Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Yencwadi Yam Yamabali EBhayibhile

Imibuzo Yencwadi Yam Yamabali EBhayibhile

Ibali 1

UThixo Uqalisa Ukudala

  1. Zivela phi zonke izinto ezintle, yaye ngaba ungenza umzekelo?

  2. Yintoni awaqala wayidala uThixo?

  3. Yayikhetheke ngantoni ingelosi yokuqala?

  4. Chaza indlela owawuyiyo umhlaba ekuqaleni. (Bona umfanekiso.)

  5. UThixo wawenza njani umhlaba ukuze ulungele izilwanyana nabantu?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYeremiya 10:12.

    Ziziphi iimpawu zikaThixo ezibonakalayo kwindalo yakhe? (Isa. 40:26; Roma 11:33)

  2. Funda eyabaseKolose 1:15-17.

    Yiyiphi indima awaba nayo uYesu ekudalweni kwezinto, yaye oko kumele kuyichaphazele njani indlela esimjonga ngayo? (Kol. 1:15-17)

  3. Funda iGenesis 1:1-10.

    1. Wawuvela phi umhlaba? (Gen. 1:1)

    2. Kwenzeka ntoni ngosuku lokuqala lokudala? (Gen. 1:3-5)

    3. Chaza oko kwenzekayo ngosuku lwesibini lokudala. (Gen. 1:7, 8)

Ibali 2

Umyezo Omhle

  1. UThixo wawenza njani umhlaba ukuze ube likhaya lethu?

  2. Chaza iintlobo-ntlobo zezilwanyana awazenzayo uThixo. (Bona umfanekiso.)

  3. Wawukhetheke njani umyezo wase-Eden?

  4. UThixo wayefuna ube njani umhlaba?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 1:11-25.

    1. Wadala ntoni uThixo ngosuku lwesithathu? (Gen. 1:12)

    2. Kwenzeka ntoni ngosuku lwesine lokudala? (Gen. 1:16)

    3. Ziziphi izilwanyana awazenzayo uThixo ngosuku lwesihlanu nolwesithandathu? (Gen. 1:20, 21, 25)

  2. Funda iGenesis 2:8, 9.

    Yiyiphi imithi emibini ekhethekileyo awayibekayo uThixo emyezweni, yaye yayifuzisela ntoni?

Ibali 3

Indoda Nomfazi Bokuqala

  1. Lo mfanekiso ukwiBali 3 wahluke njani kulo ukwiBali 2?

  2. Ngubani owadala indoda yokuqala, yaye yayingubani igama layo?

  3. Nguwuphi umsebenzi uThixo awawunika uAdam?

  4. Kwakutheni ukuze uThixo amlalise ubuthongo obunzulu uAdam?

  5. Babeza kuphila ixesha elingakanani uAdam noEva, yaye uYehova wayefuna benze wuphi umsebenzi?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iNdumiso 83:18.

    Ngubani igama likaThixo, yaye sisiphi isikhundla esikhethekileyo anaso emhlabeni? (Yer. 16:21; Dan. 4:17)

  2. Funda iGenesis 1:26-31.

    1. Yintoni eyona nto ibalulekileyo uThixo awayidalayo ngosuku lwesithandathu, yaye yayahluke njani kwizilwanyana? (Gen. 1:26)

    2. Liliphi ilungiselelo uYehova awalenzela abantu kunye nezilwanyana? (Gen. 1:30)

  3. Funda iGenesis 2:7-25.

    1. Yintoni eyayibandakanyekile ekuthiyeni kuka-Adam izilwanyana amagama? (Gen. 2:19)

    2. IGenesis 2:24 isinceda njani siqonde imbono kaYehova ngokuphathelele umtshato, ukwahlukana, noqhawulo-mtshato? (Mat. 19:4-6, 9)

Ibali 4

Okwabalahlekanisa Nekhaya Labo

  1. Kulo mfanekiso, kwenzeka ntoni kuAdam noEva?

  2. Kwakutheni ukuze bohlwaywe nguYehova?

  3. Inyoka yamxelela ntoni uEva?

  4. Ngubani owabangela ukuba inyoka ithethe noEva?

  5. Kwakutheni ukuze uAdam noEva baphulukane nekhaya eliyiParadesi?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 2:16, 17 nesesi-3:1-1324.

    1. Umbuzo owabuzwa yinyoka kuEva wambek’ ibala njani uYehova? (Gen. 3:1-5; 1 Yoh. 5:3)

    2. Sisiphi isilumkiso esisifumanayo kumzekelo kaEva? (Fil. 4:8; Yak. 1:14, 15; 1 Yoh. 2:16)

    3. UAdam noEva basilela njani ukwamkela imbopheleleko yezenzo zabo? (Gen. 3:12, 13)

    4. Iikherubhi ezazikwimpuma yomyezo wase-Eden zaluphakamisa njani ulongamo lukaYehova? (Gen. 3:24)

  2. Funda iSityhilelo 12:9.

    USathana uye waphumelela kangakanani ekwenzeni abantu ukuba bamvukele uThixo? (1 Yoh. 5:19)

Ibali 5

Kuqalisa Ubomi Obunzima

  1. Babunjani ubomi kuAdam noEva ngaphandle komyezo wase-Eden?

  2. Kwaqala kwenzeka ntoni kuAdam noEva, yaye ngoba?

  3. Sasiyintoni isizathu sokuba abantwana baka-Adam noEva baluphale baze bafe?

  4. Ukuba uAdam noEva babemthobele uYehova, babuza kuba njani ubomi kubo nakubantwana babo?

  5. Ukungathobeli kukaEva kwambangela njani intlungu?

  6. Yayingoobani amagama oonyana ababini bokuqala baka-Adam noEva?

  7. Ngoobani abanye abantwana abakulo mfanekiso?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 3:16-23 nesesi-4:1, 2.

    1. Ubomi buka-Adam bachaphazeleka njani kukuqalekiswa komhlaba? (Gen. 3:17-19; Roma 8:20, 22)

    2. Kutheni lalifanelekile nje igama elithi Eva, elithetha “Ophilayo”? (Gen. 3:20)

    3. UYehova wabonisa njani ukuba usamkhathalele uAdam noEva kwanasemva kokuba bonile? (Gen. 3:7, 21)

  2. Funda iSityhilelo 21:3, 4.

    Ziziphi “izinto zangaphambili” olangazelela ukuba zipheliswe?

Ibali 6

Unyana Olungileyo, Nombi

  1. Babesenza wuphi umsebenzi uKayin noAbheli?

  2. Ziziphi izipho eziziswa nguKayin noAbheli kuYehova?

  3. Kutheni uYehova ekholiswa ngumnikelo ka-Abheli, yaye kutheni engakholiswa ngokaKayin?

  4. Ungumntu onjani uKayin, yaye uYehova uzama njani ukumlungisa?

  5. Wenza ntoni uKayin xa esedlelweni nomntakwabo?

  6. Chaza oko kwenzeka kuKayin emva kokuba ebulele umntakwabo.

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 4:2-26.

    1. UYehova wayichaza njani ingozi awayekuyo uKayin? (Gen. 4:7)

    2. UKayin wakubonisa njani oko kusentliziyweni yakhe? (Gen. 4:9)

    3. Iyintoni imbono kaYehova ngokuphalaza igazi elimsulwa? (Gen. 4:10; Isa. 26:21)

  2. Funda eyoku-1 kaYohane 3:11, 12.

    1. Kwakutheni ukuze uKayin avuthe ngumsindo, yaye sifunda ntoni koko namhlanje? (Gen. 4:4, 5; IMize. 14:30; 28:22)

    2. IBhayibhile ibonisa njani ukuba singakwazi ukugcina ingqibelelo, naxa onke amalungu entsapho yethu emchasa uYehova? (INdu. 27:10; Mat. 10:21, 22)

  3. Funda uYohane 11:25.

    Sisiphi isiqinisekiso esinikelwa nguYehova ngokuphathelele bonke abo bafela ubulungisa? (Yoh. 5:24)

Ibali 7

Indoda Ekhaliphileyo

  1. UEnoki wayahluke njani?

  2. Kwakutheni ukuze abantu benze izinto ezimbi kangaka ngomhla kaEnoki?

  3. Ziziphi izinto ezimbi ababezenza abantu? (Bona umfanekiso.)

  4. Kutheni kwafuneka uEnoki akhaliphe?

  5. Babephila ixesha elingakanani abantu ngoko, kodwa uEnoki yena waphila ixesha elingakanani?

  6. Kwenzeka ntoni emva kokufa kukaEnoki?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 5:21-24, 27.

    1. UEnoki wayenolwalamano olunjani noYehova? (Gen. 5:24)

    2. Ngokutsho kweBhayibhile, ngubani owaphila elona xesha lide, yaye wayeneminyaka emingaphi ukufa kwakhe? (Gen. 5:27)

  2. Funda iGenesis 6:5.

    Zaba mbi kangakanani iimeko emhlabeni emva kokufa kukaEnoki, yaye zinjani xa zithelekiswa nanamhlanje? (2 Tim. 3:13)

  3. Funda amaHebhere 11:5.

    Luluphi uphawu olwabangela ukuba uEnoki ‘amkholise kakuhle uThixo,’ yaye waba yintoni umphumo? (Gen. 5:22)

  4. Funda uYude 14, 15.

    AmaKristu namhlanje angayixelisa njani inkalipho kaEnoki xa elumkisa abantu ngedabi leArmagedon? (2 Tim. 4:2; Heb. 13:6)

Ibali 8

Izigebenga Emhlabeni

  1. Kwenzeka ntoni xa ezinye iingelosi zikaThixo zaphulaphula uSathana?

  2. Kwakutheni ukuze ezinye iingelosi ziyeke umsebenzi wazo ezulwini zize emhlabeni?

  3. Kutheni kwakuphosakele ukuba iingelosi zize emhlabeni zize zizenzele imizimba yabantu?

  4. Babahluke njani abantwana beengelosi?

  5. Njengoko ubona apha emfanekisweni, benza ntoni abantwana beengelosi xa baba ziingxilimbela?

  6. Emva kukaEnoki, yiyiphi enye indoda elungileyo eyaphila emhlabeni yaye kwakutheni ukuze ithandwe nguThixo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 6:1-8.

    IGenesis 6:6 ityhila ukuba ukuziphatha kwethu kungamchaphazela njani uYehova? (INdu. 78:40, 41; IMize. 27:11)

  2. Funda uYude 6.

    Iingelosi ezingazange ‘zisigcine isigxina sazo santlandlolo’ ngomhla kaNowa zisisilumkiso ngayiphi indlela kuthi namhlanje? (1 Kor. 3:5-9; 2 Pet. 2:4, 9, 10)

Ibali 9

UNowa Wakha Umkhombe

  1. Ayemangaphi amalungu entsapho kaNowa, yaye ayengoobani amagama oonyana bakhe abathathu?

  2. Yintoni le ingaqhelekanga uNowa awacelwa nguThixo ukuba ayenze, yaye kwakutheni?

  3. Basabela njani abamelwane bakaNowa xa wayebaxelela ngomkhombe?

  4. UThixo wathi uNowa makenze ntoni ngezilwanyana?

  5. Kwafuneka benze ntoni uNowa nentsapho yakhe emva kokuba uThixo eluvalile ucango lomkhombe?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 6:9-22.

    1. Yintoni eyenza uNowa waba ngumkhonzi obalaseleyo woThixo oyinyaniso? (Gen. 6:9, 22)

    2. UYehova uvakalelwa njani ngogonyamelo, yaye oku kumele kuyichaphazele njani indlela esikhetha ukuzonwabisa ngayo? (Gen. 6:11, 12; INdu. 11:5)

    3. Singamxelisa njani uNowa xa siyalelwa yintlangano kaYehova? (Gen. 6:22; 1 Yoh. 5:3)

  2. Funda iGenesis 7:1-9.

    Isibakala sokuba uYehova wamgqala njengelungisa uNowa, indoda engafezekanga, sisikhuthaza njani namhlanje? (Gen. 7:1; IMize. 10:16; Isa. 26:7)

Ibali 10

UMkhukula Omkhulu

  1. Kutheni kungekho namnye umntu owayenokungena emkhombeni xa imvula yaqalisa ukuna?

  2. UYehova wayinisa iintsuku nobusuku obungaphi imvula, yaye amanzi ayemaninzi kangakanani?

  3. Kwenzeka ntoni emkhombeni xa amanzi aqalisa ukugubungela umhlaba?

  4. Ngaba izigebenga zasinda ngoMkhukula, yaye kwenzeka ntoni kooyise?

  5. Emva kweenyanga ezintlanu kwenzeka ntoni emkhombeni?

  6. Kwakutheni ukuze uNowa athumele ihlungulu ngaphandle komkhombe?

  7. UNowa wazi njani ukuba amanzi awuthile emhlabeni?

  8. UThixo wathini kuNowa emva kokuba yena nentsapho yakhe babesemkhombeni ngaphezu konyaka?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 7:10-24.

    1. Ziintoni ezatshabalalayo emhlabeni? (Gen. 7:23)

    2. Amanzi oMkhukula athabatha ixesha elingakanani ukwehla? (Gen. 7:24)

  2. Funda iGenesis 8:1-17.

    IGenesis 8:17 ibonisa njani ukuba injongo kaYehova yantlandlolo ngomhlaba ayizange iguquke? (Gen. 1:22)

  3. Funda eyoku-1 kaPetros 3:19, 20.

    1. Xa iingelosi ezivukelayo zabuyela ezulwini, zafumana wuphi umgwebo? (Yude 6)

    2. Ingxelo kaNowa nentsapho yakhe iyomeleza njani intembelo esinayo kuYehova yokuhlangula abantu bakhe? (2 Pet. 2:9)

Ibali 11

Umnyama Wokuqala

  1. Njengoko kubonisiwe kulo mfanekiso, wenza ntoni uNowa akuphuma emkhombeni?

  2. Nguwuphi umyalelo uThixo awawunika uNowa nentsapho yakhe emva koMkhukula?

  3. Sisiphi isithembiso awasenzayo uThixo?

  4. Umnyama umele usikhumbuze ntoni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 8:18-22.

    1. Sinokuba ‘livumba elithozamisayo’ njani kuYehova namhlanje? (Gen. 8:21; Heb. 13:15, 16)

    2. Wathini uYehova ngentliziyo yomntu, ngoko yintoni esimele siyilumkele? (Gen. 8:21; Mat. 15:18, 19)

  2. Funda iGenesis 9:9-17.

    1. Nguwuphi umnqophiso awawenzayo uYehova nazo zonke izidalwa zomhlaba? (Gen. 9:10, 11)

    2. Uya kuhlala ixesha elide kangakanani umnqophiso womnyama? (Gen. 9:16)

Ibali 12

Abantu Bakha Inqaba Enkulu

  1. Yayingubani uNimrodi, yaye uThixo wayemgqala njani?

  2. Kulo mfanekiso, kutheni abantu besenza izitena?

  3. Kwakutheni ukuze uYehova angakholiswa ngulo msebenzi wokwakha?

  4. UThixo wakuyekisa njani ukwakhiwa kwenqaba?

  5. Sasibizwa ngokuba yintoni eso sixeko, yaye lalithetha ntoni elo gama?

  6. Kwenzeka ntoni ebantwini emva kokuba uThixo ebhidanise iilwimi zabo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 10:1, 8-10.

    Ziziphi iimpawu awazibonakalisayo uNimrodi, yaye sisiphi isilumkiso esisifumanayo namhlanje? (IMize. 3:31)

  2. Funda iGenesis 11:1-9.

    Yayiyintoni injongo yokwakha inqaba, yaye kutheni ingazange iphumelele nje? (Gen. 11:4; IMize. 16:18; Yoh. 5:44)

Ibali 13

UAbraham—Umhlobo KaThixo

  1. Babenjani abantu ababephila kwisixeko saseUre?

  2. Ngubani le ndoda ikulo mfanekiso, yazalwa nini, ibe yayihlala phi?

  3. UThixo wathi makenze ntoni uAbraham?

  4. Kwakutheni ukuze uAbraham abizwe ngokuba ngumhlobo kaThixo?

  5. Ngubani owahamba noAbraham xa wayeshiya iUre?

  6. Yintoni uThixo awayithetha kuAbraham xa wafika eKanan?

  7. Sisiphi isithembiso awasenzayo uThixo kuAbraham xa wayeneminyaka engama-99 ubudala?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 11:27-32.

    1. UAbraham noLote babezalana njani? (Gen. 11:27)

    2. Nangona uTera wanconywayo ngokuya eKanan nentsapho yakhe, sazi njani ukuba eneneni nguAbraham oweza neli cebo, yaye wayekwenzela ntoni oko? (Gen. 11:31; IZe. 7:2-4)

  2. Funda iGenesis 12:1-7.

    UYehova wawandisa njani umnqophiso awawenza noAbraham akufika kwilizwe lakwaKanan? (Gen. 12:7)

  3. Funda iGenesis 17:1-8, 15-17.

    1. Luluphi utshintsho olwenzeka kwigama lika-Abram xa wayeneminyaka engama-99 ubudala, yaye ngoba? (Gen. 17:5)

    2. UYehova wamthembisa ziphi iintsikelelo uSara? (Gen. 17:15, 16)

  4. Funda iGenesis 18:9-19.

    1. KwiGenesis 18:19, ziziphi iimbopheleleko ezichaziweyo zoobawo? (Dut. 6:6, 7; Efe. 6:4)

    2. Ngawaphi amava kaSara abonisa ukuba ayikho into esinokuyifihla kuYehova? (Gen. 18:12, 15; INdu. 44:21)

Ibali 14

UThixo Uvavanya Ukholo Luka-Abraham

  1. Sisiphi isithembiso uThixo awasenza kuAbraham, yaye uThixo wasigcina njani isithembiso sakhe?

  2. Njengoko kubonisiwe kulo mfanekiso, uThixo waluvavanya njani ukholo luka-Abraham?

  3. Wenza ntoni uAbraham nangona wayengasiqondi isizathu sokuba uThixo amyalele oko?

  4. Kwenzeka ntoni xa uAbraham wayethabatha imela eza kubulala unyana wakhe?

  5. Lwalomelele kangakanani ukholo luka-Abraham kuThixo?

  6. UThixo wambonisa ntoni uAbraham ukuze abingelele ngayo, yaye wakwenza njani oko?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 21:1-7.

