Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 97

UYesu Uza Njengokumkani

UYesu Uza Njengokumkani

IXESHA elifutshane emva kokuphilisa iimfama ezimbini, uYesu uza kwidolophana ekufutshane neYerusalem. Uthi kubafundi bakhe ababini: ‘Yiyani kwidolophana ephambi kwenu, yaye niya kufumana iesile libotshelelwe. Likhululeni nilizise kum.’

Xa iesile lizisiwe kuye, uYesu uyakhwela. Ungena eYerusalem ekufutshane. Ekusondeleni kwakhe esixekweni, ukhawulelwa sisihlwele esikhulu sabantu. Abaninzi kubo bakhulula iingubo zokwaleka bazibeke endleleni. Abanye bakha amasebe esundu. Nawo bawabeka endleleni, bakhwaze: ‘UThixo makamsikelele ukumkani oza egameni likaYehova!’

Kudala kwaSirayeli ookumkani abatsha babengena eYerusalem bekhwele iesile ukuze babonwe ngabantu. Wenza loo nto noYesu. Yaye aba bantu babonisa ukuba bafuna uYesu abe ngukumkani wabo. Kodwa asingabo bonke abantu abamfunayo. Singakubona oku koko kwenzekayo xa uYesu esiya etempileni.

Etempileni uYesu uphilisa abantu abaziimfama nabaziziqhwala. Xa abantwana bekubona oku, badumisa uYesu. Kodwa oku kuyabacaphukisa ababingeleli, baze bathi kuYesu: ‘Uyayiva na into ethethwa ngaba bantwana?’

‘Ewe,’ uyaphendula uYesu. ‘Anizange niyifunde na eBhayibhileni indawo ethi: “Emlonyeni weentsana nabanyayo uThixo ulungiselele indumiso?”’ Ngoko abantwana bayaqhubeka bedumisa ukumkani kaThixo.

Sifuna ukuba njengabo bantwana, akunjalo? Bambi abantu banokuzama ukusiyekisa ekuthetheni ngobukumkani bukaThixo. Kodwa siya kuqhubeka sixelela abanye ngezinto ezimangalisayo uYesu aya kuzenzela abantu.

Yayingeloxesha lokuba uYesu aqalise ukulawula njengokumkani xa wayesemhlabeni. Liya kufika nini elo xesha? Abafundi bakaYesu bafuna ukwazi. Siza kufunda ngoku kwibali elilandelayo.