Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 116

Indlela Esinokuphila Ngayo Ngonaphakade

Indlela Esinokuphila Ngayo Ngonaphakade

YINTONI le ifundwa yila ntombazanana nabahlobo bayo? Ewe, yile ncwadi uyifundayo—Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Yaye bafunda kanye eli bali ulifundayo—“Indlela Esinokuphila Ngayo Ngonaphakade.”

Uyazazi na izinto abazifundayo? Kuqala, kufuneka sazi uYehova noNyana wakhe uYesu ukuze siphile ngonaphakade. IBhayibhile ithi: ‘Nantsi indlela yokuphila ngonaphakade. Funda ngokuphela koThixo oyinyaniso noNyana awamthumela emhlabeni, uYesu Kristu.’

Sinokufunda njani ngoYehova uThixo noNyana wakhe uYesu? Enye indlela kukufunda Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile ukususela ekuqaleni kuse ekugqibeleni. Isixelela izinto ezininzi ngoYehova nangoYesu, uthini wena? Yaye isixelela izinto ezininzi abazenzileyo nezo basaya kuzenza. Kodwa kufuneka senze okungakumbi kunokufunda nje le ncwadi.

Uyayibona na enye incwadi ebekwe phantsi? YiBhayibhile. Yiba nomntu okufundela amacandelo eBhayibhile ekusekelwe kuwo amabali ale ncwadi. IBhayibhile isinika inkcazelo epheleleyo esiyifunayo ukuze sonke sikhonze uYehova ngokufanelekileyo size sifumane ubomi obungunaphakade. Kodwa masiziqhelise ukuyifunda rhoqo iBhayibhile.

Kodwa ukufunda nje ngoYehova uThixo nangoYesu Kristu akwanele. Sinokuba nolwazi oluninzi ngabo nangeemfundiso zabo, ukanti singabufumani ubomi obungunaphakade. Uyayazi na enye into efunekayo?

Kwakhona kufuneka siphile ngokuvisisana nezinto esizifundayo. Uyamkhumbula na uYudas Skariyoti? Wayengomnye wabali-12 abanyulwa nguYesu ukuba ngabapostile bakhe. UYudas wayenolwazi oluninzi ngoYehova noYesu. Kodwa kwenzeka ntoni kuye? Emva kwexeshana wazicingela, waza wamngcatsha uYesu kwiintshaba zakhe ngama-30 eesilivere. Ngoko ke, uYudas akayi kubufumana ubomi obungunaphakade.

Uyamkhumbula na uGehazi, indoda esifunde ngayo kwiBali 69? Wafuna ukufumana iimpahla ezithile nemali eyayingeyoyakhe. Ngoko waxoka ukuze afumane ezi zinto. Kodwa uYehova wamohlwaya. Yaye uya kusohlwaya nathi ukuba asiyithobeli imithetho yakhe.

Kodwa kukho abantu abaninzi abalungileyo ababesoloko bemkhonza ngokuthembeka uYehova. Sifuna ukuba njengabo, uthini wena? USamuweli oselula ungumzekelo omhle wokuxeliswa. Khumbula, njengokuba sibonile kwiBali 55, wayeneminyaka emine okanye emihlanu kuphela ubudala xa waqalisa ukukhonza uYehova emnqubeni wakhe. Ngoko nokuba umncinane kangakanani na, unako ukumkhonza uYehova.

Ewe, umntu esifuna ukumlandela sonke nguYesu Kristu. Naxa wayeyinkwenkwe, njengokuba kuboniswe kwiBali 87, wayelapho etempileni ethetha nabanye ngoYise wasezulwini. Masilandele umzekelo wakhe. Masixelele abantu abaninzi kangangoko ngoThixo wethu ongummangaliso uYehova nangoNyana wakhe, uYesu Kristu. Ukuba siyazenza ezi zinto, siya kuphila ngonaphakade kwiparadesi kaThixo entsha emhlabeni.