Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 7

Uvuko LukaYesu Kuse Ekubanjweni KukaPawulos

Uvuko LukaYesu Kuse Ekubanjweni KukaPawulos

Ngosuku lwesithathu emva kokufa kwakhe, uYesu wavuswa. Ngolo suku wabonakala kubalandeli bakhe izihlandlo ezihlanu ezahlukeneyo. UYesu wamana ebonakala kubo iintsuku ezingama-40. Emva koko, ebukelwe ngabanye abafundi bakhe, uYesu wanyukela ezulwini. Kwiintsuku ezili-10 kamva uThixo wathululela umoya oyingcwele kubalandeli bakaYesu ababelinde eYerusalem.

Kamva, iintshaba zikaThixo zabaphosa entolongweni abapostile, kodwa ingelosi yabakhulula. Abachasi bamxuluba ngamatye umfundi uStefano wafa. Kodwa siza kufunda indlela uYesu awanyula ngayo omnye waba bachasi ukuba abe ngumkhonzi wakhe okhethekileyo, waza waba ngumpostile uPawulos. Kwiminyaka emithathu enesiqingatha emva kokufa kukaYesu, uThixo wathumela umpostile uPetros ukuba aye kushumayela kuKorneli owayengengomYuda kunye nendlu yakhe.

Malunga neminyaka eli-13 kamva uPawulos waqalisa uhambo lwakhe lokuqala lokushumayela. Kuhambo lwakhe lwesibini uTimoti wahamba naye. Siza kufunda indlela uPawulos namaqabane awayehamba nawo abafumana ngayo amaxesha amaninzi achwayitisayo ekukhonzeni uThixo. Ekugqibeleni, uPawulos wavalelwa entolongweni eRoma. Kwiminyaka emibini kamva wakhululwa, kodwa ke kwakhona wafakwa entolongweni waza wabulawa. lziganeko zeCANDELO 7 zenzeka kwisithuba seminyaka engama-32.

 

KWELI CANDELO

IBALI 102

UYesu Uvukile

Emva kokuba ingelosi ilisusile ilitye elalivale ingcwaba likaYesu, amajoni othuswa yinto ayibona ngaphakathi kulo.

IBALI 103

Kwigumbi Elitshixiweyo

Kutheni abafundi bakaYesu bengamazi emva kokuba evusiwe?

IBALI 104

UYesu Ubuyela Ezulwini

Ngaphambi kokuba uYesu enyukele ezulwini, unika abafundi bakhe umyalelo wokugqibela.

IBALI 105

Ukulinda EYerusalem

Kwakutheni ukuze uYesu athululele abafundi bakhe umoya oyingcwele ngePentekoste?

IBALI 106

Bayakhululwa Entolongweni

Iinkokeli zonqulo lwamaYuda zivalela abapostile entolongweni ukuze bangakwazi ukushumayela, kodwa uThixo u+nenye into engqondweni.

UBALI 107

UStefano Ugityiselwa Ngamatye

Ngoxa uStefano etshutshiswa, uyathandaza.

IBALI 108

Endleleni Eya EDamasko

Ukukhanya okumenza angaboni nelizwi elivela ezulwini zitshintsha ubomi bukaSawule.

IBALI 109

UPetros Utyelela UKorneli

Ngaba uThixo unohlanga okanye isizwe esibhetele kunesinye?

IBALI 110

UTimoti​—Umncedisi Omtsha KaPawulos

UTimoti ushiya ikhaya uya kushumayela noPawulos.

IBALI 111

Inkwenkwe Eyalalayo

Kwintetho yokuqala kaPawulos uYutike uyalala, kodwa kweyesibini uthe qwa. Into eyenzeka phakathi kwezi ntetho zimbini yaba ngummangaliso.

IBALI 112

Ukwaphuka Kwenqanawa Esiqithini

Xa kanye becinga ukuba baza kufa, uPawulos ufumana umyalezo omnika ithemba kuThixo.

IBALI 113

UPawulos ERoma

UPawulos uwenza njani umsebenzi wakhe wokuba ngumpostile nangona evalelwe?