    Kwakutheni ukuze uAbraham aluse unyana wakhe ngosuku lwesibhozo? (Gen. 17:10-12; 21:4)

  2. Funda iGenesis 22:1-18.

    UIsake wabonisa njani ukuba uyamhlonela uyise, uAbraham, yaye oku kwakusifuzisela njani isiganeko esibalulekileyo esasiza kwenzeka? (Gen. 22:7-9; 1 Kor. 5:7; Fil. 2:8, 9)

Ibali 15

UmkaLote Wakhangela Ngemva

  1. Kwakutheni ukuze uAbraham noLote bahlukane?

  2. Kwakutheni ukuze uLote akhethe ukuhlala eSodom?

  3. Babenjani abantu baseSodom?

  4. Sisiphi isilumkiso esanikelwa ziingelosi ezimbini kuLote?

  5. Kwakutheni ukuze umkaLote abe yintsika yetyuwa?

  6. Sisiphi isifundo esinokusifunda kumkaLote?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 13:5-13.

    Sifunda ntoni kuAbraham ngokuphathelele ukucombulula iingxaki phakathi kwabantu ababini? (Gen. 13:8, 9; Roma 12:10; Fil. 2:3, 4)

  2. Funda iGenesis 18:20-33.

    Indlela uYehova awaqhubana ngayo noAbraham isinika njani intembelo yokuba uYehova noYesu baya kugweba ngobulungisa? (Gen. 18:25, 26; Mat. 25:31-33)

  3. Funda iGenesis 19:1-29.

    1. Le ngxelo yeBhayibhile iyibonisa njani indlela uThixo abujonga ngayo ubufanasini? (Gen. 19:5, 13; Lev. 20:13)

    2. Nguwuphi umahluko esiwubonayo kwindlela uLote noAbraham abasabela ngayo kulwalathiso lukaThixo, yaye yintoni esinokuyifunda koku? (Gen. 19:15, 16, 19, 20; 22:3)

  4. Funda uLuka 17:28-32.

    Wayenesimo sengqondo esinjani umkaLote ngezinto eziphathekayo, yaye oku kusisilumkiso njani kuthi? (Luka 12:15; 17:31, 32; Mat. 6:19-21, 25)

  5. Funda eyesi-2 kaPetros 2:6-8.

    Sixelisa uLote, simele sibe nesimo sengqondo esinjani kweli hlabathi lingenabuthixo lisingqongileyo? (Hez. 9:4; 1 Yoh. 2:15-17)

Ibali 16

UIsake Ufumana Umfazi Olungileyo

  1. Ngubani le ndoda neli bhinqa likulo mfanekiso?

  2. Yintoni awayenzayo uAbraham ukuze afumanele unyana wakhe umfazi, yaye ngoba?

  3. Waphendulwa njani umthandazo womkhonzi ka-Abraham?

  4. Waphendula wathini uRebheka xa wayebuzwa ukuba uyafuna na ukutshata noIsake?

  5. Yintoni eyabangela ukuba uIsake aphinde onwabe?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 24:1-67.

    1. Ziziphi iimpawu ezintle awazibonakalisayo uRebheka ekudibaneni kwakhe nomkhonzi ka-Abraham equleni? (Gen. 24:17-20; IMize. 31:17, 31)

    2. Ilungiselelo elenziwa nguAbraham ngenxa kaIsake liwamisela wuphi umzekelo omhle amaKristu namhlanje? (Gen. 24:37, 38; 1 Kor. 7:39; 2 Kor. 6:14)

    3. Kutheni simele siziphe ixesha lokucamngca, kanye njengokuba uIsake wenzayo? (Gen. 24:63; INdu. 77:12; Fil. 4:8)

Ibali 17

Amawele Ahlukileyo

  1. Yayingubani uEsawu noYakobi, yaye babahluke njani?

  2. Yayimingaphi iminyaka kaEsawu noYakobi ukufa kukayisemkhulu wabo uAbraham?

  3. Yintoni awayenzayo uEsawu eyamenza buhlungu unina noyise?

  4. Kwakutheni ukuze uEsawu afuthe ngumsindo ngenxa yomntakwabo uYakobi?

  5. Nguwuphi umyalelo uIsake awawunika unyana wakhe uYakobi?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 25:5-11, 20-34.

    1. Yintoni awayiprofetayo uYehova ngokuphathelele oonyana ababini bakaRebheka? (Gen. 25:23)

    2. Nguwuphi umahluko owawukho kwindlela uYakobi noEsawu ababebujonga ngayo ubuzibulo? (Gen. 25:31-34)

  2. Funda iGenesis 26:34, 35; 27:1-46; nesama-28:1-5.

    1. Kwabonakala njani ukungazixabisi kukaEsawu izinto zokomoya? (Gen. 26:34, 35; 27:46)

    2. UIsake wathi makenze ntoni uYakobi ukuze asikelelwe nguThixo? (Gen. 28:1-4)

  3. Funda amaHebhere 12:16, 17.

    Oko kwenziwa nguEsawu kusibonisa njani isiphelo sabo bazicekisayo izinto zokomoya?

Ibali 18

UYakobi Uya KwaHaran

  1. Ngubani eli bhinqa liselula likulo mfanekiso, yaye lenzelwa ntoni nguYakobi?

  2. Yintoni awayezimisele ukuyenza uYakobi ukuze atshate noRakeli?

  3. Wenza ntoni uLabhan lakufika ixesha lokuba uYakobi atshate noRakeli?

  4. Yintoni awavuma ukuyenza uYakobi ukuze akwazi ukufumana uRakeli njengomfazi wakhe?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 29:1-30.

    1. UYakobi wazibonakalisa njani ukuba unyanisekile kwanaxa uLabhan wayesenza amaqhinga, yaye yintoni esinokuyifunda koku? (Gen. 25:27; 29:26-28; Mat. 5:37)

    2. Oko kwenziwa nguYakobi, kuwubonisa njani umahluko okhoyo phakathi kothando nentabatheko? (Gen. 29:18, 20, 30; INgoma 8:6)

    3. Ngoobani amabhinqa amane awaba yinxalenye yendlu kaYakobi aza kamva amzalela oonyana? (Gen. 29:23, 24, 28, 29)

Ibali 19

Intsapho Enkulu KaYakobi

  1. Ngoobani amagama oonyana abathandathu bakaYakobi awabazalelwa ngumfazi wakhe wokuqala uLeya?

  2. Ngoobani oonyana ababini bakaYakobi abazalwa nguZilipa umkhonzazana kaLeya?

  3. Ngoobani amagama oonyana ababini bakaYakobi abazalwa nguBhiliha umkhonzazana kaRakeli?

  4. Ngoobani oonyana ababini awabazalayo uRakeli, kodwa kwenzeka ntoni xa kwakuzalwa owesibini?

  5. Ngokwalo mfanekiso, wayenoonyana abangaphi uYakobi, yaye kwaphuma ntoni kubo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 29:32-35; 30:1-26; nesama-35:16-19.

    Njengoko kubonisiwe kwimeko yoonyana bakaYakobi abali-12, ayedla ngokuthiywa njani amagama amakhwenkwe amaHebhere mandulo?

  2. Funda iGenesis 37:35.

    Nangona inguDina kuphela okhankanyiweyo eBhayibhileni, sazi njani ukuba uYakobi wayenazo nezinye iintombi? (Gen. 37:34, 35)

Ibali 20

UDina Ungena Enkathazweni

  1. Kwakutheni ukuze uAbraham noIsake bangafuni ukuba abantwana babo batshate nabantu bakwaKanan?

  2. Ngaba uYakobi wakholiswa yinto yokuba intombi yakhe yenze ubuhlobo neentombi zamaKanan?

  3. Ngubani le ndoda ijonge uDina kulo mfanekiso, yaye yintoni embi eyayenzayo?

  4. AbantakwaboDina uSimon noLevi benza ntoni bakuva oko kwenzekileyo?

  5. Ngaba uYakobi wakholiswa koko kwenziwa nguSimon noLevi?

  6. Yaqala njani yonke le ngxaki yentsapho?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 34:1-31.

    1. Ngaba uDina wayeqala ukuchitha ixesha neentombi zamaKanan? Chaza. (Gen. 34:1)

    2. Kutheni uDina enegalelo ekuphulukaneni nobunyulu bakhe? (Gal. 6:7)

    3. Abaselula namhlanje bangabonisa njani ukuba bafundile kumzekelo kaDina? (IMize. 13:20; 1 Kor. 15:33; 1 Yoh. 5:19)

Ibali 21

AbantakwaboYosefu Bamthiyile

  1. Kwakutheni ukuze abantakwaboYosefu bamthiye, yaye benza ntoni?

  2. AbantakwaboYosefu bafuna ukumenza ntoni, kodwa uthini uRubhen?

  3. Kwenzeka ntoni xa kwavela amaIshmayeli?

  4. AbantakwaboYosefu benza ntoni ukuze uyise acinge ukuba uYosefu ufile?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 37:1-35.

    1. AmaKristu awuxelisa njani umzekelo kaYosefu xa echaza nasiphi na isenzo esibi ebandleni? (Gen. 37:2; Lev. 5:1; 1 Kor. 1:11)

    2. Yintoni eyabangela ukuba abantakwaboYosefu benze ngobuqhophololo? (Gen. 37:11, 18; IMize. 27:4; Yak. 3:14-16)

    3. Wenza siphi isenzo uYakobi esiyindlela eqhelekileyo yokubonakalisa intlungu? (Gen. 37:35)

Ibali 22

UYosefu Ufakwa Entolongweni

  1. UYosefu uneminyaka emingaphi xa ethunyelwa eYiputa, yaye kwenzeka ntoni akufika apho?

  2. UYosefu uya njani entolongweni?

  3. UYosefu unikwa wuphi umsebenzi entolongweni?

  4. Entolongweni, yintoni uYosefu ayenzela umngcamli kaFaro nomoji wezonka?

  5. Kwenzeka ntoni akukhululwa umngcamli entolongweni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 39:1-23.

    Ekubeni kwakungekho mthetho ubhaliweyo kaThixo owawusalela ukukrexeza ngexesha likaYosefu, yintoni eyamnyanzela ukuba asabe kumkaPotifare? (Gen. 2:24; 20:3; 39:9)

  2. Funda iGenesis 40:1-23.

    1. Ngokufutshane chaza iphupha lomngcamli nendlela uYosefu awalichaza ngayo ekhanyiselwa nguYehova. (Gen. 40:9-13)

    2. Waphupha ntoni umoji wezonka yaye lalithetha ntoni iphupha lakhe? (Gen. 40:16-19)

    3. Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi liye lasixelisa njani isimo sengqondo sikaYosefu? (Gen. 40:8; INdu. 36:9; Yoh. 17:17; IZe. 17:2, 3)

    4. IGenesis 40:20 iyichaza njani indlela amaKristu amele ayijonge ngayo imihla yokuzalwa? (INtshu. 7:1; Marko 6:21-28)

Ibali 23

Amaphupha KaFaro

  1. Ngobunye ubusuku kwenzeka ntoni kuFaro?

  2. Kutheni umngcamli ecinga ngoYosefu ekugqibeleni?

  3. Njengoko kuboniswe kulo mfanekiso, ngawaphi amaphupha amabini kaFaro?

  4. UYosefu ulichaza njani eli phupha?

  5. Kwenzeka njani ukuba uYosefu alandele uFaro ngokubaluleka eYiputa?

  6. Kutheni abantakwaboYosefu besiza eYiputa, yaye kutheni bengamboni ukuba nguye?

  7. Liliphi iphupha alikhumbulayo uYosefu, yaye limnceda ukuba aqonde ntoni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 41:1-57.

    1. UYosefu uyinikela njani ingqalelo kuYehova, yaye amaKristu angawuxelisa njani umzekelo wakhe namhlanje? (Gen. 41:16, 25, 28; Mat. 5:16; 1 Pet. 2:12)

    2. Iminyaka yentlutha eyalandelwa yeyendlala eYiputa ithelekiswa njani nemeko yokomoya yabantu bakaYehova namhlanje nabo beNgqobhoko? (Gen. 41:29, 30; Amosi 8:11, 12)

  2. Funda iGenesis 42:1-8 nesama-50:20.

    Ngaba kuphosakele ngabanquli bakaYehova ukuba baguqe phambi komntu bebonisa intlonelo ngesikhundla sakhe ukuba oko kulisiko lelo lizwe? (Gen. 42:6)

Ibali 24

UYosefu Ulinga Abantakwabo

  1. Kutheni uYosefu etyhola abantakwabo ngokuba ziintlola?

  2. Kutheni uYakobi evumela unyana wakhe oligqibelo uBhenjamin, ukuba aye eYiputa?

  3. Indebe yesilivere kaYosefu ingena njani kwingxowa kaBhenjamin?

  4. Yintoni uYuda athembisa ukuyenza ukuze uBhenjamin akhululwe?

  5. Batshintshe njani abantakwaboYosefu?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 42:9-38.

    Oko kuthethwa nguYosefu kwiGenesis 42:18 kusisikhumbuzo njani kwabo banembopheleleko kwintlangano kaYehova namhlanje? (Neh. 5:15; 2 Kor. 7:1, 2)

  2. Funda iGenesis 43:1-34.

    1. Nangona uRubhen wayelizibulo, yintoni ebonisa ukuba nguYuda owaba sisithethi sabantakwabo? (Gen. 43:3, 8, 9; 44:14, 18; 1 Kron. 5:2)

    2. UYosefu wabalinga njani abantakwabo, yaye ngoba? (Gen. 43:33, 34)

  3. Funda iGenesis 44:1-34.

    1. Njengenxalenye yeqhinga lokuzifihla kubantakwabo, uYosefu wazazisa njani kubo? (Gen. 44:5, 15; Lev. 19:26)

    2. AbantakwaboYosefu babonisa njani ukuba babengasenamona ngomntakwabo? (Gen. 44:13, 33, 34)

Ibali 25

Intsapho Ifudukela EYiputa

  1. Kwenzeka ntoni xa uYosefu ezazisa kubantakwabo?

  2. Yintoni uYosefu ayichaza ngobubele kubantakwabo?

  3. Uthini uFaro akuva ngabantakwaboYosefu?

  4. Yayingakanani intsapho kaYakobi ukufudukela kwayo eYiputa?

  5. Yabizwa ngaliphi igama intsapho kaYakobi, yaye ngoba?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iGenesis 45:1-28.

    Ingxelo yeBhayibhile engoYosefu ibonisa njani ukuba uYehova unokuyenza ibe nemiphumo emihle into ebicetyelwe ukwenzakalisa abakhonzi bakhe? (Gen. 45:5-8; Isa. 8:10; Fil. 1:12-14)

  2. Funda iGenesis 46:1-27.

    UYehova wamqinisekisa ngantoni uYakobi xa wayesendleleni eya eYiputa? (Gen. 46:1-4)

Ibali 26

UYobhi Uyathembeka KuThixo

  1. Wayengubani uYobhi?

  2. Yintoni awazama ukuyenza uSathana, kodwa ngaba waphumelela?

  3. UYehova wamnika imvume yokwenza ntoni uSathana, yaye ngaba waphumelela?

  4. Kwakutheni ukuze umkaYobhi athi kuye “mqalekise uThixo uze ufe”? (Bona umfanekiso.)

  5. Njengoko ubona kumfanekiso wesibini, uYehova wamsikelela njani uYobhi, yaye ngoba?

  6. Ukuba sithembekile kuYehova njengoYobhi, ziziphi iintsikelelo esiya kuzifumana?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYobhi 1:1-22.

    AmaKristu angamxelisa njani uYobhi namhlanje? (Yobhi 1:1; Fil. 2:15; 2 Pet. 3:14)

  2. Funda uYobhi 2:1-13.

    Ziziphi iindlela ezimbini ezahlukeneyo abasabela ngazo uYobhi nomfazi wakhe kwintshutshiso kaSathana? (Yobhi 2:9, 10; IMize. 19:3; Mika 7:7; Mal. 3:14)

  3. Funda uYobhi 42:10-17.

    1. Kukuphi ukufana okukhoyo phakathi komvuzo owafunyanwa nguYobhi noYesu ngenxa yokuthembeka kwabo? (Yobhi 42:12; Fil. 2:9-11)

    2. Zisikhuthaza njani iintsikelelo ezafunyanwa nguYobhi ngenxa yokugcina kwakhe ingqibelelo kuThixo? (Yobhi 42:10, 12; Heb. 6:10; Yak. 1:2-4, 12; 5:11)

Ibali 27

Ukumkani Okhohlakeleyo WaseYiputa

  1. Kulo mfanekiso, ngubani le ndoda iphethe isabhokhwe, yaye ibetha bani?

  2. Emva kokufa kukaYosefu, kwenzeka ntoni kumaSirayeli?

  3. Kwakutheni ukuze amaYiputa awoyike amaSirayeli?

  4. Nguwuphi umyalelo uFaro awawunika abafazi ababencedisa oomama abangamaSirayeli ekuzaleni abantwana?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 1:6-22.

    1. UYehova waqalisa njani ukuzalisekisa isithembiso sakhe kuAbraham? (Eks. 1:7; Gen. 12:2; IZe. 7:17)

    2. Abazalisikazi abangamaHebhere babonisa njani ukuba bayabuxabisa ubungcwele bobomi? (Eks. 1:17; Gen. 9:6)

    3. Bavuzwa njani abazalisikazi ngenxa yokuthembeka kwabo kuYehova? (Eks. 1:20, 21; IMize. 19:17)

    4. Wazama njani uSathana ukuphazamisa injongo kaYehova ngokuphathelele iMbewu ka-Abraham ethenjisiweyo? (Eks. 1:22; Mat. 2:16)

Ibali 28

Ukuhlangulwa Kosana OlunguMoses

  1. Ngubani olu sana lukulo mfanekiso, yaye ngumnwe kabani lo liwubambileyo?

  2. Yintoni eyenziwa ngunina kaMoses ukuze amsindise angabulawa?

  3. Ngubani le ntombazana incinane ikulo mfanekiso, yaye yenza ntoni?

  4. Xa intombi kaFaro yafumana olu sana, wacebisa wathini uMiriyam?

  5. Yathini le nkosazana kunina kaMoses?

Umbuzo owongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 2:1-10.

    Liliphi ithuba elalivulekele unina kaMoses lokumqeqesha eselula, yaye oku kubamisela wuphi umzekelo abazali namhlanje? (Eks. 2:9, 10; Dut. 6:6-9; IMize. 22:6; Efe. 6:4; 2 Tim. 3:15)

Ibali 29

Isizathu Sokuba UMoses Abaleke

  1. Wakhulela phi uMoses, kodwa yintoni awayeyazi ngabazali bakhe?

  2. Wenza ntoni uMoses xa wayeneminyaka engama-40 ubudala?

  3. Wathini uMoses kwindoda engumSirayeli eyayisilwa, yaye yaphendula yathini le ndoda?

  4. Kwakutheni ukuze uMoses abaleke eYiputa?

  5. Wabalekela phi uMoses, yaye wadibana nabani akufika apho?

  6. Wenza ntoni uMoses ebudeni bama-40 eminyaka emva kokuhamba eYiputa?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 2:11-25.

