Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 91

UYesu Ufundisa ENtabeni

UYesu Ufundisa ENtabeni

NGUYESU lo uhleli apha. Ufundisa bonke aba bantu entabeni yaseGalili. Aba bahleli kufutshane naye ngabafundi bakhe. Unyule i-12 labo ukuba babe ngabapostile. Abapostile ngabafundi bakaYesu abakhethekileyo. Uyawazi na amagama abo?

Kukho uSimon Petros nomntakwabo uAndreya. Kuze kubekho uYakobi noYohane ongumntakwabo. Omnye umpostile naye kuthiwa nguYakobi, yaye omnye kuthiwa nguSimon. Abapostile ababini kuthiwa ngooYuda. Omnye nguYuda Sikariyoti, omnye uYuda kukwathiwa nguTadeyu. Kukho noFilipu kwanoNataniyeli (okwabizwa ngokuthi nguBhartolomeyu), kwanoMateyu noTomas.

Akuba ebuye kwelamaSamariya, uYesu waqalisa ukushumayela okokuqala: ‘Ubukumkani bamazulu busondele.’ Ngaba uyazi ukuba buyintoni obo bukumkani? Ngurhulumente kaThixo wokwenyaniso. UYesu ngukumkani walo rhulumente. Uya kulawula esezulwini aze azise uxolo emhlabeni. Wonke umhlaba uya kwenziwa iparadesi entle ngobukumkani bukaThixo.

Apha uYesu ufundisa abantu ngobukumkani. ‘Thandazani ngoko nina nenjenje,’ uyachaza. ‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Ubukumkani bakho mabufike. Ukuthanda kwakho makwenziwe emhlabeni, njengokuba kusenziwa ezulwini.’ Abantu abaninzi bathi lo ‘nguMthandazo weNkosi.’ Abanye bathi ‘nguBawo wethu osezulwini.’ Ngaba unokuwutsho wonke lo mthandazo?

Kwakhona uYesu ufundisa abantu indlela amabaphathane ngayo. ‘Abanye baphatheni ngendlela enifuna nabo baniphathe ngayo,’ utsho. Akuthandi na xa abanye bekuphatha ngobubele? Ngoko, uYesu uthi, simele sibaphathe ngobubele abanye abantu. Akuyi kuba yinto entle ngokumangalisayo na kumhlaba oyiparadesi xa wonke umntu eya kwenza oku?