Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 114

Ukuphela Kobubi Bonke

Ukuphela Kobubi Bonke

YINTONI oyibonayo apha? Ewe, ngumkhosi okhwele amahashe amhlophe. Kodwa phawula ukuba avela phi. Amahashe aphala phezu kwamafu evela ezulwini! Ngaba la ngamahashe okwenene asezulwini?

Hayi, la asingomahashe okwenene. Siyakwazi oku ngenxa yokuba amahashe akanakubaleka phezu kwamafu, andithi? Kodwa iBhayibhile iyathetha ngamahashe asezulwini. Ngaba uyasazi isizathu?

Kungenxa yokuba ngaphambili kwakusetyenziswa amahashe kakhulu ekulweni iimfazwe. Ngoko iBhayibhile isixelela ngabantu abakhwele emahasheni bephuma ezulwini ukubonisa ukuba uThixo unemfazwe aza kuyilwa nabantu emhlabeni. Ngaba uyalazi igama lendawo yale mfazwe? YiArmagedon. Loo mfazwe iya kutshabalalisa bonke ububi emhlabeni.

NguYesu oya kukhokela ekulweni le mfazwe eArmagedon. Khumbula, uYesu nguye owanyulwa nguYehova ukuba ngukumkani worhulumente Wakhe. Yiyo le nto uYesu ethwele isithsaba sokumkani. Yaye ikrele libonisa ukuba uya kuzibulala zonke iintshaba zikaThixo. Ngaba ifanele isothuse into yokuba uThixo eza kutshabalalisa bonke abantu abangendawo?

Khawuphinde ujonge iBali 10. Ubona ntoni apho? Ewe, uMkhukula omkhulu owatshabalalisa abantu abangendawo. Wabangelwa ngubani loo Mkhukula? NguYehova uThixo. Ngoku khangela iBali 15. Kwenzeka ntoni apho? ISodom neGomora zitshatyalaliswa ngomlilo ovela kuYehova.

Tyhila kwiBali 33. Bona okwenzeka kumahashe nakwiinqwelo zokulwa zamaYiputa. Ngubani owabangela ukuba amanzi agubungele amaYiputa? NguYehova. Wakwenzela ukukhusela abantu bakhe. Khangela kwiBali 76. Apho uya kubona ukuba uYehova uvumela nabantu bakhe, amaSirayeli, batshatyalaliswe ngenxa yobungendawo babo.

Ngoko ke, asimele kumangaliswa kuba uYehova eya kuthumela imikhosi yakhe yasezulwini ukuphelisa bonke ububi emhlabeni. Kodwa cinga ngento eya kuthethwa koko emhlabeni! Tyhila iphepha size sibone.