    Phezu kwako nje ukuchitha iminyaka efunda ubulumko bamaYiputa, uMoses wakubonisa njani ukunyaniseka kwakhe kuYehova nakubantu bakowabo? (Eks. 2:11, 12; Heb. 11:24)

  2. Funda iZenzo 7:22-29.

    Sisiphi isifundo esinokusifunda ekuzameni kukaMoses ukukhulula uSirayeli kubukhoboka baseYiputa? (IZe. 7:23-25; 1 Pet. 5:6, 10)

Ibali 30

Ityholo Elitshayo

  1. Liyintoni igama lale ntaba ikulo mfanekiso?

  2. Chaza into engaqhelekanga eyabonwa nguMoses xa wayesalusa izimvu kule ntaba.

  3. Lalisithini ilizwi elaphuma kwityholo elitshayo, yaye yayilelikabani?

  4. Waphendula wathini uMoses xa uThixo wamxelela ukuba uza kukhokela abantu Bakhe ekuphumeni eYiputa?

  5. UThixo wathi makathini uMoses xa abantu bembuza ukuba uthunywe ngubani?

  6. UMoses wayeza kubonisa njani ukuba wayethunywe nguThixo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 3:1-22.

    Amava kaMoses asinika njani intembelo yokuba kwanokuba siziva singakufanelekeli ukuphumeza isabelo sobuthixo, uYehova uya kusixhasa? (Eks. 3:11, 13; 2 Kor. 3:5, 6)

  2. Funda iEksodus 4:1-20.

    1. Satshintsha njani isimo sengqondo sikaMoses ebudeni beminyaka engama-40 awayichitha kwaMidiyan, yaye banokufunda ntoni koku abo bazabalazela ukufanelekela amalungelo angakumbi ebandleni? (Eks. 2:11, 12; 4:10, 13; Mika 6:8; 1 Tim. 3:1, 6, 10)

    2. Kwanokuba siyaqeqeshwa nguYehova ngentlangano yakhe, unokusiqinisa njani umzekelo kaMoses? (Eks. 4:12-14; INdu. 103:14; Heb. 12:4-11)

Ibali 31

UMoses NoAron Baya KuFaro

  1. Yaba naliphi igalelo kumaSirayeli imimangaliso eyenziwa nguMoses noAron?

  2. UMoses noAron bamxelela ntoni uFaro, yaye uFaro waphendula wathini?

  3. Njengokuba kubonisiwe emfanekisweni, kwenzeka ntoni xa uAron wabetha phantsi ngentonga?

  4. UYehova wamfundisa siphi isifundo uFaro, yaye uFaro wasabela njani?

  5. Kwenzeka ntoni emva kwesibetho seshumi?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 4:27-31 nesesi-5:1-23.

    Wayethetha ukuthini uFaro xa wathi: “Andimazi konke konke uYehova”? (Eks. 5:2; 1 Sam. 2:12; Roma 1:21)

  2. Funda iEksodus 6:1-13, 26-30.

    1. UYehova wayengazazisanga njani kuAbraham, kuIsake, nakuYakobi? (Eks. 3:13, 14; 6:3; Gen. 12:8)

    2. Sivakalelwa njani xa sisazi ukuba uYehova wasebenzisa uMoses, nangona uMoses waziva engakufanelekeli ukwenza umsebenzi awayewabelwe? (Eks. 6:12, 30; Luka 21:13-15)

  3. Funda iEksodus 7:1-13.

    1. Xa uMoses noAron bayidlulisa ngenkalipho imigwebo kaYehova kuFaro, babebamisela wuphi umzekelo abakhonzi bakaThixo namhlanje? (Eks. 7:2, 3, 6; IZe. 4:29-31)

    2. UYehova wabubonakalisa njani ubukhulu bakhe ngaphezu koothixo baseYiputa? (Eks. 7:12; 1 Kron. 29:12)

Ibali 32

Izibetho Ezili-10

  1. Usebenzisa le mifanekiso ilapha, chaza izibetho ezithathu zokuqala awazizisa eYiputa uYehova.

  2. Zahluke njani izibetho zokuqala ezithathu kwezinye ezalandelayo?

  3. Sisiphi esesine, esesihlanu nesesithandathu?

  4. Chaza isibetho sesixhenxe, esesibhozo nesesithoba.

  5. UYehova wathi makenze ntoni amaSirayeli emva kwesibetho seshumi?

  6. Yayisisiphi isibetho seshumi, yaye kwenzeka ntoni emva kwaso?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 7:19–8:23.

    1. Nangona ababingeleli abaqhelisela umlingo ngobugqi baseYiputa bakwazi ukuzenza izibetho ezibini zokuqala, yintoni ekwanyanzeleka ukuba bayivume emva kwesibetho sesithathu? (Eks. 8:18, 19; Mat. 12:24-28)

    2. Isibetho sesine sabonisa njani ukuba uYehova unamandla okukhusela abantu bakhe, yaye ukwazi oku kufanele kubenze bavakalelwe njani abantu bakaThixo njengoko bejamelene ‘nembandezelo enkulu’? (Eks. 8:22, 23; ISityhi. 7:13, 14; 2 Kron. 16:9)

  2. Funda iEksodus 8:24; 9:3, 6, 10, 11, 14, 16, 23-25; nese-10:13-15, 21-23.

    1. Ngawaphi amaqela amabini awabhencwa ziziBetho Ezilishumi, yaye oku kusenza siwajonge njani loo maqela namhlanje? (Eks. 8:10, 18, 19; 9:14)

    2. Ukwazi iEksodus 9:16 kusinceda njani siqonde isizathu sokuba uYehova avumele uSathana de kube ngoku? (Roma 9:21, 22)

  3. Funda iEksodus 12:21-32.

    IPasika yalubangela njani usindiso kwabaninzi, yaye yayisalatha entwenini? (Eks. 12:21-23; Yoh. 1:29; Roma 5:18, 19, 21; 1 Kor. 5:7)

Ibali 33

Ukuwela ULwandle Olubomvu

  1. Mangaphi amadoda amaSirayeli, kuquka abafazi nabantwana abayishiyayo iYiputa yaye ngoobani abanye abahamba kunye nabo?

  2. Wavakalelwa njani uFaro emva kokuba ekhulule amaSirayeli, yaye wenza ntoni?

  3. Wenza ntoni uYehova ukuze amaYiputa ayeke ukuhlasela abantu bakhe?

  4. Kwenzeka ntoni xa uMoses wolula intonga yakhe phezu koLwandle Olubomvu, yaye enza ntoni amaSirayeli?

  5. Kwenzeka ntoni xa amaYiputa akhawuleza ukungena elwandle emva kwamaSirayeli?

  6. AmaSirayeli alubonisa njani uvuyo nombulelo wawo kuYehova ngenxa yokuba ewasindisile?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 12:33-36.

    UYehova waqiniseka njani ukuba abantu bakhe bayahlawulwa ngenxa yayo yonke iminyaka besekuthinjweni eYiputa? (Eks. 3:21, 22; 12:35, 36)

  2. Funda iEksodus 14:1-31.

    Amazwi kaMoses abhalwe kwiEksodus 14:13, 14 abachaphazela njani abakhonzi bakaYehova namhlanje njengoko bejamelene nedabi leArmagedon? (2 Kron. 20:17; INdu. 91:8)

  3. Funda Eksodus 15:1-8, 20, 21.

    1. Kutheni abakhonzi bakaYehova befanele bamvumele iindumiso? (Eks. 15:1, 2; INdu. 105:2, 3; ISityhi. 15:3, 4)

    2. UMiriyam namabhinqa awawela uLwandle Olubomvu bawamisela wuphi umzekelo wokudumisa uYehova amabhinqa angamaKristu namhlanje? (Eks. 15:20, 21; INdu. 68:11)

Ibali 34

Uhlobo Olutsha Lokutya

  1. Kulo mfanekiso, yintoni le icholwa ngabantu, yaye ibizwa ngokuba yintoni?

  2. Nguwuphi umyalelo uMoses awunika abantu ngokuphathelele ukuchola imana?

  3. UYehova uthi mabenze ntoni abantu ngosuku lwesithandathu, yaye ngoba?

  4. Nguwuphi ummangaliso awenzayo uYehova xa imana beyigcina de ibe lusuku lwesixhenxe?

  5. UYehova ubondla ngemana kangangethuba elingakanani?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 16:1-36 neNumeri 11:7-9.

    1. IEksodus 16:8 ibonisa ntoni ngokuphathelele imfuneko yokuhlonela abo bamiselwe ngokobuthixo kwibandla lamaKristu? (Heb. 13:17)

    2. Entlango, amaSirayeli ayekhunjuzwa njani mihla le ngokuphathelele ukuxhomekeka kwawo kuYehova? (Eks. 16:14-16, 35; Dut. 8:2, 3)

    3. UYesu wathi imana ifuzisela ntoni, yaye singenelwa njani sesi ‘sonka sivela ezulwini’? (Yoh. 6:31-35, 40)

  2. Funda uYoshuwa 5:10-12.

    AmaSirayeli ayitya iminyaka emingaphi imana, oku kwawavavanya njani, yaye yintoni esinokuyifunda kule ngxelo? (Eks. 16:35; Num. 11:4-6; 1 Kor. 10:10, 11)

Ibali 35

UYehova Unikela Imithetho

  1. Malunga neenyanga ezimbini emva kokushiya iYiputa, aya kuhlala phi amaSirayeli?

  2. UYehova uthi ufuna abantu benze ntoni, yaye baphendula ngelithini?

  3. Kutheni uYehova enika uMoses amacwecwe amabini amatye?

  4. Ngaphandle kweMiyalelo Elishumi, yiyiphi eminye imithetho awayinika amaSirayeli uYehova?

  5. Yiyiphi imithetho emibini awathi uYesu Kristu yeyona mikhulu?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 19:1-25; 20:1-21; 24:12-18; nesama-31:18.

    Amazwi abhalwe kwiEksodus 19:8 asinceda njani siqonde oko kubandakanyekileyo xa sizahlulela njengamaKristu? (Mat. 16:24; 1 Pet. 4:1-3)

  2. Funda iDuteronomi 6:4-6; iLevitikus 19:18; noMateyu 22:36-40.

    AmaKristu abonisa njani ukuba ayamthanda uThixo nommelwane? (Marko 6:34; IZe. 4:20; Roma 15:2)

Ibali 36

Ithole Legolide

  1. Kulo mfanekiso, benza ntoni abantu, yaye ngoba?

  2. Kutheni uYehova enomsindo, yaye wenza ntoni uMoses akubona abantu besenza oko?

  3. UMoses uthi makenze ntoni amanye amadoda?

  4. Sifunda ntoni kweli bali?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 32:1-35.

    1. Le ngxelo isibonisa njani isimo sengqondo sikaYehova ngokuphathelele ukuxuba unqulo lokwenyaniso nolobuxoki? (Eks. 32:4-6, 10; 1 Kor. 10:7, 11)

    2. Sisiphi isilumkiso afanele asithobele amaKristu xa ekhetha ukuzonwabisa, njengomculo nomngqungqo? (Eks. 32:18, 19; Efe. 5:15, 16; 1 Yoh. 2:15-17)

    3. Uhlanga lwabaLevi lumisela wuphi umzekelo omhle ngokuphathelele ukumela ubulungisa? (Eks. 32:25-28; INdu. 18:25)

Ibali 37

Intente Yonqulo

  1. Sibizwa njani esi sakhiwo sikulo mfanekiso, yaye sisetyenziselwa ntoni?

  2. Kwakutheni ukuze uYehova axelele uMoses ukuba makenze intente ukuze kube lula ukuyichitha?

  3. Yintoni le bhokisi ikule ndlu incinane ekupheleni kwentente, yaye inantoni?

  4. UYehova ukhetha bani ukuba abe ngumbingeleli omkhulu, yaye wenza ntoni umbingeleli omkhulu?

  5. Chaza izinto ezintathu ezikweli gumbi likhulu lentente.

  6. Ziziphi izinto ezimbini ezikwintendelezo yomnquba, yaye zisetyenziselwa ntoni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iEksodus 25:8-40; 26:1-37; 27:1-8; nesama-28:1.

    Zazimela ntoni iikherubhi eziphezu “kwetyeya yesingqino”? (Eks. 25:20, 22; Num. 7:89; 2 Kum. 19:15)

  2. Funda iEksodus 30:1-10, 17-21; 34:1, 2; namaHebhere 9:1-5.

    1. Kwakutheni ukuze uYehova agxininise ukubaluleka kokucoceka ngokwasemzimbeni kubabingeleli ababekhonza emnqubeni, yaye oku kufanele kusichaphazele njani namhlanje? (Eks. 30:18-21; 40:30, 31; Heb. 10:22)

    2. Umpostile uPawulos ubonisa njani ukuba umnquba nomnqophiso woMthetho wawungasasebenzi xa wabhala ileta yakhe eya kumaKristu angamaHebhere? (Heb. 9:1, 9; 10:1)

Ibali 38

Iintlola Ezili-12

  1. Yintoni oyiphawulayo ngesihlahla seediliya esikulo mfanekiso, yaye sivela phi?

  2. Kutheni uMoses ethumela iintlola ezili-12 kwilizwe laseKanan?

  3. Yiyiphi ingxelo enikelwa ziintlola ezilishumi kuMoses?

  4. Iintlola ezimbini zikubonisa njani ukuthembela kwazo kuYehova, yaye ngoobani amagama azo?

  5. Kutheni uYehova enomsindo, yaye uthini kuMoses?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iNumeri 13:1-33.

    1. Ngoobani abakhethelwa ukuya kuhlola ilizwe, yaye baba naliphi ilungelo elingathethekiyo? (Num. 13:2, 3, 18-20)

    2. Kutheni uYoshuwa noKalebhi babenembono eyahlukileyo kweyezinye iintlola, yaye oku kusifundisa ntoni? (Num. 13:28-30; Mat. 17:20; 2 Kor. 5:7)

  2. Funda iNumeri 14:1-38.

    1. Sisiphi isilumkiso esifanele sisithobele esiphathelele ukumbombozelela abameli bakaYehova basemhlabeni? (Num. 14:2, 3, 27; Mat. 25:40, 45; 1 Kor. 10:10)

    2. INumeri 14:24 isibonisa njani ukuba uYehova unomdla kumkhonzi wakhe ngamnye? (1 Kum. 19:18; IMize. 15:3)

Ibali 39

Intonga Ka-Aron Iphuma Iintyatyambo

  1. Ngoobani abavukela igunya likaMoses noAron, yaye bathini kuMoses?

  2. UMoses uthi makenze ntoni uKora nabalandeli bakhe abangama-250?

  3. UMoses uthini ebantwini, yaye kwenzeka ntoni emva nje kokuba egqibile ukuthetha?

  4. Kwenzeka ntoni kuKora nabalandeli bakhe abangama-250?

  5. Unyana ka-Aron, uEleyazare, uzenza ntoni iziphatho zomlilo zamadoda afileyo, yaye ngoba?

  6. Kutheni uYehova ebangela ukuba intonga ka-Aron iphume iintyatyambo? (Bona umfanekiso.)

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iNumeri 16:1-49.

    1. UKora nabalandeli bakhe benza ntoni, yaye kutheni oko yayikukuvukela uYehova nje? (Num. 16:9, 10, 18; Lev. 10:1, 2; IMize. 11:2)

    2. UKora ‘nezikhulu zendibano’ ezingama-250 zahlakulela yiphi imbono ephosakeleyo? (Num. 16:1-3; IMize. 15:33; Isa. 49:7)

  2. Funda iNumeri 17:1-11 nesama-26:10.

    1. Ukuphuma kweentyatyambo kwintonga ka-Aron kwakubonisa ntoni, yaye kwakutheni ukuze uYehova ayalele ukuba igcinwe etyeyeni? (Num. 17:5, 8, 10)

    2. Sisiphi isifundo esibalulekileyo esinokusifunda kumqondiso wentonga ka-Aron? (Num. 17:10; IZe. 20:28; Fil. 2:14; Heb. 13:17)

Ibali 40

UMoses Ubetha Iliwa

  1. UYehova uwanyamekela njani amaSirayeli ngoxa esentlango?

  2. Akhalazela ntoni amaSirayeli ngoxa emise iintente eKadeshe?

  3. UYehova ubalungiselela njani abantu nemfuyo yabo amanzi?

  4. Emfanekisweni, ngubani indoda eyalathe esifubeni sayo, yaye kutheni isenza loo nto nje?

  5. Kutheni uYehova ecatshukiswa nguMoses noAron, yaye ubohlwaya njani?

  6. Kwenzeka ntoni kwiNtaba yeHore, yaye ngubani oba ngumbingeleli omkhulu wakwaSirayeli?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iNumeri 20:1-13, 22-29 neDuteronomi 29:5.

    1. Sifunda ntoni kwindlela uYehova awawanyamekela ngayo amaSirayeli entlango? (Dut. 29:5; Mat. 6:31; Heb. 13:5; Yak. 1:17)

    2. UYehova wakujonga njani ukusilela kukaMoses noAron ukumngcwalisa phambi kwamaSirayeli? (Num. 20:12; 1 Kor. 10:12; ISityhi. 4:11)

    3. Sinokufunda ntoni kwindlela uMoses awasabela ngayo kuqeqesho lukaYehova? (Num. 12:3; 20:12, 27, 28; Dut. 32:4; Heb. 12:7-11)

Ibali 41

Inyoka Yobhedu

  1. Kulo mfanekiso, yintoni le ibhijelwe esibondeni, yaye kwakutheni ukuze uYehova athi kuMoses makayixhome apho?

  2. Yintoni eyenziwa ngabantu ebonisa ukungabi nambulelo ngazo zonke izinto uThixo abenzele zona?

  3. Abantu bacela ukuba uMoses abenzele ntoni emva kokuthumela kukaYehova iinyoka ezinobuhlungu ukuze abohlwaye?

  4. Kutheni uYehova exelela uMoses ukuba enze inyoka yobhedu?

  5. Sinokufunda siphi isifundo kweli bali?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iNumeri 21:4-9.

    1. Ukukhalazela kwamaSirayeli amalungiselelo kaYehova kusisilumkiso njani kuthi? (Num. 21:5, 6; Roma 2:4)

    2. Kwiinkulungwane ezalandelayo, amaSirayeli ayisebenzisa njani inyoka yobhedu, yaye uKumkani uHezekiya wathabatha liphi inyathelo? (Num. 21:9; 2 Kum. 18:1-4)

  2. Funda uYohane 3:14, 15.

    Ukuxhonywa kwenyoka yobhedu kwisibonda sokomfuziselo kukufanekisela njani ukubethelelwa kukaYesu Kristu? (Gal. 3:13; 1 Pet. 2:24)

Ibali 42

Idonki Iyathetha

  1. Ngubani uBhalaki, yaye kutheni ethumela ukuba kubizwe uBhileham?

  2. Kutheni idonki kaBhileham ilala phantsi endleleni?

  3. UBhileham uyiva isithini idonki?

  4. Ithini ingelosi kuBhileham?

  5. Kwenzeka ntoni xa uBhileham ezama ukuqalekisa amaSirayeli?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iNumeri 21:21-35.

    Kwakutheni ukuze uSirayeli oyise uKumkani uSihon wama-Amori noKumkani uOgi waseBhashan? (Num. 21:21, 23, 33, 34)

  2. Funda iNumeri 22:1-40.

    Yayiyintoni injongo yokuzama kukaBhileham ukuqalekisa amaSirayeli, yaye sinokufunda ntoni koku? (Num. 22:16, 17; IMize. 6:16, 18; 2 Pet. 2:15; Yude 11)

  3. Funda iNumeri 23:1-30.

    Nangona uBhileham wayethetha ngathi ngumkhonzi kaYehova, izenzo zakhe zabonisa njani ukuba wayengenguye? (Num. 23:3, 11-14; 1 Sam. 15:22)

  4. Funda iNumeri 24:1-25.

    Le ngxelo yeBhayibhile ilomeleza njani ukholo lwethu ekuphunyezweni kwenjongo kaYehova? (Num. 24:10; Isa. 54:17)

Ibali 43

UYoshuwa Uba Yinkokeli

  1. Kulo mfanekiso, ngoobani la madoda mabini ami noMoses?

  2. UYehova uthini kuYoshuwa?

  3. Kutheni uMoses ekhwela encotsheni yeNtaba iNebho, yaye uYehova umxelela ntoni?

  4. UMoses ufa eneminyaka emingaphi?

  5. Kutheni abantu bebuhlungu, kodwa banasiphi isizathu sokuvuya?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iNumeri 27:12-23.

