo yenziwe nguYesu, ngoko umbuyisela kuPilato.

UPilato ufuna ukumkhulula uYesu. Kodwa iintshaba zikaYesu zifuna kukhululwe elinye ibanjwa kunokuba kukhululwe yena. Lo ngumphangi uBharabhas. Ngoku kumalunga nemin’ emaqanda xa uPilato emkhuphela phandle uYesu. Uthi ebantwini: ‘Nanku! uKumkani wenu!’ Kodwa ababingeleli abakhulu bayakhwaza: ‘Mshenxise! Mbulale! Mbulale!’ Ngoko uPilato ukhulula uBharabhas, baze bemke naye uYesu ukuya kumbulala.

Ekuqaliseni kwenjikalanga yangoLwesihlanu uYesu ubethelelwa emthini. Akunakubabona kulaa mfanekiso, kodwa macala omabini uYesu uphahlwe ngabenzi-bubi nabo babulawelwa emthini. Ngaphambi nje kokufa kukaYesu, omnye uthi kuye: ‘Uze undikhumbule xa usebukumkanini bakho.’ Aphendule uYesu: ‘Inene, uya kuba nam eParadesi.’

Ayisosithembiso sihle na eso? Uyayazi na iparadesi athetha ngayo uYesu? Yayiphi iparadesi eyenziwa nguThixo ekuqaleni? Yayisemhlabeni. Xa uYesu elawula njengokumkani ezulwini, uya kubuyisela loo mntu ebomini ukuze anandiphe iParadesi emhlabeni. Akusivuyisi na ako?