Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 89

UYesu Ucoca Itempile

UYesu Ucoca Itempile

APHA uYesu ubonakala enomsindo kunene, akunjalo? Ngaba uyasazi isizathu sokuba nomsindo kwakhe? Kungenxa yokuba la madoda asetempileni kaThixo eYerusalem abawa ngokugqithisileyo. Azama ukwenza intywenka yemali ngokuthengisela abantu abaze kunqula uThixo apha.

Uyazibona na ezaa nkomo nezimvu kwanamahobe? La madoda athengisa le mfuyo kanye apha etempileni. Ngaba uyasazi isizathu? Kungokuba amaSirayeli afuna izilwanyana neentaka zokwenza umnikelo kuThixo.

Umthetho kaThixo wawuthe xa umSirayeli enze okubi, umele enze umnikelo kuThixo. Yaye kwakukho namanye amaxesha axa amaSirayeli kwakufuneka enze iminikelo. Kodwa umSirayeli wayenokuzifumana phi iintaka nezilwanyana zokwenza umnikelo kuThixo?

Amanye amaSirayeli ayeneentaka kwanemfuyo. Ngoko ayenokunikela ngazo. Kodwa amaSirayeli amaninzi ayengenayo imfuyo okanye iintaka. Yaye amanye ayehlala kude neYerusalem kangangokuba ayengenakuza nemfuyo yawo etempileni. Ngoko ayesiza apha aze athenge izilwanyana okanye iintaka ezazifuneka. Kodwa la madoda ayebiza imali eninzi. Ayebaqhatha abantu. Ngaphandle koko, ayengafanele kuthengisa ngaphakathi etempileni kaThixo.

Yiloo nto ecaphukisa uYesu. Ngoko ubhukuqa iitafile ezinemali zala madoda aze ayichithachithe imali yawo. Kwakhona, wenza isabhokhwe ngentsontelo aze azikhuphe zonke izilwanyana etempileni. Uyalela amadoda athengisa amahobe: ‘Wakhupheni apha! Yekani ukwenza indlu kaBawo indawo yokwenza imali.’

Abanye babalandeli bakaYesu bakunye naye apha etempileni eYerusalem. Bayamangaliswa kukubona into eyenziwa nguYesu. Ke bakhumbula indawo eseBhayibhileni ethi ngoNyana kaThixo: ‘Ukuthanda indlu kaThixo kuya kumtshisa ngaphakathi njengomlilo.’

Ngoxa uYesu elapha eYerusalem eze ePasikeni, wenza imimangaliso emininzi. Emva koko, uYesu uyemka kwelakwaYuda aze aqalise uhambo lwakhe ukubuyela kwelaseGalili. Kodwa endleleni, ugqitha kummandla welamaSamariya. Masibone okwenzekayo apho.