    Sisiphi isabelo esinzima uYoshuwa awasifumana kuYehova, yaye uYehova ubanyamekela njani abantu Bakhe namhlanje? (Num. 27:15-19; IZe. 20:28; Heb. 13:7)

  2. Funda iDuteronomi 3:23-29.

    Kwakutheni ukuze uYehova angamvumeli uMoses noAron ukuba bawelele kwilizwe lesithembiso, yaye sinokufunda ntoni koku? (Dut. 3:25-27; Num. 20:12, 13)

  3. Funda iDuteronomi 31:1-8, 14-23.

    Amazwi awathethwa nguMoses kumaSirayeli ngaphambi kokufa kwakhe abonisa njani ukuba walwamkela ngokuthobeka uqeqesho lukaYehova? (Dut. 31:6-8, 23)

  4. Funda iDuteronomi 32:45-52.

    ILizwi likaThixo lifanele lisichaphazele njani? (Dut. 32:47; Lev. 18:5; Heb. 4:12)

  5. Funda iDuteronomi 34:1-12.

    Nangona uMoses engazange ambone ngokoqobo uYehova, iDuteronomi 34:10 ibonisa ntoni ngolwalamano awayenalo noYehova? (Eks. 33:11, 20; Num. 12:8)

Ibali 44

URahabhi Ufihla Iintlola

  1. Uhlala phi uRahabhi?

  2. Ngoobani la madoda mabini asemfanekisweni, yaye kutheni eseYeriko?

  3. Yintoni ukumkani waseYeriko ayalela uRahabhi ukuba ayenze, yaye yena uphendula athini?

  4. URahabhi uwanceda njani la madoda mabini, yaye ucela ukuba amenzele ntoni?

  5. Iintlola ezimbini zimthembisa ngokumenzela ntoni uRahabhi?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYoshuwa 2:1-24.

    Sazaliseka njani isithembiso sikaYehova esibhalwe kwiEksodus 23:28 xa amaSirayeli ahlasela iYeriko? (Yosh. 2:9-11)

  2. Funda amaHebhere 11:31.

    Umzekelo kaRahabhi ukubalaselisa njani ukubaluleka kokholo? (Roma 1:17; Heb. 10:39; Yak. 2:25)

Ibali 45

Ukuwela UMlambo IYordan

  1. Nguwuphi ummangaliso owenziwa nguYehova ukuze amaSirayeli awele uMlambo iYordan?

  2. Sisiphi isenzo esibonisa ukuba nokholo esimele senziwe ngamaSirayeli ukuze awele uMlambo iYordan?

  3. Kutheni uYehova esithi uYoshuwa makaqokelele amatye amakhulu ali-12 emlanjeni?

  4. Kwenzeka ntoni ngokukhawuleza emva kokuba ababingeleli beyiwelile iYordan?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYoshuwa 3:1-17.

    1. Njengoko le ngxelo ibonisile, kufuneka senze ntoni ukuze sincedwe size sisikelelwe nguYehova? (Yosh. 3:13, 15; IMize. 3:5; Yak. 2:22, 26)

    2. Wawunjani uMlambo iYordan xa amaSirayeli ayewelela kwiLizwe Lesithembiso, yaye oku kwaliphakamisa njani igama likaYehova? (Yosh. 3:15; 4:18; INdu. 66:5-7)

  2. Funda uYoshuwa 4:1-18.

    Yayiyintoni injongo yokuthathwa kwamatye ali-12 eYordan aze abekwe eGiligali? (Yosh. 4:4-7)

Ibali 46

Iindonga ZeYeriko

  1. Yintoni uYehova awathi mayenziwe ngamadoda okulwa nababingeleli kangangeentsuku ezintandathu?

  2. Aza kwenza ntoni la madoda kusuku lwesixhenxe?

  3. Njengoko ubona kulo mfanekiso, kwenzeka ntoni kwiindonga zeYeriko?

  4. Kutheni kujinga intsontelo ebomvu efestileni?

  5. UYoshuwa uthi amadoda okulwa makabenze ntoni abantu nesixeko, kodwa kuthekani ngesilivere, igolide, ubhedu nesinyithi?

  6. Kwathiwa mazenze ntoni iintlola ezimbini?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYoshuwa 6:1-25.

    1. Ukujikeleza kwamaSirayeli iYeriko ngosuku lwesixhenxe kufana njani nokushumayela kwamaNgqina kaYehova kule mihla yokugqibela? (Yosh. 6:15, 16; Isa. 60:22; Mat. 24:14; 1 Kor. 9:16)

    2. Isiprofeto esikuYoshuwa 6:26 sazaliseka njani kwiminyaka engama-500 kamva, yaye oku kusifundisa ntoni ngelizwi likaYehova? (1 Kum. 16:34; Isa. 55:11)

Ibali 47

Isela KwaSirayeli

  1. Kulo mfanekiso, ngubani indoda engcwaba ubutyebi ebuthabathe eYeriko, yaye incediswa ngoobani?

  2. Kutheni isenzo sika-Akan nentsapho yakhe sisibi kangaka?

  3. Uthini uYehova xa uYoshuwa ebuza isizathu sokoyiswa kwamaSirayeli eAyi?

  4. Xa uAkan nentsapho yakhe besiziswa kuYoshuwa, kwenzeka ntoni kubo?

  5. Ukohlwaywa kuka-Akan kusifundisa siphi isifundo esibalulekileyo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYoshuwa 7:1-26.

    1. Imithandazo kaYoshuwa isityhilela ntoni ngolwalamano awayenalo noMdali wakhe? (Yosh. 7:7-9; INdu. 119:145; 1 Yoh. 5:14)

    2. Umzekelo ka-Akan, usibonisa uze usilumkise entwenini? (Yosh. 7:11, 14, 15; IMize. 15:3; 1 Tim. 5:24; Heb. 4:13)

  2. Funda uYoshuwa 8:1-29.

    Sinayiphi imbopheleleko kwibandla lamaKristu namhlanje? (Yosh. 7:13; Lev. 5:1; IMize. 28:13)

Ibali 48

AmaGibheyon Alumkileyo

  1. Abantu baseGibheyon bahluke njani kumaKanan akwizixeko ezikufutshane?

  2. Njengoko sibona kulo mfanekiso, amaGibheyon enza ntoni, yaye ngoba?

  3. UYoshuwa neenkokeli zakwaSirayeli bawathembisa ntoni amaGibheyon, kodwa bafumanisa ntoni kwiintsuku ezintathu kamva?

  4. Kwenzeka ntoni xa ookumkani bezinye izixeko befumanisa ukuba amaGibheyon aye enza uxolo noSirayeli?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYoshuwa 9:1-27.

    1. Ekubeni uYehova wayeyalele uhlanga lukaSirayeli ukuba ‘lubhubhise bonke abemi belizwe,’ ukusindisa kwakhe amaGibheyon kubalaselisa ziphi iimpawu zakhe? (Yosh. 9:22, 24; Mat. 9:13; IZe. 10:34, 35; 2 Pet. 3:9)

    2. Ngokubambelela kwakhe kumnqophiso awawenza namaGibheyon, uYoshuwa waba ngumzekelo omhle njani kumaKristu namhlanje? (Yosh. 9:18, 19; Mat. 5:37; Efe. 4:25)

  2. Funda uYoshuwa 10:1-5.

    Namhlanje isihlwele esikhulu siwaxelisa njani amaGibheyon, nto leyo esenza amaxhoba antoni? (Yosh. 10:4; Zek. 8:23; Mat. 25:35-40; ISityhi. 12:17)

Ibali 49

Ilanga Lima Ngxi

  1. Kulo mfanekiso, uthini uYoshuwa, yaye ngoba?

  2. UYehova umnceda njani uYoshuwa namadoda akhe okulwa?

  3. Bangaphi ookumkani abaziintshaba aboyiswa nguYoshuwa, yaye oko kuthabatha ixesha elingakanani?

  4. Kutheni uYoshuwa esahlulahlula ilizwe laseKanan?

  5. UYoshuwa ufa eneminyaka emingaphi, yaye kwenzeka ntoni ebantwini emva koko?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYoshuwa 10:6-15.

    Ukwazi ukuba uYehova wemisa ilanga nenyanga ngenxa yamaSirayeli, kusenza sibe naliphi ithemba namhlanje? (Yosh. 10:8, 10, 12, 13; INdu. 18:3; IMize. 18:10)

  2. Funda uYoshuwa 12:7-24.

    Ngubani ngokwenene owabangela ukuba koyiswe ookumkani abangama-31 eKanan, yaye kutheni kubalulekile oku kuthi namhlanje? (Yosh. 12:7; 24:11-13; Dut. 31:8; Luka 21:9, 25-28)

  3. Funda uYoshuwa 14:1-5.

    Izizwe zakwaSirayeli zawahlulelwa njani umhlaba, yaye oku kubonisa ntoni ngokuphathelele ukwabiwa komhlaba eParadesi? (Yosh. 14:2; Isa. 65:21; Hez. 47:21-23; 1 Kor. 14:33)

  4. Funda ABagwebi 2:8-13.

    NjengoYoshuwa kwaSirayeli, ngubani namhlanje othintela uwexuko? (ABa. 2:8, 10, 11; Mat. 24:45-47; 2 Tes. 2:3-6; Tito 1:7-9; ISityhi. 1:1; 2:1, 2)

Ibali 50

Abafazi Ababini Abakhaliphileyo

  1. Ngoobani ababengabagwebi, yaye ngoobani amagama abanye babo?

  2. UDebhora unaliphi ilungelo elikhethekileyo, yaye libandakanya ntoni?

  3. Xa uSirayeli esongelwa nguKumkani uYabhin nentloko yomkhosi wakhe uSisera, sisiphi isigidimi esivela kuYehova esidluliselwa nguDebhora kuMgwebi uBharaki, yaye uthi ngubani oza kuzukiswa?

  4. UYaheli ubonisa njani ukuba ulibhinqa elikhaliphileyo?

  5. Kwenzeka ntoni emva kokufa kukaKumkani uYabhin?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda ABagwebi 2:14-22.

    AmaSirayeli amcaphukisa njani uYehova, yaye sinokufunda ntoni koku? (ABa. 2:20; IMize. 3:1, 2; Hez. 18:21-23)

  2. Funda ABagwebi 4:1-24.

    Ziziphi izifundo eziphathelele ukholo nenkalipho ezinokufundwa ngamabhinqa angamaKristu kumzekelo kaDebhora noYaheli? (ABa. 4:4, 8, 9, 14, 21, 22; IMize. 31:30; 1 Kor. 16:13)

  3. Funda ABagwebi 5:1-31.

    Amazwi engoma yoloyiso kaBharaki noDebhora anokusetyenziswa njani kumthandazo ophathelele imfazwe ezayo yeArmagedon? (ABa. 5:3, 31; 1 Kron. 16:8-10; ISityhi. 7:9, 10; 16:16; 19:19-21)

Ibali 51

URute NoNahomi

  1. Yintoni eyabangela ukuba uNahomi aye kwilizwe lakwaMowabhi?

  2. Ngubani uRute no-Orpa?

  3. URute no-Orpa basabela njani ngokwahlukahlukeneyo xa uNahomi ebaxelela ukuba babuyele kubantu bakwamawabo?

  4. Ngubani uBhohazi, yaye umnceda njani uRute noNahomi?

  5. Ngubani igama lomntwana uRute amzalela uBhohazi, yaye kutheni sifanele simkhumbule?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uRute 1:1-17.

    1. URute ulubonisa njani ngendlela ephawulekayo uthando olunyanisekileyo? (Rute 1:16, 17)

    2. Isimo sengqondo sikaRute sisibonisa kakuhle njani eso ‘sezinye izimvu’ kwabathanjisiweyo abasesemhlabeni namhlanje? (Yoh. 10:16; Zek. 8:23)

  2. Funda uRute 2:1-23.

    URute ungumzekelo omhle ngayiphi indlela kumabhinqa aselula namhlanje? (Rute 2:17, 18; IMize. 23:22; 31:15)

  3. Funda uRute 3:5-13.

    1. UBhohazi wakujonga njani ukulungela kukaRute ukutshata naye kunokutshata nendoda eselula?

    2. Isimo sengqondo sikaRute sisifundisa ntoni ngokuba nothando olunyanisekileyo? (Rute 3:10; 1 Kor. 13:4, 5)

  4. Funda uRute 4:7-17.

    Amadoda angamaKristu namhlanje anokumxelisa njani uBhohazi? (Rute 4:9, 10; 1 Tim. 3:1, 12, 13; 5:8)

Ibali 52

UGidiyon Namadoda Akhe Angama-300

  1. AmaSirayeli angene njani enkathazweni enkulu?

  2. Kutheni uYehova exelela uGidiyon ukuba unamadoda amaninzi gqitha emkhosini wakhe?

  3. Kusala amadoda amangaphi emva kokuba uGidiyon exelele lawo oyikayo ukuba agoduke?

  4. Njengoko ubona kulo mfanekiso, chaza indlela uYehova awunciphisa ngayo umkhosi kaGidiyon ube ngamadoda angama-300 kuphela.

  5. UGidiyon uwahlula njani la madoda angama-300, yaye uSirayeli uliphumelela njani idabi?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda ABagwebi 6:36-40.

    1. UGidiyon waqinisekisa njani ukuba kuyenziwa ukuthanda kukaYehova?

    2. Thina namhlanje singakwazi njani ukuthanda kukaYehova? (IMize. 2:3-6; Mat. 7:7-11; 2 Tim. 3:16, 17)

  2. Funda ABagwebi 7:1-25.

    1. Sinokufunda siphi isifundo kwabangama-300 abahlala bephaphile ngokwahlukileyo kwabo babonisa ukungakhathali? (ABa. 7:3, 6; Roma 13:11, 12; Efe. 5:15-17)

    2. Kanye njengokuba amadoda angama-300 afunda ngokubukela uGidiyon, thina sifunda ntoni ngokubukela uGidiyon Omkhulu, uYesu Kristu? (ABa. 7:17; Mat. 11:29, 30; 28:19, 20; 1 Pet. 2:21)

    3. ABagwebi 7:21 basinceda njani ukuba saneliseke kukukhonza naphi na apho sabelwe khona kwintlangano kaYehova? (1 Kor. 4:2; 12:14-18; Yak. 4:10)

  3. Funda ABagwebi 8:1-3.

    Kumbandela wokusombulula ukungavisisani nomzalwana okanye udadewethu, sinokufunda ntoni kwindlela uGidiyon awakusombulula ngayo ukungavisisani kwakhe namaEfrayim? (IMize. 15:1; Mat. 5:23, 24; Luka 9:48)

Ibali 53

Isithembiso SikaYifeta

  1. Ngubani uYifeta, yaye wayephila ngaliphi ixesha?

  2. UYifeta umthembisa ntoni uYehova?

  3. Kutheni ebuhlungu uYifeta xa ebuyela ekhaya evela koyisa ama-Amoni?

  4. Ithini intombi kaYifeta xa isiva ngoko uyise akuthembisileyo?

  5. Kutheni abantu beyithanda intombi kaYifeta?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda ABagwebi 10:6-18.

    Sifanele sithobele siphi isilumkiso esikwingxelo yokungathembeki kwamaSirayeli kuYehova? (ABa. 10:6, 15, 16; Roma 15:4; ISityhi. 2:10)

  2. Funda ABagwebi 11:1-11, 29-40.

    1. Sazi njani ukuba ukunikela kukaYifeta ngentombi yakhe “njengomnikelo otshiswayo” kwakungathethi ukuyinikela emlilweni njengedini elingumntu? (ABa. 11:31; Lev. 16:24; Dut. 18:10, 12)

    2. UYifeta wayinikela njani intombi yakhe njengedini?

    3. Sinokufunda ntoni kwisimo sengqondo sikaYifeta ngesibhambathiso awasenzayo kuYehova? (ABa. 11:35, 39; INtshu. 5:4, 5; Mat. 16:24)

    4. Umzekelo wentombi kaYifeta unokuwakhuthaza njani amaKristu aselula ukuba angenele inkonzo yexesha elizeleyo? (ABa. 11:36; Mat. 6:33; Fil. 3:8)

Ibali 54

Eyona Ndoda Inamandla

  1. Ngubani igama leyona ndoda inamandla yakha yaphila, yaye yawanikwa ngubani amandla ayo?

  2. Yintoni eyakha yenziwa nguSamson kwingonyama enkulu, njengoko ubona emfanekisweni?

  3. USamson umxelela yiphi imfihlelo uDelila kulo mfanekiso, yaye oku kukhokelela njani ekuthinjweni kwakhe ngamaFilisti?

  4. USamson uzibulala njani iintshaba zakhe ezingamaFilisti nezingama-3 000 ngemini yokufa kwakhe?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda ABagwebi 13:1-14.

    UManowa nomfazi wakhe babamisela njani umzekelo abazali ngendlela yokukhulisa abantwana babo? (ABa. 13:8; INdu. 127:3; Efe. 6:4)

  2. Funda ABagwebi 14:5-9 nese-15:9-16.

    1. Iingxelo eziphathelele ukubulala kukaSamson ingonyama, ukuqhawula kwakhe iintsontelo ezintsha awayebotshelelwe ngazo, nokusebenzisa kwakhe ithambo lomhlathi we-esile eliliduna ukuze abulale amadoda ali-1 000, zityhila ntoni ngokusebenza komoya oyingcwele kaYehova?

    2. Umoya oyingcwele usinceda njani namhlanje? (ABa. 14:6; 15:14; Zek. 4:6; IZe. 4:31)

  3. Funda ABagwebi 16:18-31.

    USamson wachatshazelwa njani lunxulumano olubi, yaye sinokufunda ntoni koku? (ABa. 16:18, 19; 1 Kor. 15:33)

Ibali 55

Inkwenkwana Ikhonza UThixo

  1. Ngubani igama lale nkwenkwana isemfanekisweni, yaye ngoobani abanye?

  2. UHana uthandazela ntoni ngenye imini xa etyelela umnquba kaYehova, yaye uYehova umphendula njani?

  3. Uneminyaka emingaphi uSamuweli ukusiwa kwakhe ententeni kaYehova ukuba aye kumkhonza, yaye yintoni amenzela yona unina nyaka ngamnye?

  4. Ngoobani oonyana bakaEli, yaye bangamadoda anjani?

  5. UYehova umbiza njani uSamuweli, yaye umnika siphi isigidimi?

  6. USamuweli uba yintoni akukhula, yaye kwenzeka ntoni akwaluphala?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 kaSamuweli 1:1-28.

