Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 112

Ukwaphuka Kwenqanawa Esiqithini

Ukwaphuka Kwenqanawa Esiqithini

KHANGELA! kukho ingxaki enqanaweni! Iyaqhekeka! Uyababona na abantu abangene emanzini? Bambi sebephumele elunxwemeni. Ngaba nguPawulos lowaa? Masifumanise oko bekusenzeka kuye.

Khumbula, iminyaka emibini uPawulos ulibanjwa eKesareya. Emva koko yena namanye amabanjwa bafakwa enqanaweni eya eRoma. Xa begqitha kufutshane nesiqithi saseKrete, kuvuthuza umoya onamandla. Uvuthuza kangangokuba abantu abakwazi ukuyiqhuba kakuhle inqanawa. Yaye abaliboni ilanga emini okanye iinkwenkwezi ebusuku. Ekugqibeleni, emva kweentsuku eziliqela, abakhweleyo baphelelwa lithemba lokusinda.

UPawulos uyaphakama esithi: ‘Akukho namnye wenu uza kufa; yinqanawa kuphela eya kutshona. Kuba izolo ebusuku ingelosi kaThixo ize kum yathi: “Musa ukoyika, Pawulos! Kufuneka ume phambi komlawuli waseRoma uKesare. Ngoko uThixo uza kukusindisa nabo bonke abanawe enqanaweni.”’

Malunga nasezinzulwini zobusuku ngosuku lwe-14 emva kokuqalisa komoya onamandla, oomatiloshe baphawula ukuba amanzi awekho nzulu kakhulu! Ngenxa yokoyikela ukungqubeka ematyeni ebumnyameni, bagxumeka iiankile zabo. Kusasa ngengomso babona unxweme. Bazimisela ukuqhuba inqanawa de ifike apho elunxwemeni.

Ekusondeleni kwabo elunxwemeni, inqanawa ibetheka esantini ize ixinge. Ibethwa ngamaza, ize iqalise ukuqhekeka. Umphathi uthi: ‘Nonke nina nikwaziyo ukudada ngenani elwandle kuqala nize niphumele elunxwemeni. Abanye mabatsibe emva kwenu, baze babambelele kwezinye iingceba zenqanawa.’ Benza loo nto. Ngale ndlela bonke abantu abangama-276 ababesenqanaweni baphumela emhlabeni besindile, njengokuba ingelosi yathembisayo.

Esi siqithi yiMalta. Abantu banobubele gqitha yaye bayabanyamekela abo baphuma enqanaweni. Xa imozulu intle, uPawulos ufakwa kwenye inqanawa eya eRoma.