Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 87

UYesu Oselula Etempileni

UYesu Oselula Etempileni

KHANGELA inkwenkwana ethetha nala madoda makhulu. Angabefundisi etempileni kaThixo eYerusalem. Yona inkwenkwe nguYesu. Ukhulile noko ngoku. Une-12 leminyaka ubudala.

Abefundisi bayamangaliswa kuba uYesu esazi lukhulu kangako ngoThixo nangezinto ezibhalwe eBhayibhileni. Kodwa kutheni uYosefu noMariya bengekho nje bona apha? Baphi? Masibone.

Nyaka ngamnye uYosefu uzisa intsapho yakhe eYerusalem kumthendeleko okhethekileyo wePasika. Luhambo olude ukusuka eNazarete ukuya eYerusalem. Akukho mntu unemoto, yaye noololiwe abakho. Zazingekho ezi zinto ngezo mini. Inkoliso yabantu ihamba ngeenyawo, yaye kubathabatha iintsuku ezintathu ukufika eYerusalem.

Ngoku uYosefu sele enentsapho enkulu. Ngoko kukho nabanye abaninawa noodadeboYesu ekufuneka benyanyekelwe. Ngalo nyaka uYosefu noMariya bahambe nabantwana babo kuhambo olude olubuyela ekhaya eNazarete. Bacinga ukuba uYesu uhamba nabanye abantu. Kodwa bathi bakuma ekupheleni kwaloo mini, bangamfumani uYesu. Bayamkhangela kwizizalwana nakubahlobo, kodwa akakho! Ngoko babuyela eYerusalem ukuya kumkhangela apho.

Ekugqibeleni bamfumana apha uYesu nabefundisi. Ubaphulaphule yaye ubabuza imibuzo. Bonke abantu bayamangaliswa bubulumko bukaYesu. Kodwa uMariya uthi: ‘Mntwana, yini na ukuba usenze le nto? Mna noyihlo besikhathazekile sikufuna.’

‘Benindifunela ntoni na?’ uYesu uyaphendula. ‘Beningazi na ukuba ndimele ndibe sendlwini kaBawo?’

Ewe, uYesu uyakuthanda ukuba kwindawo apho anokufunda ngoThixo. Asimele ukuba naloo mvo na nathi? Emva ekhaya eNazarete, uYesu wayesiya ezintlanganisweni zonqulo veki nganye. Kuba wayesoloko ephulaphula ngenyameko, wafunda izinto ezininzi eBhayibhileni. Masibe njengoYesu size silandele umzekelo wakhe.