    1. UElikana uzimisela wuphi umzekelo omhle iintloko-ntsapho ngokuphathelele ukukhokela kunqulo lokwenyaniso? (1 Sam. 1:3, 21; Mat. 6:33; Fil. 1:10)

    2. Sinokufunda ntoni kumzekelo kaHana ngokuphathelele ukuhlangabezana neengxaki ezinzima? (1 Sam. 1:10, 11; INdu. 55:22; Roma 12:12)

  2. Funda eyoku-1 kaSamuweli 2:11-36.

    UEli wabazukisa njani oonyana bakhe ngaphezu koYehova, yaye oku kunokusilumkisa njani? (1 Sam. 2:22-24, 27, 29; Dut. 21:18-21; Mat. 10:36, 37)

  3. Funda eyoku-1 kaSamuweli 4:16-18.

    Ziziphi izigidimi ezine ezibuhlungu ezivela edabini, yaye zimchaphazela njani uEli?

  4. Funda eyoku-1 kaSamuweli 8:4-9.

    USirayeli wamona njani ngokunzulu uYehova, yaye thina sinokubuxhasa njani ngokunyaniseka uBukumkani bakhe namhlanje? (1 Sam. 8:5, 7; Yoh. 17:16; Yak. 4:4)

Ibali 56

USawule—Ukumkani Wokuqala WakwaSirayeli

  1. Wenza ntoni uSamuweli kulo mfanekiso, yaye ngoba?

  2. Kutheni uYehova emthanda uSawule, yaye uyindoda enjani?

  3. Ngubani igama lonyana kaSawule, yaye wenza ntoni lo nyana?

  4. Kutheni uSawule ewenza ngokwakhe umbingelelo kunokuba alinde uSamuweli?

  5. Sinokufunda ntoni kwingxelo ephathelele uSawule?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 kaSamuweli 9:15-21 nese-10:17-27.

    Ukuthobeka kukaSawule kwamnceda njani waphepha ukuthetha krwada xa amadoda athile engazange athethe ngembeko ngaye? (1 Sam. 9:21; 10:21, 22, 27; IMize. 17:27)

  2. Funda eyoku-1 kaSamuweli 13:5-14.

    USawule wenza siphi isono eGiligali? (1 Sam. 10:8; 13:8, 9, 13)

  3. Funda eyoku-1 kaSamuweli 15:1-35.

    1. Sisiphi isono esinzulu esenziwa nguSawule ngokuphathelele uAgagi, ukumkani wama-Amaleki? (1 Sam. 15:2, 3, 8, 9, 22)

    2. USawule wazama njani ukuzithethelela nokusulela ityala komnye umntu? (1 Sam. 15:24)

    3. Sisiphi isilumkiso esifanele sisithobele namhlanje xa silulekwa? (1 Sam. 15:19-21; INdu. 141:5; IMize. 9:8, 9; 11:2)

Ibali 57

UThixo Unyula UDavide

  1. Ngubani igama lale nkwenkwe isemfanekisweni, yaye sazi njani ukuba ikhaliphile?

  2. Uhlala phi uDavide, yaye ngubani igama likayise nelikayisemkhulu?

  3. Kutheni uYehova esithi uSamuweli makaye endlwini kaYese eBhetelehem?

  4. Kwenzeka ntoni xa uYese esiza noonyana bakhe abasixhenxe kuSamuweli?

  5. Xa kusiziwa noDavide, uYehova umxelela ntoni uSamuweli?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 kaSamuweli 17:34, 35.

    Ezi ziganeko ziyibethelela njani inkalipho kaDavide nokuthembela kwakhe kuYehova? (1 Sam. 17:37)

  2. Funda eyoku-1 kaSamuweli 16:1-14.

    1. Amazwi kaYehova akweyoku-1 kaSamuweli 16:7 asinceda njani ukuba singabi namkhethe okanye sikhohliswe yinkangeleko yangaphandle? (IZe. 10:34, 35; 1 Tim. 2:4)

    2. Umzekelo kaSawule usibonisa njani ukuba xa uYehova esusa umoya wakhe emntwini kunokungena umoya ombi endaweni yawo okanye umnqweno wokwenza okubi? (1 Sam. 16:14; Mat. 12:43-45; Gal. 5:16)

Ibali 58

UDavide NoGoliyati

  1. UGoliyati uwucela njani umngeni umkhosi wakwaSirayeli?

  2. Mkhulu kangakanani uGoliyati, yaye uKumkani uSawule uyithembisa ntoni indoda ebulala uGoliyati?

  3. UDavide uthini xa uSawule emxelela ukuba akanakulwa noGoliyati ngenxa yokuba eyinkwenkwana?

  4. Xa ephendula uGoliyati, uDavide ukubonisa njani ukuthembela kwakhe kuYehova?

  5. Njengoko ubona kulo mfanekiso, uDavide umbulala ngantoni uGoliyati, yaye kwenzeka ntoni kumaFilisti emva koku?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 kaSamuweli 17:1-54.

    1. Yintoni eyayisenza uDavide angoyiki, yaye sinokuyixelisa njani inkalipho awayenayo? (1 Sam. 17:37, 45; Efe. 6:10, 11)

    2. AmaKristu anokuwuphepha njani umoya wokhuphiswano awayenawo uGoliyati xa edlala okanye ezihlaziya? (1 Sam. 17:8; Gal. 5:26; 1 Tim. 4:8)

    3. Amazwi kaDavide abonisa njani ukuba wayethembele kwinkxaso kaThixo? (1 Sam. 17:45-47; 2 Kron. 20:15)

    4. Kunokuba ithethe nje ngosukuzwano phakathi kwemikhosi emibini, le ngxelo ibonisa njani ukuba eneneni eli dabi laliphakathi koothixo bobuxoki noThixo wokwenyaniso, uYehova? (1 Sam. 17:43, 46, 47)

    5. Intsalela ethanjisiweyo iwuxelisa njani umzekelo kaDavide wokuthembela ngoYehova? (1 Sam. 17:37; Yer. 1:17-19; ISityhi. 12:17)

Ibali 59

Isizathu Sokuba UDavide Abaleke

  1. Kutheni uSawule emmonela uDavide, kodwa wahluke njani unyana kaSawule uYonatan?

  2. Kwenzeka ntoni ngoxa uDavide edlalela uSawule uhadi?

  3. USawule uthi makenze ntoni uDavide ngaphambi kokuba atshate nentombi yakhe uMikali, ibe kutheni uSawule ethetha oku?

  4. Xa uDavide edlalela uSawule uhadi, kwenzeka ntoni okwesihlandlo sesithathu njengoko sibona emfanekisweni?

  5. UMikali ubusindisa njani ubomi bukaDavide, yaye kunyanzeleka ukuba enze ntoni uDavide kangangeminyaka esixhenxe?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 kaSamuweli 18:1-30.

    1. Uthando lokunyaniseka analo uYonatan ngoDavide lulufanekisela njani uthando oluphakathi ‘kwezinye izimvu’ ‘nomhlambi omncinane’? (1 Sam. 18:1; Yoh. 10:16; Luka 12:32; Zek. 8:23)

    2. Ngenxa yesibakala sokuba uYonatan inguye owayemele ukuba yindlalifa kaSawule, eyoku-1 kaSamuweli 18:4 ikubonisa njani ukuzithoba kwakhe ngokupheleleyo kulowo unyulwe njengokumkani?

    3. Umzekelo kaSawule ubonisa njani ukuba umona unokukhokelela kwisono esinzulu, yaye oku kusisilumkiso njani kuthi? (1 Sam. 18:7-9, 25; Yak. 3:14-16)

  2. Funda eyoku-1 kaSamuweli 19:1-17.

    Ukuya kukaYonatan kuSawule, kwabubeka njani esichengeni ubomi bakhe? (1 Sam. 19:1, 4-6; IMize. 16:14)

Ibali 60

UAbhigali NoDavide

  1. Ngubani igama leli bhinqa lize kudibana noDavide kulo mfanekiso, yaye lingumntu onjani?

  2. Ngubani uNabhali?

  3. Kutheni uDavide ethumela amanye kumadoda akhe ukuba aye kucela ukubabalwa nguNabhali?

  4. Uthini uNabhali kumadoda kaDavide, yaye uDavide uphendula ngelithini?

  5. UAbhigali ubonisa njani ukuba ungumfazi olumkileyo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 kaSamuweli 22:1-4.

    Intsapho kaDavide isimisela wuphi umzekelo omhle wendlela esifanele sixhasane ngayo njengabazalwana abangamaKristu? (IMize. 17:17; 1 Tes. 5:14)

  2. Funda eyoku-1 kaSamuweli 25:1-43.

    1. Kutheni uNabhali echazwa njengomntu onekratshi? (1 Sam. 25:2-5, 10, 14, 21, 25)

    2. Abafazi abangamaKristu namhlanje banokufunda ntoni kumzekelo ka-Abhigali? (1 Sam. 25:32, 33; IMize. 31:26; Efe. 5:24)

    3. Ziziphi izinto ezimbi ezimbini uAbhigali awathintela uDavide ukuba angazenzi? (1 Sam. 25:31, 33; Roma 12:19; Efe. 4:26)

    4. Indlela uDavide awasabela ngayo kumazwi ka-Abhigali iwanceda njani amadoda namhlanje ukuba abe nembono kaYehova ngamabhinqa? (IZe. 21:8, 9; Roma 2:11; 1 Pet. 3:7)

Ibali 61

UDavide Umiselwa Njengokumkani

  1. UDavide noAbhishayi benza ntoni ngoxa uSawule wayelele enkampini yakhe?

  2. UDavide umbuza yiphi imibuzo uSawule?

  3. Emva kokwahlukana noSawule, uDavide uyaphi?

  4. Yintoni emenza buhlungu uDavide, nemqhubela ukuba abhale ingoma emnandi?

  5. UDavide umiselwa njengokumkani eHebron eneminyaka emingaphi ubudala, yaye ngoobani amagama abanye oonyana bakhe?

  6. UDavide uba ngukumkani phi kamva?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 kaSamuweli 26:1-25.

    1. Amazwi kaDavide abhalwe kweyoku-1 kaSamuweli 26:11 abonisa siphi isimo sengqondo ngokuphathelele amalungiselelo obuthixo? (INdu. 37:7; Roma 13:2)

    2. Xa sizimisela ukubonisa ububele bothando kodwa lowo sibubonisa kuye angabi naluxabiso ngabo, amazwi kaDavide akweyoku-1 kaSamuweli 26:23 anokusinceda njani silondoloze isimo sengqondo esifanelekileyo? (1 Kum. 8:32; INdu. 18:20)

  2. Funda eyesi-2 kaSamuweli 1:26.

    AmaKristu namhlanje anokulubonisa njani ‘uthando olunzulu omnye ngomnye’ olwaboniswa nguDavide noYonatan? (1 Pet. 4:8; Kol. 3:14; 1 Yoh. 4:12)

  3. Funda eyesi-2 kaSamuweli 5:1-10.

    1. UDavide waba ngukumkani kangangeminyaka emingaphi, yaye eli xesha lahlulahlulwe njani? (2 Sam. 5:4, 5)

    2. Ngubani ozukiswayo ngobukhulu bukaDavide, yaye oko kusikhumbuza ntoni namhlanje? (2 Sam. 5:10; 1 Sam. 16:13; 1 Kor. 1:31; Fil. 4:13)

Ibali 62

Iingxaki Endlwini KaDavide

  1. Ngoncedo lukaYehova, yintoni eyenzekayo ekugqibeleni kwilizwe laseKanan?

  2. Kwenzeka ntoni ngolunye urhatya ngoxa uDavide eseluphahleni lwebhotwe lakhe?

  3. Kutheni uYehova ecatshukiswa nguDavide?

  4. Njengoko sibona kulo mfanekiso, ngubani othunyelwa nguYehova ukuba axelele uDavide ngezono zakhe, yaye le ndoda ithi kuza kwenzeka ntoni kuDavide?

  5. Yiyiphi inkathazo angena kuyo uDavide?

  6. Ngubani oba ngukumkani wakwaSirayeli emva kukaDavide?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyesi-2 kaSamuweli 11:1-27.

    1. Ukuxakeka enkonzweni kaYehova kunokusikhusela njani?

    2. Yintoni eyabangela ukuba uDavide one, yaye oku kusisilumkiso njani kubakhonzi bakaYehova namhlanje? (2 Sam. 11:2; Mat. 5:27-29; 1 Kor. 10:12; Yak. 1:14, 15)

  2. Funda eyesi-2 kaSamuweli 12:1-18.

    1. Abadala kwakunye nabazali banokufunda njani kwindlela uNatan awamluleka ngayo uDavide? (2 Sam. 12:1-4; IMize. 12:18; Mat. 13:34)

    2. Kwakutheni ukuze uYehova abe nenceba kuDavide? (2 Sam. 12:13; INdu. 32:5; 2 Kor. 7:9, 10)

Ibali 63

UKumkani USolomon Osisilumko

  1. UYehova ucela ukuba enze ntoni uSolomon, yaye uphendula athini?

  2. Ngenxa yokuba anelisekile sisicelo sikaSolomon, uYehova uthembisa ukumnika ntoni?

  3. Yiyiphi ingxaki enzima eziswa ngabafazi ababini kuSolomon?

  4. Njengoko ubona kulo mfanekiso, uSolomon uyicombulula njani le ngxaki?

  5. Lunjani ulawulo lukaSolomon yaye ngoba?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 yooKumkani 3:3-28.

    1. Amadoda aneembopheleleko kwintlangano kaThixo namhlanje anokufunda ntoni kumazwi asuka entliziyweni kaSolomon akweyoku-1 yooKumkani 3:7? (INdu. 119:105; IMize. 3:5, 6)

    2. Isicelo sikaSolomon singumzekelo omhle ngayiphi indlela ngokuphathelele izinto esifanele sizithandazele? (1 Kum. 3:9, 11; IMize. 30:8, 9; 1 Yoh. 5:14)

    3. Indlela uSolomon awayicombulula ngayo ingxaki eyayiphakathi kwabafazi ababini isinika siphi isiqinisekiso ngokuphathelele ulawulo lwexesha elizayo lukaSolomon Omkhulu, uYesu Kristu? (1 Kum. 3:28; Isa. 9:6, 7; 11:2-4)

  2. Funda eyoku-1 yooKumkani 4:29-34.

    1. UYehova wasiphendula njani isicelo sikaSolomon sokuba nentliziyo ethobekileyo? (1 Kum. 4:29)

    2. Xa sihlolisisa imigudu eyenziwa ngabantu ukuze beve ngobulumko bukaSolomon, sifanele sikujonge njani ukufundisisa iLizwi likaThixo? (1 Kum. 4:29, 34; Yoh. 17:3; 2 Tim. 3:16)

Ibali 64

USolomon Wakha Itempile

  1. USolomon uthabatha ixesha elingakanani ukuze agqibe ukwakha itempile kaYehova, yaye kutheni oko kuxabisa imali eninzi kangako?

  2. Mangaphi amagumbi amakhulu akhoyo etempileni, yaye kubekwa ntoni kwigumbi elingaphakathi?

  3. USolomon uthini kumthandazo wakhe xa itempile igqitywa?

  4. UYehova ubonisa njani ukuba uyakholiswa ngumthandazo kaSolomon?

  5. Abafazi bakaSolomon bamenzisa ntoni, yaye kwenzeka ntoni kuSolomon?

  6. Kutheni uYehova ecatshukiswa nguSolomon, yaye uYehova uthini kuye?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 yeziKronike 28:9, 10.

    Ngenxa yamazwi kaDavide akweyoku-1 yeziKronike 28:9, 10, sifanele sizabalazele ukwenza ntoni kubomi bethu bemihla ngemihla? (INdu. 19:14; Fil. 4:8, 9)

  2. Funda eyesi-2 yeziKronike 6:12-21, 32-42.

    1. USolomon wabonisa njani ukuba akukho sakhiwo senziwe ngumntu sinokuhlala Oyena Thixo Uphakamileyo? (2 Kron. 6:18; IZe. 17:24, 25)

    2. Amazwi kaSolomon akweyesi-2 yeziKronike 6:32, 33 abonisa ntoni ngoYehova? (IZe. 10:34, 35; Gal. 2:6)

  3. Funda eyesi-2 yeziKronike 7:1-5.

    Kanye njengokuba oonyana bakaSirayeli bashukunyiselwa ukuba badumise uYehova xa babebona uzuko lwakhe, thina sinokushukunyiselwa ukuba senze ntoni njengoko sibona indlela uYehova abasikelela ngayo abantu bakhe? (2 Kron. 7:3; INdu. 22:22; 34:1; 96:2)

  4. Funda eyoku-1 yooKumkani 11:9-13.

    Ubomi bukaSolomon bukubonisa njani ukubaluleka kokuqhubeka sinyanisekile de kube sekupheleni? (1 Kum. 11:4, 9; Mat. 10:22; ISityhi. 2:10)

Ibali 65

Ubukumkani Buyahlukana

  1. Ngoobani amagama amadoda amabini akulo mfanekiso, yaye akhonza njengantoni?

  2. UAhiya uyenza ntoni ingubo ayinxibileyo, yaye oko kubonisa ntoni?

  3. USolomon uzama ukwenza ntoni kuYarobheham?

  4. Kutheni abantu bebeka uYarobheham ukuba abe ngukumkani phezu kwezizwe ezilishumi?

  5. Kutheni uYarobheham esenza amathole amabini egolide, yaye kwenzeka ntoni kwelo lizwe ngokukhawuleza emva koko?

  6. Kwenzeka ntoni kubukumkani bezizwe ezibini nakwitempile kaYehova eYerusalem?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 yooKumkani 11:26-43.

    Wayengumntu onjani uYarobheham, yaye uYehova wamthembisa ntoni ukuba wayegcina imithetho kaThixo? (1 Kum. 11:28, 38)

  2. Funda eyoku-1 yooKumkani 12:1-33.

    1. Abazali nabadala banokufunda ntoni kumzekelo ombi kaRehabheham ngokuphathelele ukusebenzisa kakubi igunya? (1 Kum. 12:13; INtshu. 7:7; 1 Pet. 5:2, 3)

    2. Ulutsha namhlanje lufanele luye kubani ukuze lufumane ulwalathiso olunokuthenjwa xa lusenza izigqibo ezibalulekileyo ebomini? (1 Kum. 12:6, 7; IMize. 1:8, 9; 2 Tim. 3:16, 17; Heb. 13:7)

    3. Yintoni eyashukumisela uYarobheham ukuba amise iindawo ezimbini zokunqula ithole, yaye oku kwakubonisa njani ukuswel’ ukholo ngokungathethekiyo kuYehova? (1 Kum. 11:37; 12:26-28)

    4. Ngubani owakhokela abantu ababeyinxalenye yobukumkani bezizwe ezilishumi kwimvukelo nxamnye nonqulo lokwenyaniso? (1 Kum. 12:32, 33)

Ibali 66

UIzebhele—Ukumkanikazi Ongendawo

  1. Ngubani uIzebhele?

  2. Yintoni eyenza uKumkani uAhabhi abe buhlungu ngenye imini?

  3. UIzebhele wenza ntoni ukuze afumanele umyeni wakhe uAhabhi isidiliya sikaNabhoti?

  4. Ngubani othunyelwa nguYehova ukuya kohlwaya uIzebhele?

  5. Njengoko ubona kulo mfanekiso, kwenzeka ntoni ukufika kukaYehu kwibhotwe likaIzebhele?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 yooKumkani 16:29-33 nese-18:3, 4.

