Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 106

Bayakhululwa Entolongweni

Bayakhululwa Entolongweni

KHANGELA ingelosi ebambe ucango lwentolongo apha. Amadoda ewakhululayo ngabapostile bakaYesu. Masibone ukuba yintoni ekhokelele ekufakweni kwabo entolongweni.

Kulixesha elifutshane kuphela ukususela ekuthululweni komoya oyingcwele kubafundi bakaYesu. Yaye kwenzeka oku: UPetros noYohane baya etempileni eYerusalem ngenye injikalanga. Apho, ngasemnyango, kuhleli umntu obesisiqhwala ubomi bakhe bonke. Abantu bamthwalela apha suku ngalunye ukuze acele imali kwabo bangena etempileni. Xa ebona uPetros noYohane uyacela. Baza kwenza ntoni aba bapostile?

Bayema baze balijonge eli hlwempu. ‘Andinamali,’ utsho uPetros, ‘kodwa ndiza kukunika oko ndinako. Egameni likaYesu, phakama uhambe!’ Wandula ke uPetros ayibambe ngesandla sokunene le ndoda, yaye kwangoko iyaxhuma ize ihamba-hambe. Xa abantu bekubona oku, bayothuka baze bavuye gqitha ngenxa yalo mmangaliso.

‘Lo mmangaliso siwenze ngamandla kaThixo owavusa uYesu kwabafileyo,’ utsho uPetros. Ngoxa yena noYohane bethetha, kuza iinkokeli zonqulo ezithile. Zinomsindo kuba uPetros noYohane bexelela abantu ngovuko lukaYesu. Ngoko ziyababamba zibafake entolongweni.

Ngengomso iinkokeli zonqulo zinentlanganiso enkulu. Kungeniswa uPetros noYohane kwakunye nendoda abayiphilisileyo. Iinkokeli zonqulo ziyababuza zithi: ‘Lo mmangaliso niwenze ngamandla kabani na?’

UPetros uyazixelela ukuba kungamandla kaThixo, owavusa uYesu kwabafileyo. Ababingeleli abazi ukuba benze ntoni na, kuba abanakuyikhanyela into yokuba lo mmangaliso wenzekile. Ngoko balumkisa abapostile ukuba bangaphindi bathethe ngoYesu, baze ke babakhulule.

Njengokuba iintsuku zihamba abapostile baqhubeka beshumayela ngoYesu bephilisa nabagulayo. Iindaba ezingale mimangaliso ziyasasazeka. Kwanezihlwele eziphuma kwiidolophu ezikufutshane neYerusalem zizisa abagulayo ukuze baphiliswe ngabapostile. Le nto izenza zibe nomona iinkokeli zonqulo, ngoko ziyababamba abapostile zibaphose entolongweni. Kodwa abahlali xesha lide apho.

Ebusuku ingelosi kaThixo ivula ucango lwentolongo, njengokuba ubona apha. Le ngelosi ithi: ‘Hambani niye kuma etempileni, nithethe nabantu.’ Ngentsasa elandelayo, xa iinkokeli zonqulo zithumela amadoda entolongweni ukuba eze nabapostile, abakho. Kamva la madoda afika befundisa etempileni aze abazise kwiholo yeSanhedrin.

‘Besininqonqozisile ukuba ningaphindi nifundise ngoYesu,’ zitsho iinkokeli zonqulo. ‘Kodwa niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu.’ Abapostile baphendula bathi: ‘Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.’ Ngoko bayaqhubeka befundisa “iindaba ezilungileyo.” Asingomzekelo omhle na lo wokulandelwa sithi?