    Zazimbi kangakanani iimeko kwaSirayeli ngexesha likaKumkani uAhabhi? (1 Kum. 14:9)

  2. Funda eyoku-1 yooKumkani 21:1-16.

    1. UNabhoti wayibonisa njani inkalipho nokunyaniseka kuYehova? (1 Kum. 21:1-3; Lev. 25:23-28)

    2. Sinokufunda ntoni kumzekelo ka-Ahabhi wokuhlangabezana nentlungu? (1 Kum. 21:4; Roma 5:3-5)

  3. Funda eyesi-2 yooKumkani 9:30-37.

    Sinokufunda ntoni kwinzondelelo kaYehu ekwenzeni ukuthanda kukaYehova? (2 Kum. 9:4-10; 2 Kor. 9:1, 2; 2 Tim. 4:2)

Ibali 67

UYehoshafati Uthembela KuYehova

  1. Ngubani uYehoshafati, yaye uphila kweliphi ixesha?

  2. Kutheni amaSirayeli esoyika, yaye amaninzi kuwo enza ntoni?

  3. Uphendula athini uYehova kumthandazo kaYehoshafati?

  4. UYehova ubangela ukuba kwenzeke ntoni ngaphambi kwedabi?

  5. Sisiphi isifundo esinokusifunda kuYehoshafati?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyesi-2 yeziKronike 20:1-30.

    1. UYehoshafati wathi abakhonzi bakaThixo abathembekileyo bafanele basabele njani xa bejamelene neemeko ezisongelayo? (2 Kron. 20:12; INdu. 25:15; 62:1)

    2. Ekubeni uYehova ebesoloko esebenzisa abantu xa ethetha nabantu bakhe, usebenzisa liphi ijelo namhlanje? (2 Kron. 20:14, 15; Mat. 24:45-47; Yoh. 15:15)

    3. Xa uThixo eqalisa ‘imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla,’ imeko yethu iya kufana njani nekaYehoshafati? (2 Kron. 20:15, 17; 32:8; ISityhi. 16:14, 16)

    4. Bexelisa abaLevi, oovulindlela nabavangeli basemazweni banaliphi igalelo kumsebenzi wokushumayela owenziwayo namhlanje? (2 Kron. 20:19, 21; Roma 10:13-15; 2 Tim. 4:2)

Ibali 68

Amakhwenkwe Amabini Awavuswayo

  1. Ngoobani aba bantu bathathu kulo mfanekiso, yaye kwenzeka ntoni kule nkwenkwana?

  2. Uthandaza athini uEliya ngokuphathelele le nkwenkwe, yaye kwenzeka ntoni emva koko?

  3. Ngubani igama lomncedisi kaEliya?

  4. Kutheni uElisha ebizelwa ekhayeni lomfazi eShunem?

  5. Wenza ntoni uElisha, yaye kwenzeka ntoni kumntwana ofileyo?

  6. Ngawaphi amandla anawo uYehova njengokuba sibona kuEliya nakuElisha?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 yooKumkani 17:8-24.

    1. Intobeko nokholo lukaEliya lwavavanywa njani? (1 Kum. 17:9; 19:1-4, 10)

    2. Kwakutheni ukuze lubalasele ukholo lomhlolokazi waseTsarefathi? (1 Kum. 17:12-16; Luka 4:25, 26)

    3. Oko kwenziwa ngumhlolokazi waseTsarefathi kubunikela njani ubungqina bokunyanisa kwamazwi kaYesu abhalwe kuMateyu 10:41, 42? (1 Kum. 17:10-12, 17, 23, 24)

  2. Funda eyesi-2 yooKumkani 4:8-37.

    1. Umfazi waseShunem usifundisa ntoni ngokubonisa ububele? (2 Kum. 4:8; Luka 6:38; Roma 12:13; 1 Yoh. 3:17)

    2. Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo izenzo zobubele kubakhonzi bakaThixo namhlanje? (IZe. 20:35; 28:1, 2; Gal. 6:9, 10; Heb. 6:10)

Ibali 69

Intombazana Inceda Igorha

  1. Kulo mfanekiso, le ntombazana ithini kweli nenekazi?

  2. Ngubani eli nenekazi likulo mfanekiso, yaye yenza ntoni apha le ntombazana?

  3. UElisha uthi isicakakazi sakhe masithini kuNahaman, yaye kutheni uNahaman esiba nomsindo nje?

  4. Kwenzeka ntoni kuNahaman emva kokuba ephulaphule isicakakazi?

  5. Kutheni uElisha esala isipho sikaNahaman, kodwa wenza ntoni uGehazi?

  6. Kwenzeka ntoni kuGehazi, yaye yintoni esinokuyifunda koku?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyesi-2 yooKumkani 5:1-27.

    1. Umzekelo wentombazana engumSirayelikazi unokubakhuthaza njani abaselula namhlanje? (2 Kum. 5:3; INdu. 8:2; 148:12, 13)

    2. Kutheni kubalulekile ukucinga ngomzekelo kaNahaman xa silulekwa ngeZibhalo? (2 Kum. 5:15; Heb. 12:5, 6; Yak. 4:6)

    3. Ziziphi izifundo esinokuzifunda xa sithelekisa umzekelo kaElisha nokaGehazi? (2 Kum. 5:9, 10, 14-16, 20; Mat. 10:8; IZe. 5:1-5; 2 Kor. 2:17)

Ibali 70

UYona Nentlanzi Enkulu

  1. Ngubani uYona, yaye uYehova umxelela ukuba enze ntoni?

  2. Ngenxa yokuba uYona engafuni ukuya apho uYehova afuna aye khona, wenza ntoni?

  3. Oomatiloshe bathi makenze ntoni uYona ukuze badambise umoya?

  4. Njengoko ubona kulo mfanekiso, kwenzeka ntoni xa uYona etshona emanzini?

  5. UYona uhlala ixesha elide kangakanani kule ntlanzi inkulu, yaye wenza ntoni apho ngaphakathi kuyo?

  6. Uyaphi uYona emva kokuba ephumile kule ntlanzi inkulu, yaye oku kusifundisa ntoni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYona 1:1-17.

    Kubonakala ukuba uYona waziva njani ngesabelo sakhe sokuya kushumayela eNineve? (Yona 1:2, 3; IMize. 3:7; INtshu. 8:12)

  2. Funda uYona 2:1, 2, 10.

    Oko kwenziwa nguYona kusinika njani intembelo yokuba uYehova uya kuyiphendula imithandazo yethu? (INdu. 22:24; 34:6; 1 Yoh. 5:14)

  3. Funda uYona 3:1-10.

    1. Sikhuthazwa njani sisibakala sokuba uYehova waqhubeka emsebenzisa uYona nakuba ekuqaleni engazange asiphumeze isabelo sakhe? (INdu. 103:14; 1 Pet. 5:10)

    2. Indlela uYona awaqhubana ngayo nabantu baseNineve isifundisa ntoni ngokugweba abantu abakwintsimi yethu? (Yona 3:6-9; INtshu. 11:6; IZe. 13:48)

Ibali 71

UThixo Uthembisa Iparadesi

  1. Yayingubani uIsaya, wayephila kweliphi ixesha, yaye uYehova wambonisa ntoni?

  2. Igama elithi “paradesi” lithetha ntoni, yaye likukhumbuza ngantoni?

  3. UYehova wathi uIsaya makabhale ntoni ngokuphathelele iParadesi entsha?

  4. Kwakutheni ukuze uAdam noEva baphulukane nekhaya labo elihle?

  5. UYehova ubathembisa ntoni abo bamthandayo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uIsaya 11:6-9.

    1. ILizwi likaThixo liluchaza njani uxolo oluya kubakho phakathi kwezilwanyana nabantu? (INdu. 148:10, 13; Isa. 65:25; Hez. 34:25)

    2. Amazwi kaIsaya azaliseka njani ngokomoya namhlanje kubantu bakaYehova? (Roma 12:2; Efe. 4:23, 24)

    3. Ngubani ofanele adunyiswe ngokutshintsha kwabantu ubuntu babo ngoku nakwihlabathi elitsha likaThixo? (Isa. 48:17, 18; Gal. 5:22, 23; Fil. 4:7)

  2. Funda iSityhilelo 21:3, 4.

    1. IZibhalo zibonisa njani ukuba ukuhlala nabantu kukaThixo kuthetha ukuba ukho ngokungabonakaliyo, akakho ngokoqobo apha emhlabeni? (Lev. 26:11, 12; 2 Kron. 6:18; Isa. 66:1; ISityhi. 21:2, 3, 22-24)

    2. Luhlobo olunjani lweenyembezi, neentlungu oluya kupheliswa? (Luka 8:49-52; Roma 8:21, 22; ISityhi. 21:4)

Ibali 72

UThixo Unceda UKumkani UHezekiya

  1. Ngubani le ndoda ikulo mfanekiso, yaye kutheni isengxakini?

  2. Ziziphi iileta azibeka phambi kukaThixo uHezekiya, yaye uthandazela ntoni?

  3. Ungukumkani onjani uHezekiya, yaye sisiphi isigidimi uYehova asithumela kuye esebenzisa umprofeti wakhe uIsaya?

  4. Ingelosi kaYehova ithini kuma-Asiriya, njengoko kuboniswe kulo mfanekiso?

  5. Nangona ubukumkani bezizwe ezibini bunandipha uxolo okomzuzwana, kwenzeka ntoni akufa uHezekiya?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyesi-2 yooKumkani 18:1-36.

    1. Isithethi sama-Asiriya uRabheshake sazama njani ukulwenza buthathaka ukholo lwamaSirayeli? (2 Kum. 18:19, 21; Eks. 5:2; INdu. 64:3)

    2. Xa ejamelene nabachasi, amaNgqina kaYehova awulandela njani umzekelo kaHezekiya? (2 Kum. 18:36; INdu. 39:1; IMize. 26:4; 2 Tim. 2:24)

  2. Funda eyesi-2 yooKumkani 19:1-37.

    1. Namhlanje abantu bakaYehova bawuxelisa njani umzekelo kaHezekiya xa bejamelene namaxesha anzima? (2 Kum. 19:1, 2; IMize. 3:5, 6; Heb. 10:24, 25; Yak. 5:14, 15)

    2. Ziziphi iindlela ezintathu awoyiswa ngazo uKumkani uSenaribhe, yaye esi siprofeto sifuzisela bani? (2 Kum. 19:32, 35, 37; ISityhi. 20:2, 3)

  3. Funda eyesi-2 yooKumkani 21:1-6, 16.

    Kutheni kunokuthiwa uManase wayengomnye wabona kumkani bangendawo kwabakha balawula eYerusalem? (2 Kron. 33:4-6, 9)

Ibali 73

Ukumkani Wokugqibela Olungileyo KwaSirayeli

  1. Uneminyaka emingaphi uYosiya xa esiba ngukumkani, yaye uqalisa ukwenza ntoni emva kokuba eye wangukumkani kangangeminyaka esixhenxe?

  2. Kulo mfanekiso wokuqala wenza ntoni uYosiya?

  3. Ufumana ntoni umbingeleli omkhulu xa amadoda elungisa itempile?

  4. Kutheni uYosiya ekrazula iimpahla zakhe?

  5. Nguwuphi umyalelo uYehova awudlulisela kuYosiya ngomprofetikazi uHulida?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyesi-2 yeziKronike 34:1-28.

    1. Nguwuphi umzekelo awumiselayo uYosiya kwabo kusenokwenzeka ukuba kwafuneka banyamezele ngoxa babeselula? (2 Kron. 33:21-25; 34:1, 2; INdu. 27:10)

    2. Ngawaphi amanyathelo abalulekileyo uYosiya awawathabathayo okuhambisela phambili unqulo lokwenyaniso xa wayeneminyaka esi-8, eli-12, neli-18 elawula? (2 Kron. 34:3, 8)

    3. Ziziphi izifundo esinokuzifunda kumzekelo kaKumkani uYosiya noMbingeleli Omkhulu uHilekiya ngokuphathelele ukugcina iindawo zethu zonqulo zikwimeko entle? (2 Kron. 34:9-13; IMize. 11:14; 1 Kor. 10:31)

Ibali 74

Indoda Engoyikiyo

  1. Ngubani lo mfana ukulo mfanekiso?

  2. Ucinga ntoni uYeremiya ngokuba ngumprofeti kwakhe, kodwa uYehova uthini kuye?

  3. Sisiphi isigidimi aqhubeka esixelela abantu uYeremiya?

  4. Ababingeleli bazama njani ukumyekisa uYeremiya, kodwa ubonisa njani ukuba akoyiki?

  5. Kwenzeka ntoni xa amaSirayeli engaziyeki iindlela zawo ezimbi?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYeremiya 1:1-8.

    1. Njengoko kuboniswe kumzekelo kaYeremiya, yintoni eyenza umntu afanelekele inkonzo kaYehova? (2 Kor. 3:5, 6)

    2. Umzekelo kaYeremiya ulukhuthaza njani namhlanje ulutsha olungamaKristu? (INtshu. 12:1; 1 Tim. 4:12)

  2. Funda uYeremiya 10:1-5.

    Nguwuphi umzekeliso awusebenzisayo uYeremiya obonisa ubuyatha bokuthembela kwizithixo? (Yer. 10:5; Isa. 46:7; Hab. 2:19)

  3. Funda uYeremiya 26:1-16.

    1. Xa ikhupha isigidimi esilumkisayo namhlanje, intsalela ethanjisiweyo iye yanikel’ ingqalelo njani kumazwi kaYeremiya ‘okunganciphisi lizwi’? (Yer. 26:2; Dut. 4:2; IZe. 20:27)

    2. Nguwuphi umzekelo omhle uYeremiya awawumisela amaNgqina kaYehova namhlanje ngokuvakalisa izilumkiso zikaYehova ezintlangeni? (Yer. 26:8, 12, 14, 15; 2 Tim. 4:1-5)

  4. Funda eyesi-2 yooKumkani 24:1-17.

    Yiyiphi imiphumo emibi eyabangelwa kukungathembeki kukaYuda kuYehova? (2 Kum. 24:2-4, 14)

Ibali 75

Abafana Abane EBhabhiloni

  1. Ngoobani aba bafana bane bakulo mfanekiso, yaye kutheni beseBhabhiloni?

  2. Uceba ukubenza ntoni aba bafana bane uNebhukadenetsare, yaye ubayalela athini abakhonzi bakhe?

  3. Sisiphi isicelo asenzayo uDaniyeli ngokuphathelele ukutya nokusela kwakhe nabahlobo bakhe abathathu?

  4. Emva kokutya imifuno kangangeentsuku ezilishumi, uDaniyeli nabahlobo bakhe abathathu banjani xa bethelekiswa nabanye abafana abaselula?

  5. Yintoni ebangela ukuba uDaniyeli nabahlobo bakhe abathathu babe kwibhotwe likakumkani, yaye yiyiphi indlela ababhetele ngayo kunababingeleli nezilumko?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uDaniyeli 1:1-21.

    1. Nguwuphi umzamo ofunekayo ukuba sifuna ukuxhathisa isilingo okanye soyise ubuthathaka bethu? (Dan. 1:8; Gen. 39:7, 10; Gal. 6:9)

    2. Ziziphi iindlela olunokulingelwa okanye lucinezelwe ngazo ulutsha ukuba lubandakanyeke kwizinto ezinokubizwa ngokuba ‘kukutya okuluncuthu’? (Dan. 1:8; IMize. 20:1; 2 Kor. 6:17–7:1)

    3. Ingxelo yeBhayibhile ngokuphathelele abafana abane abangamaHebhere isinceda siqonde ntoni ngokuphathelele ukuba nolwazi lwehlabathi? (Dan. 1:20; Isa. 54:13; 1 Kor. 3:18-20)

Ibali 76

Ukutshatyalaliswa KweYerusalem

  1. Kwenzeka ntoni eYerusalem nakumaSirayeli aboniswe kulo mfanekiso?

  2. Ngubani uHezekile, yaye ziintoni ezi zinto zimangalisayo ambonisa zona uYehova?

  3. Ngenxa yokuba amaSirayeli engamhloneli uYehova, uwathembisa ntoni?

  4. Wenza ntoni uKumkani uNebhukadenetsare emva kokuba amaSirayeli emvukele?

  5. Kutheni uYehova evumela ukuba amaSirayeli atshatyalaliswe ngolu hlobo?

  6. Ilizwe lakwaSirayeli lisala njani lingenabantu, yaye oku kuthabatha ixesha elide kangakanani?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyesi-2 yooKumkani 25:1-26.

    1. Yayingubani uZedekiya, kwenzeka ntoni kuye, yaye oku kusizalisekisa njani isiprofeto seBhayibhile? (2 Kum. 25:5-7; Hez. 12:13-15)

    2. Ngubani ambek’ ityala uYehova ngokungathembeki kwamaSirayeli? (2 Kum. 25:9, 11, 12, 18, 19; 2 Kron. 36:14, 17)

  2. Funda uHezekile 8:1-18.

    INgqobhoko iye yamxelisa njani uSirayeli owexukileyo nonqula ilanga? (Hez. 8:16; Isa. 5:20, 21; Yoh. 3:19-21; 2 Tim. 4:3)

Ibali 77

Abazange Bavume Ukuqubuda

  1. Nguwuphi umyalelo uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabhiloni awunika abantu?

  2. Kutheni abahlobo abathathu bakaDaniyeli bengaqubudi kumfanekiso owenziwe ngegolide?

  3. Xa uNebhukadenetsare ewanika elinye ithuba lokuqubuda amaHebhere amathathu, abonisa njani ukuba athembele kuYehova?

  4. UNebhukadenetsare uthi makenze ntoni la madoda mathathu, uShadraki, uMeshaki, noAbhednego?

  5. UNebhukadenetsare ubona ntoni xa ejonge kwiziko lomlilo?

  6. Kutheni ukumkani edumisa uThixo kaShadraki, uMeshaki, noAbhednego, yaye basimisela wuphi umzekelo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uDaniyeli 3:1-30.

    1. Sisiphi isimo sengqondo esaboniswa ngabafana abangamaHebhere abathathu abafanele babe naso bonke abakhonzi bakaThixo xa kuvavanywa ingqibelelo yabo? (Dan. 3:17, 18; Mat. 10:28; Roma 14:7, 8)

    2. Sisiphi isifundo esibalulekileyo uYehova uThixo awasifundisa uNebhukadenetsare? (Dan. 3:28, 29; 4:34, 35)

Ibali 78

Umbhalo Wesandla Eludongeni

  1. Kwenzeka ntoni xa ukumkani waseBhabheli wayesesidlweni esikhulu, esebenzisa iindebe nezitya ezathatyathwa kwitempile kaYehova eYerusalem?

  2. Uthini uBheleshatsare kwizilumko zakhe, yaye yintoni le zingakwaziyo ukuyenza?

  3. Umama kakumkani uthi makenze ntoni?

  4. Ngenxa yoko uDaniyeli akuxelela ukumkani, kutheni uThixo ethumele umbhalo eludongeni?

  5. UDaniyeli uyichaza njani intsingiselo yala mazwi aseludongeni?

  6. Kwenzeka ntoni xa uDaniyeli esathetha?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uDaniyeli 5:1-31.

    1. Thelekisa ukoyika uThixo noloyiko awaba nalo uBheleshatsare xa wabona umbhalo oseludongeni. (Dan. 5:6, 7; INdu. 19:9; Roma 8:35-39)

    2. UDaniyeli wayibonisa njani inkalipho xa wayethetha noBheleshatsare nezihandiba zakhe? (Dan. 5:17, 18, 22, 26-28; IZe. 4:29)

    3. UDaniyeli isahluko 5 ukubethelela njani ukuba ngumongami wendalo iphela kukaYehova? (Dan. 4:17, 25; 5:21)

Ibali 79

UDaniyeli Emhadini Weengonyama

  1. Ngubani uDariyo, yaye umjonga njani uDaniyeli?

  2. Amadoda anomona afuna enze ntoni uDariyo?

  3. Wenza ntoni uDaniyeli akuva ngomthetho omtsha?

  4. Yintoni ebangela ukuba uDariyo akhathazeke kangangokude angakwazi ukulala, yaye wenza ntoni ngentsasa elandelayo?

  5. UDaniyeli umphendula njani uDariyo?

  6. Kwenzeka ntoni xa amadoda amabi ezama ukubulala uDaniyeli, yaye uDariyo ubabhalela athini abantu ngobukumkani bakhe?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uDaniyeli 6:1-28.

    1. Iyelenqe elenzelwa uDaniyeli lisikhumbuza njani ngoko kwenziwe ngabachasi ukuzama ukucinezela umsebenzi wamaNgqina kaYehova kula maxesha? (Dan. 6:7; INdu. 94:20; Isa. 10:1; Roma 8:31)

    2. Namhlanje abakhonzi bakaThixo banokumxelisa njani uDaniyeli ngokuhlala bezithoba ‘kumagunya awongamileyo’? (Dan. 6:5, 10; Roma 13:1; IZe. 5:29)

    3. Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaDaniyeli wokukhonza uYehova “rhoqo”? (Dan. 6:16, 20; Fil. 3:16; ISityhi. 7:15)

Ibali 80

Abantu BakaThixo Bayemka EBhabhiloni

  1. Njengoko kubonisiwe kulo mfanekiso, enza ntoni la maSirayeli?

  2. UKoreshi wasizalisekisa njani isiprofeto sikaYehova ngoIsaya?

  3. UKoreshi uthini kumaSirayeli angenakukwazi ukubuyela eYerusalem?

  4. UKoreshi ubanika ntoni abantu ukuba babuyele nayo eYerusalem?

  5. AmaSirayeli athabatha ixesha elide kangakanani ukubuyela eYerusalem?

  6. Kudlule iminyaka emingaphi emva kokuba ilizwe lingenabantu?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uIsaya 44:28 nesama-45:1-4.

    1. UYehova wakugxininisa njani ukuqiniseka kokuzaliseka kwesiprofeto esiphathelele uKoreshi? (Isa. 55:10, 11; Roma 4:17)

    2. Isiprofeto sikaIsaya esingoKoreshi siwabonisa njani amandla anawo uYehova uThixo okulixela kusengaphambili ikamva? (Isa. 42:9; 45:21; 46:10, 11; 2 Pet. 1:20)

  2. Funda uEzra 1:1-11.

    Silandela umzekelo wabo bangazange bakwazi ukubuyela eYerusalem, namhlanje ‘sinokuzomeleza njani izandla’ zabo bakwaziyo ukungenelela inkonzo yexesha elizeleyo? (Ezra 1:4, 6; Roma 12:13; Kol. 4:12)

Ibali 81

Ukuthembela Kuncedo LukaThixo

  1. Bangaphi abantu abathabatha uhambo olude bevela eBhabhiloni besiya eYerusalem kodwa bafumanisa ntoni xa befika?

  2. Aqalisa ukwakha ntoni amaSirayeli akufika, kodwa zenza ntoni iintshaba zawo?

  3. Ngubani uHagayi noZekariya, yaye bathini ebantwini?

  4. Kutheni uTatenayi ethumela ileta eya eBhabheli, yaye ufumana yiphi impendulo?

  5. Wenza ntoni uEzra akufumanisa ukuba kufuneka alungise itempile kaThixo?

  6. Kulo mfanekiso uEzra uthandazela ntoni, yaye uphendulwa njani umthandazo wakhe, yaye oku kusifundisa ntoni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uEzra 3:1-13.

    Ukuba ngenye imini sikwindawo engenalo ibandla labantu bakaThixo, simele siqhubeke sisenza ntoni? (Ezra 3:3, 6; IZe. 17:16, 17; Heb. 13:15)

  2. Funda uEzra 4:1-7.

    Nguwuphi umzekelo uZerubhabheli awawumisela abantu bakaYehova ngokuphathelele ukunxulumana nabantu bezinye iinkonzo? (Eks. 34:12; 1 Kor. 15:33; 2 Kor. 6:14-17)

  3. Funda uEzra 5:1-5, 17 nesesi-6:1-22.

    1. Kwakutheni ukuze abachasi bangakwazi ukuwuyekisa umsebenzi wokwakha? (Ezra 5:5; Isa. 54:17)

    2. Oko kwenziwa ngamadoda amakhulu amaYuda kubakhuthaza njani abadala abangamaKristu ukuba bafune ulwalathiso lukaYehova xa bejamelene nabachasi? (Ezra 6:14; INdu. 32:8; Roma 8:31; Yak. 1:5)

  4. Funda uEzra 8:21-23, 28-36.

    Yintoni eyenziwa nguEzra esimele siyenze nathi, ngaphambi kokuba senze nantoni na? (Ezra 8:23; INdu. 127:1; IMize. 10:22; Yak. 4:13-15)

Ibali 82

UMordekayi NoEstere

  1. Ngubani uMordekayi noEstere?

  2. Kutheni uKumkani uAhaswerosi efuna umfazi omtsha, yaye ukhetha bani?

  3. Ngubani uHaman, yaye yintoni ebangela ukuba abe nomsindo?

  4. Nguwuphi umthetho omiselwayo, yaye wenza ntoni uEstere emva kokuba efumene umyalezo ovela kuMordekayi?

  5. Kwenzeka ntoni kuHaman nakuMordekayi?

  6. AmaSirayeli asindiswa njani kwiintshaba zawo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uEstere 2:12-18.

    UEstere wakubonisa njani ukubaluleka kokuhlakulela ‘umoya ozolileyo nowobulali’? (Est. 2:15; 1 Pet. 3:1-5)

  2. Funda uEstere 4:1-17.

    Kanye njengokuba uEstere wanikwa ithuba lokumela unqulo lokwenyaniso, liliphi ithuba esilinikiweyo thina lokubonakalisa ukuzinikela nokuthembeka kwethu kuYehova? (Est. 4:13, 14; Mat. 5:14-16; 24:14)

  3. Funda uEstere 7:1-6.

    Bangakanani abantu bakaThixo namhlanje abaye bazibeka esichengeni sokutshutshiswa kanye njengokuba wenzayo uEstere? (Est. 7:4; Mat. 10:16-22; 1 Pet. 2:12)

Ibali 83

Iindonga ZeYerusalem

  1. AmaSirayeli aziva njani ngokungabi nazindonga ezirhangqe isixeko saseYerusalem?

  2. Ngubani uNehemiya?

  3. Yintoni umsebenzi kaNehemiya, yaye kutheni ubalulekile?

  4. Ziziphi iindaba ezimenza buhlungu uNehemiya, yaye wenza ntoni?

  5. UKumkani uArtashashta ububonisa njani ububele kuNehemiya?

  6. UNehemiya uwulungiselela njani umsebenzi wokwakha ukuze iintshaba zamaSirayeli zingakwazi ukuwuyekisa?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uNehemiya 1:4-6 nesesi-2:1-20.

    UNehemiya walufuna njani ulwalathiso lukaYehova? (Neh. 2:4, 5; Roma 12:12; 1 Pet. 4:7)

  2. Funda uNehemiya 3:3-5.

    Abadala nezicaka zolungiselelo bangafunda ntoni kumahluko ophakathi kwamaTekowa ‘neengangamsha zawo’? (Neh. 3:5, 27; 2 Tes. 3:7-10; 1 Pet. 5:5)

  3. Funda uNehemiya 4:1-23.

    1. Yintoni eyakhuthaza amaSirayeli ukuba aqhubeke nokwakha nakuba kwakukho inkcaso? (Neh. 4:6, 8, 9; INdu. 50:15; Isa. 65:13, 14)

    2. Umzekelo wamaSirayeli usikhuthaza njani namhlanje?

  4. Funda uNehemiya 6:15.

    Isibakala sokuba iindonga zaseYerusalem zagqitywa ngeenyanga ezimbini kuphela sibonisa ntoni ngokuphathelele ukuba namandla kokholo? (INdu. 56:3, 4; Mat. 17:20; 19:26)

Ibali 84

Ingelosi Ityelela UMariya

  1. Ngubani lo mfazi ukulo mfanekiso?

  2. UGabriyeli uthini kuMariya?

  3. UGabriyeli umchazela njani uMariya ukuba uza kuba nomntwana nangona engazani nandoda?

  4. Kwenzeka ntoni kuMariya xa etyelela uElizabhete azalana naye?

  5. Ucinga ntoni uYosefu xa efumanisa ukuba uMariya uza kuba nomntwana, kodwa kutheni eyeka ukucinga oko?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uLuka 1:26-56.

    1. Yintoni eboniswa nguLuka 1:35 ngokuphathelele ukungafezeki esakuzuz’ ilifa kuAdam xa umoya oyingcwele wawufudusela ubomi boNyana kaThixo kwisibeleko sikaMariya? (Hag. 2:11-13; Yoh. 6:69; Heb. 7:26; 10:5)

    2. UYesu wazukiswa njani kwanangaphambi kokuzalwa kwakhe? (Luka 1:41-43)

    3. UMariya wawamisela wuphi umzekelo omhle amaKristu afumana izabelo ezikhethekileyo zenkonzo? (Luka 1:38, 46-49; 17:10; IMize. 11:2)

  2. Funda uMateyu 1:18-25.

    Nakuba uYesu engazange abizwe ngegama lakhe elinguImanuweli, indima yakhe njengomntu yayizalisekisa njani intsingiselo yalo? (Mat. 1:22, 23; Yoh. 14:8-10; Heb. 1:1-3)

Ibali 85

UYesu Uzalelwa Esitalini

  1. Ngubani lo mntwana ukulo mfanekiso, yaye umbeka phi uMariya?

  2. Kutheni uYesu ezalelwa esitalini sezilwanyana?

  3. Kulo mfanekiso, ngoobani la madoda angena esitalini, yaye ithini ingelosi kuwo?

  4. Kutheni uYesu ekhethekile?

  5. Kutheni uYesu ebizwa ngokuba nguNyana kaThixo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uLuka 2:1-20.

    1. Yiyiphi indima awaba nayo uKesare Agasto ekuzalisekeni kwesiprofeto esiphathelele ukuzalwa kukaYesu? (Luka 2:1-4; Mika 5:2)

    2. Umntu unokuba ngomnye wabo bachazwa ‘njengabantu abakholekileyo’ njani? (Luka 2:14; Mat. 16:24; Yoh. 17:3; IZe. 3:19; Heb. 11:6)

    3. Ukuba abalusi abangamaYuda baba nesizathu sokuvuya xa kwakuzalwa uMsindisi, sisiphi isizathu abanaso abakhonzi bakaThixo namhlanje? (Luka 2:10, 11; Efe. 3:8, 9; ISityhi. 11:15; 14:6)

Ibali 86

Amadoda Akhokelwa Yinkwenkwezi

  1. Ngoobani la madoda akulo mfanekiso, yaye kutheni enye yawo isalatha inkwenkwezi?

  2. Kutheni uKumkani uHerode ecaphuka, yaye wenza ntoni?

  3. Le nkwenkwezi iwakhokelela phi la madoda, kodwa kutheni ebuyela kwisixeko sawo ngenye indlela?

  4. Nguwuphi umyalelo awukhuphayo uHerode, yaye ngoba?

  5. UYehova uthi makenze ntoni uYosefu?

  6. Ngubani obangela ukuba le nkwenkwezi iqaqambe, yaye ngoba?

Umbuzo owongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 2:1-23.

    Wayemngakanani uYesu yaye wayehlala phi xa watyelelwa ngabavumisi ngeenkwenkwezi? (Mat. 2:1, 11, 16)

Ibali 87

UYesu Oselula Etempileni

  1. Mdala kangakanani uYesu kulo mfanekiso, yaye uphi?

  2. UYosefu wenza ntoni nentsapho yakhe minyaka le?

  3. Emva kokuhamba imini yonke begoduka, kutheni uYosefu noMariya bebuyela eYerusalem?

  4. UYosefu noMariya bamfumana phi uYesu, yaye kutheni abantu abalapho bemangalisiwe?

  5. Uthini uYesu kunina uMariya?

  6. Sinokumxelisa njani uYesu ekufundeni ngoThixo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uLuka 2:41-52.

    1. Nakuba ngokoMthetho kwakumele ibe ngamadoda kuphela aya kwimisitho yaminyaka le, uYosefu noMariya babamisela wuphi umzekelo omhle abazali namhlanje? (Luka 2:41; Dut. 16:16; 31:12; IMize. 22:6)

    2. UYesu wabamisela njani umzekelo omhle abantwana wokuthobela abazali babo? (Luka 2:51; Dut. 5:16; IMize. 23:22; Kol. 3:20)

  2. Funda uMateyu 13:53-56.

    Ngabaphi abantakwaboYesu abane abachazwe eBhayibhileni, ababini kubo basetyenziswa njani kwibandla lamaKristu? (Mat. 13:55; IZe. 12:17; 15:6, 13; 21:18; Gal. 1:19; Yak. 1:1; Yude 1)

Ibali 88

UYohane Ubhaptiza UYesu

  1. Ngoobani la madoda mabini akulo mfanekiso?

  2. Umntu ubhaptizwa njani?

  3. Ngabantu abanjani ababhaptizwa nguYohane?

  4. Sisiphi isizathu esikhethekileyo esibangela ukuba uYesu acele uYohane ukuba ambhaptize?

  5. UThixo ubonisa njani ukuba uyakholiswa kukubhaptizwa kukaYesu?

  6. Kwenzeka ntoni xa uYesu esiya kwindawo engasese kangangeentsuku ezingama-40?

  7. Ngoobani abanye babalandeli okanye abafundi bakaYesu bokuqala, yaye nguwuphi ummangaliso wokuqala awenzayo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 3:13-17.

    UYesu umisela wuphi umzekelo wokubhaptizwa kwabafundi bakhe? (INdu. 40:7, 8; Mat. 28:19, 20; Luka 3:21, 22)

  2. Funda uMateyu 4:1-11.

    Ukusebenzisa kukaYesu iZibhalo ngobuchule kusikhuthaza njani ukuba siyifunde rhoqo iBhayibhile? (Mat. 4:5-7; 2 Pet. 3:17, 18; 1 Yoh. 4:1)

  3. Funda uYohane 1:29-51.

    UYohane uMbhaptizi wabalathisela kubani abafundi bakhe, yaye sinokumxelisa njani namhlanje? (Yoh. 1:29, 35, 36; 3:30; Mat. 23:10)

  4. Funda uYohane 2:1-12.

    Ummangaliso wokuqala owenziwa nguYesu wabonisa njani ukuba uYehova akababandezi izinto ezilungileyo abakhonzi Bakhe? (Yoh. 2:9, 10; INdu. 84:11; Yak. 1:17)

Ibali 89

UYesu Ucoca Itempile

  1. Kutheni kuthengiswa izilwanyana etempileni?

  2. Ucatshukiswa yintoni uYesu?

  3. Njengoko ubona kulo mfanekiso, wenza ntoni uYesu yaye uwanika wuphi umyalelo amadoda athengisa amahobe?

  4. Xa abalandeli bakaYesu bebona oko akwenzayo bakhumbula ntoni?

  5. UYesu udlula kwesiphi isithili xa ebuyela eGalili?

Umbuzo owongezelelekileyo:

  1. Funda uYohane 2:13-25.

    Ngokuqwalasela indlela uYesu awacatshukiswa ngayo ngabatshintshi bemali etempileni, sisiphi isimo sengqondo esifanelekileyo esimele sibe naso ngokushishina kwiHolo yoBukumkani? (Yoh. 2:15, 16; 1 Kor. 10:24, 31-33)

Ibali 90

Equleni Nomfazi

  1. Kutheni uYesu ephumle ngakwiqula laseSamariya, yaye uthini kwibhinqa elilapho?

  2. Kutheni eli bhinqa limangalisiwe, uthini uYesu kulo yaye ngoba?

  3. Eli bhinqa licinga ukuba uYesu uthetha ngaluphi uhlobo lwamanzi, kodwa yena ubhekisela kwawaphi?

  4. Kutheni eli bhinqa limangaliswa koko uYesu akwaziyo ngalo, yaye wayifumana phi yonke le nkcazelo?

  5. Sinokufunda ntoni kwingxelo ephathelele ibhinqa elisequleni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYohane 4:5-43.

    1. Silandela umzekelo kaYesu, sifanele sibe nasiphi isimo sengqondo ngabantu bohlanga nemvelaphi eyahlukileyo kweyethu? (Yoh. 4:9; 1 Kor. 9:22; 1 Tim. 2:3, 4; Tito 2:11)

    2. Ziziphi iingenelo zokomoya ezifunyanwa ngumntu ongumfundi kaYesu? (Yoh. 4:14; Isa. 58:11; 2 Kor. 4:16)

    3. Sinokulubonisa njani uxabiso njengebhinqa elingumSamariya, elathi ngesisa labelana nabanye ngoko lalikufundile? (Yoh. 4:7, 28; Mat. 6:33; Luka 10:40-42)

Ibali 91

UYesu Ufundisa Entabeni

  1. Kulo mfanekiso, uYesu ufundisa phi, yaye ngoobani abahleli ecaleni kwakhe?

  2. Ngoobani amagama abapostile abali-12?

  3. Buyintoni uBukumkani ashumayela ngabo uYesu?

  4. UYesu ubafundisa ukuba bathandazele ntoni abantu?

  5. Uthini uYesu ngendlela abamele baphathane ngayo abantu?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 5:1-12.

    Sinokubonisa ngaziphi iindlela ukuba siyiphaphele intswelo yethu yokomoya? (Mat. 5:3; Roma 10:13-15; 1 Tim. 4:13, 15, 16)

  2. Funda uMateyu 5:21-26.

    UMateyu 5:23, 24 usibethelela njani isibakala sokuba ulwalamano esinalo nabazalwana bethu luyaluchaphazela ulwalamano lwethu noYehova? (Mat. 6:14, 15; INdu. 133:1; Kol. 3:13; 1 Yoh. 4:20)

  3. Funda uMateyu 6:1-8.

    Ziziphi ezinye iindlela zokuzenza amalungisa ezimele ziphetshwe ngamaKristu? (Luka 18:11, 12; 1 Kor. 4:6, 7; 2 Kor. 9:7)

  4. Funda uMateyu 6:25-34.

    Usifundisa ntoni uYesu ngokuphathelele imfuneko yokuthembela kuYehova ukuze asinike izinto eziphathekayo? (Eks. 16:4; INdu. 37:25; Fil. 4:6)

  5. Funda uMateyu 7:1-11.

    Umzekeliso ocacileyo ofumaneka kuMateyu 7:5 usifundisa ntoni? (IMize. 26:12; Roma 2:1; 14:10; Yak. 4:11, 12)

Ibali 92

UYesu Uvusa Abafileyo

  1. Ngubani uyise wentombazana ekulo mfanekiso, yaye kutheni yena nomfazi wakhe bekhathazekile?

  2. UYayiro wenza ntoni akufumana uYesu?

  3. Kwenzeka ntoni njengoko uYesu esiya endlwini kaYayiro, yaye uYayiro ufumana siphi isigidimi ngoxa esendleleni?

  4. Kutheni abantu abasendlwini kaYayiro bemhleka uYesu?

  5. Emva kokungenisa abapostile abathathu noyise nonina wentombazana kwigumbi layo, wenza ntoni uYesu?

  6. Ngubani omnye owavuswa nguYesu ekufeni, yaye oku kubonisa ntoni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uLuka 8:40-56.

    UYesu walubonisa njani uvelwano nengqiqo kumfazi owayenethombo legazi, yaye abadala abangamaKristu banokufunda ntoni koku? (Luka 8:43, 44, 47, 48; Lev. 15:25-27; Mat. 9:12, 13; Kol. 3:12-14)

  2. Funda uLuka 7:11-17.

    Abo baye bafelwa ngabantu ababathandayo banokuthuthuzelwa njani ngamazwi kaYesu awawathetha kumhlolokazi waseNayin? (Luka 7:13; 2 Kor. 1:3, 4; Heb. 4:15)

  3. Funda uYohane 11:17-44.

    UYesu wabonisa njani ukuba kuyinto eqhelekileyo ukuba buhlungu xa sifelwa ngumntu esimthandayo? (Yoh. 11:33-36, 38; 2 Sam. 18:33; 19:1-4)

Ibali 93

UYesu Wondla Abantu Abaninzi

  1. Yiyiphi into ebuhlungu eyehlela uYohane uMbhaptizi, yaye imenza azive njani uYesu?

  2. UYesu uzondla njani izihlwele ezimlandelayo, yaye kusala ukutya okungakanani?

  3. Kutheni abafundi besoyika ebusuku yaye kwenzeka ntoni kuPetros?

  4. UYesu uphinda awondle njani amawakawaka abantu?

  5. Kutheni kuya kuba mnandi gqitha xa uYesu sele elawula njengoKumkani kaThixo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 14:1-32.

    1. Ingxelo ekuMateyu 14:23-32 isibonisa ntoni ngobuntu bukaPetros?

    2. Ingxelo engokweZibhalo isibonisa njani ukuba uPetros waqola waza wayeka ukuba ngumntu ongxamayo? (Mat. 14:27-30; Yoh. 18:10; 21:7; IZe. 2:14, 37-40; 1 Pet. 5:6, 10)

  2. Funda uMateyu 15:29-38.

    UYesu wayibonisa njani intlonelo ngamalungiselelo ezinto eziphathekayo avela kuYise? (Mat. 15:37; Yoh. 6:12; Kol. 3:15)

  3. Funda uYohane 6:1-21.

    AmaKristu namhlanje anokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu ngokuphathelele urhulumente? (Yoh. 6:15; Mat. 22:21; Roma 12:2; 13:1-4)

Ibali 94

Uyabathanda Abantwana

  1. Baphikisana ngantoni abapostile njengoko bebuya kuhambo olude?

  2. Kutheni uYesu ebiza inkwenkwana aze ayimise phambi kwabapostile?

  3. Abapostile banokukufunda ngayiphi indlela ukufana nabantwana?

  4. Kwiinyanga ezimbalwa kamva, uYesu ubonisa njani ukuba uyabathanda abantwana?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 18:1-4.

    Kutheni uYesu efundisa ngemizekeliso? (Mat. 13:34, 36; Mar. 4:33, 34)

  2. Funda uMateyu 19:13-15.

    Ziziphi iimpawu abanazo abantwana abancinane esimele sizixelise ukuba sifuna ukunandipha iingenelo zoBukumkani? (INdu. 25:9; 138:6; 1 Kor. 14:20)

  3. Funda uMarko 9:33-37.

    UYesu wabafundisa ntoni abafundi bakhe ngokuthanda amawonga? (Mar. 9:35; Mat. 20:25, 26; Gal. 6:3; Fil. 2:5-8)

  4. Funda uMarko 10:13-16.

    Wayengeneka kangakanani uYesu, yaye banokufunda ntoni abadala abangamaKristu? (Mar. 6:30-34; Fil. 2:1-4; 1 Tim. 4:12)

Ibali 95

Ukufundisa KukaYesu

  1. Nguwuphi umbuzo obuzwa yenye indoda kuYesu yaye ngoba?

  2. Yintoni esetyenziswa nguYesu ngamanye amaxesha xa efundisa, yaye yintoni esisele siyifundile ngamaYuda namaSamariya?

  3. Kwibali likaYesu, kwenzeka ntoni komnye umYuda endleleni eya eYeriko?

  4. Kwenzeka ntoni xa umbingeleli ongumYuda nomLevi bedlula ngakuloo ndlela?

  5. Kulo mfanekiso, ngubani onceda umYuda owenzakeleyo?

  6. Emva kokuba eligqibile eli bali, uYesu ubuza wuphi umbuzo, yaye iphendula njani le ndoda?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uLuka 10:25-37.

    1. Kunokuba awuphendule ngokungqalileyo umbuzo, uYesu uyinceda njani indoda ewazi kakuhle uMthetho ukuba iqiqe ngalo mbandela? (Luka 10:26; Mat. 16:13-16)

    2. UYesu uyisebenzisa njani imizekeliso ukuze aphelise umkhethe kwabo bamphulaphuleyo? (Luka 10:36, 37; 18:9-14; Tito 1:9)

Ibali 96

UYesu Uphilisa Abagulayo

  1. Wenza ntoni uYesu njengoko ehamba ukutyhubela ilizwe?

  2. Malunga neminyaka emithathu emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, ubaxelela ntoni abapostile bakhe?

  3. Ngoobani aba bakulo mfanekiso, yaye uYesu umenzela ntoni lo mfazi?

  4. Kutheni impendulo kaYesu kumazwi eenkokeli zonqulo izenza zibe neentloni?

  5. Xa uYesu nabapostile bakhe bekufutshane neYeriko, uYesu ubenzela ntoni abangqibi ababini abaziimfama?

  6. Kutheni uYesu esenza imimangaliso?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 15:30, 31.

    Yiyiphi imbonakaliso emangalisayo yamandla kaYehova etyhilwa ngoYesu yaye ifanele ikuchaphazele njani ukukuqonda kwethu oko uYehova akuthembisileyo kwihlabathi elitsha? (INdu. 37:29; Isa. 33:24)

  2. Funda uLuka 13:10-17.

    Ukwenza kukaYesu eyona mimangaliso iphawulekayo ngeSabatha kusibonisa njani isiqabu aya kusizisela uluntu ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka? (Luka 13:10-13; INdu. 46:9; Mat. 12:8; Kol. 2:16, 17; ISityhi. 21:1-4)

  3. Funda uMateyu 20:29-34.

    Le ngxelo ibonisa njani ukuba uYesu wayengaxakekanga kangangokude angabi naxesha labantu, yaye sinokufunda ntoni koku? (Dut. 15:7; Yak. 2:15, 16; 1 Yoh. 3:17)

Ibali 97

UYesu Uza Njengokumkani

  1. Ekufikeni kwakhe kwidolophana ekufutshane neYerusalem, uYesu ubaxelela ntoni abafundi bakhe?

  2. Njengoko ubona kulo mfanekiso, kwenzeka ntoni xa uYesu esondela kwisixeko saseYerusalem?

  3. Benza ntoni abantwana abancinane xa bebona uYesu ephilisa abantu abaziimfama nabaziziqhwala?

  4. Uthini uYesu kubabingeleli abanomsindo?

  5. Sinokubaxelisa njani abantwana abazukisa uYesu?

  6. Abafundi bafuna ukwazi ntoni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 21:1-17.

    1. Ukungena kukaYesu eYerusalem njengoKumkani kwahluke njani koko kweenjengele ezoyisileyo zaseRoma? (Mat. 21:4, 5; Zek. 9:9; Fil. 2:5-8; Kol. 2:15)

    2. Banokufunda ntoni abantwana kumakhwenkwe akwaSirayeli awavuma iNdumiso 118 njengoko uYesu wayengena etempileni? (Mat. 21:9, 15; INdu. 118:25, 26; 2 Tim. 3:15; 2 Pet. 3:18)

  2. Funda uYohane 12:12-16.

    Ukusebenzisa kwabantu abakhahlela uYesu amagqabi esundu kufuzisela ntoni? (Yoh. 12:13; Fil. 2:10; ISityhi. 7:9, 10)

Ibali 98

Entabeni YeMinquma

  1. Nguwuphi uYesu kulo mfanekiso, yaye ngoobani abakunye naye?

  2. Ababingeleli bazama ukumenza ntoni uYesu etempileni, yaye uthini kubo?

  3. Abapostile bambuza ntoni uYesu?

  4. Kutheni uYesu exelela abapostile bakhe ngezinye izinto eziza kwenzeka emhlabeni xa sele elawula njengoKumkani ezulwini?

  5. UYesu uthi kuza kwenzeka ntoni ngaphambi kokuba aphelise bonke ububi emhlabeni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 23:1-39.

    1. Nakuba iZibhalo zibonisa ukuba kusenokufuneka sisebenzise izibizo ezithile kwabasemagunyeni, amazwi kaYesu akuMateyu 23:8-11 abonisa ntoni ngokuphathelele ukusetyenziswa kwezibizo ebandleni lamaKristu? (IZe. 26:25; Roma 13:7; 1 Pet. 2:13, 14)

    2. Benza ntoni abaFarisi ukuzama ukuthintela abantu bangabi ngamaKristu, yaye iinkokeli zonqulo ziye zakusebenzisa njani oko namhlanje? (Mat. 23:13; Luka 11:52; Yoh. 9:22; 12:42; 1 Tes. 2:16)

  2. Funda uMateyu 24:1-14.

    1. Kubethelelwa njani ukubaluleka kokunyamezela kuMateyu 24:13?

    2. Lithetha ntoni ibinzana elithi ‘de kube sekupheleni’ elikuMateyu 24:13? (Mat. 16:27; Roma 14:10-12; 2 Kor. 5:10)

  3. Funda uMarko 13:3-10.

    Liliphi ibinzana elikuMarko 13:10 elibonisa ukungxamiseka kokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo, yaye amele asishukumisele entwenini amazwi kaYesu? (Roma 13:11, 12; 1 Kor. 7:29-31; 2 Tim. 4:2)

Ibali 99

Egumbini Eliphezulu

  1. Njengoko kuboniswe kulo mfanekiso, kutheni uYesu nabapostile bakhe abali-12 bekwigumbi elikhulu neliphezulu?

  2. Ngubani le ndoda iphumayo, yaye iza kwenza ntoni?

  3. UYesu uqalisa siphi isidlo esikhethekileyo emva kokugqitywa kweso sePasika?

  4. IPasika yayiwakhumbuza siphi isiganeko amaSirayeli, yaye esi sidlo sikhethekileyo sibakhumbuza ntoni abalandeli bakaYesu?

  5. Emva kweSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, uYesu ubaxelela ntoni abalandeli bakhe yaye bona benza ntoni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 26:14-30.

    1. UMateyu 26:15 ubonisa njani ukuba uYudas wamngcatsha ngabom uYesu?

    2. Yiyiphi injongo entlumbini ephunyezwa kukuphalala kwegazi likaYesu? (Mat. 26:27, 28; Yer. 31:31-33; Efe. 1:7; Heb. 9:19, 20)

  2. Funda uLuka 22:1-39.

    USathana wangena ngayiphi ingqiqo kuYudas? (Luka 22:3; Yoh. 13:2; IZe. 1:24, 25)

  3. Funda uYohane 13:1-20.

    1. Ngenxa yengxelo ekuYohane 13:2, ngaba uYudas unokubekwa ityala ngoko wakwenzayo, yaye abakhonzi bakaThixo banokufunda ntoni koku? (Gen. 4:7; 2 Kor. 2:11; Gal. 6:1; Yak. 1:13, 14)

    2. UYesu wanikela siphi isifundo esinamandla? (Yoh. 13:15; Mat. 23:11; 1 Pet. 2:21)

  4. Funda uYohane 17:1-26.

    UYesu wayebathandazela ngayiphi ingqiqo abalandeli bakhe ukuba “babe banye”? (Yoh. 17:11, 21-23; Roma 13:8; 14:19; Kol. 3:14)

Ibali 100

UYesu Emyezweni

  1. Uya phi uYesu nabapostile bakhe emva kokushiya igumbi eliphezulu yaye uthi mabenze ntoni?

  2. Ufumanisa ntoni uYesu xa ebuyela kubapostile, yaye oku kwenzeka kangangezihlandlo ezingaphi?

  3. Ngubani ongena emyezweni, yaye wenza ntoni uYudas Skariyoti, njengoko sibona emfanekisweni?

  4. Kutheni uYudas esanga uYesu, yaye wenza ntoni uPetros?

  5. Uthini uYesu kuPetros, kodwa kutheni uYesu engaceli uThixo ukuba athumele iingelosi?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 26:36-56.

    1. Kutheni indlela uYesu awabaluleka ngayo abafundi bakhe ingumzekelo omhle kubadala abangamaKristu namhlanje? (Mat. 20:25-28; 26:40, 41; Gal. 5:17; Efe. 4:29, 31, 32)

    2. UYesu wayekugqala njani ukusetyenziswa kwezixhobo zokulwa? (Mat. 26:52; Luka 6:27, 28; Yoh. 18:36)

  2. Funda uLuka 22:39-53.

    Ngaba ukubonakala kwengelosi kuYesu kumyezo waseGetsemane ukuze imomeleze kwakubonisa ukuba ukholo lukaYesu luyaxengaxenga? Chaza. (Luka 22:41-43; Isa. 49:8; Mat. 4:10, 11; Heb. 5:7)

  3. Funda uYohane 18:1-12.

    UYesu wabakhusela njani abafundi bakhe kubachasi bakhe, yaye sinokufunda ntoni koku? (Yoh. 10:11, 12; 18:1, 6-9; Heb. 13:6; Yak. 2:25)

Ibali 101

UYesu Uyabulawa

  1. Ngubani oyena mntu uphambili ekubulaweni kukaYesu?

  2. Benza ntoni abapostile xa uYesu ethatyathwa ziinkokeli zonqulo?

  3. Kwenzeka ntoni endlwini kaKayafa, umbingeleli omkhulu?

  4. Kutheni uPetros ephuma aze alile?

  5. Emva kokuba uYesu ebuyiselwe kuPilato, bakhwaza besithini ababingeleli abakhulu?

  6. Kwenzeka ntoni kuYesu ekuqaliseni kwenjikalanga yangoLwesihlanu, yaye umthembisa ntoni umenzi-bubi oxhonywe kumthi osecaleni kwakhe?

  7. Iza kuba phi iParadesi uYesu awathetha ngayo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 26:57-75.

    Amalungu enkundla ephakamileyo yamaYuda abonisa njani ukuba akhohlakele? (Mat. 26:59, 67, 68)

  2. Funda uMateyu 27:1-50.

    Kutheni sinokuthi uYudas wayengazisoli ngokwenene? (Mat. 27:3, 4; Mar. 3:29; 14:21; 2 Kor. 7:10, 11)

  3. Funda uLuka 22:54-71.

    Sinokufunda ntoni ekukhanyeleni kukaPetros uYesu ngobusuku bokungcatshwa nokubanjwa kwakhe? (Luka 22:60-62; Mat. 26:31-35; 1 Kor. 10:12)

  4. Funda uLuka 23:1-49.

    Wasabela njani uYesu kokungekho sikweni okwenziwa kuye yaye sinokufunda ntoni kuye? (Luka 23:33, 34; Roma 12:17-19; 1 Pet. 2:23)

  5. Funda uYohane 18:12-40.

    Yintoni eboniswa sisibakala sokuba nangona uPetros wakha wabanjwa kukoyika abantu okwethutyana, kodwa waba ngumpostile obalaseleyo? (Yoh. 18:25-27; 1 Kor. 4:2; 1 Pet. 3:14, 15; 5:8, 9)

  6. Funda uYohane 19:1-30.

    1. Yiyiphi imbono elungeleleneyo awayenayo uYesu ngezinto eziphathekayo? (Yoh. 2:1, 2, 9, 10; 19:23, 24; Mat. 6:31, 32; 8:20)

    2. Amazwi awathethwa nguYesu ngaphambi kokufa kwakhe abonisa njani ukuba waluphakamisa ngenkalipho ulongamo lukaYehova? (Yoh. 16:33; 19:30; 2 Pet. 3:14; 1 Yoh. 5:4)

Ibali 102

UYesu Uvukile

  1. Ngubani lo mfazi usemfanekisweni, engoobani wona la madoda mabini, yaye aphi?

  2. Kutheni uPilato exelela ababingeleli ukuba bathumele amajoni ukuya kulinda ingcwaba likaYesu?

  3. Yenza ntoni ingelosi kwakusasa ngomhla wesithathu emva kokufa kukaYesu, kodwa benza ntoni ababingeleli?

  4. Kutheni abanye abafazi besothuka xa befika engcwabeni likaYesu?

  5. Kutheni uPetros noYohane bebaleka ukuya engcwabeni likaYesu, yaye balifumana linjani?

  6. Kwenzeka ntoni kumzimba kaYesu, kodwa yintoni ayenzayo ukuze abonise abafundi bakhe ukuba uyaphila?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uMateyu 27:62-66 nesama-28:1-15.

    Ngexesha lokuvuswa kukaYesu, ababingeleli abaziintloko, abaFarisi, namadoda amakhulu ona njani nxamnye nomoya oyingcwele? (Mat. 12:24, 31, 32; 28:11-15)

  2. Funda uLuka 24:1-12.

    Ingxelo engokuvuswa kukaYesu ibonisa njani ukuba uYehova uwagqala amabhinqa njengamangqina athembekileyo? (Luka 24:4, 9, 10; Mat. 28:1-7)

  3. Funda uYohane 20:1-12.

    UYohane 20:8, 9 usinceda njani sibone imfuneko yokuba nomonde xa singasiqondi ngokupheleleyo isiprofeto esithile seBhayibhile? (IMize. 4:18; Mat. 17:22, 23; Luka 24:5-8; Yoh. 16:12)

Ibali 103

Kwigumbi Elitshixiweyo

  1. Uthini uMariya kwindoda acinga ukuba ngumgcini-myezo, kodwa yintoni emenza aqonde ukuba eneneni nguYesu?

  2. Kwenzeka ntoni kubafundi ababini abasendleleni esinge kwisixekwana sase-Emawusi?

  3. Nguwuphi ummangaliso owenzekayo xa abafundi ababini bexelela abapostile ukuba bambonile uYesu?

  4. UYesu ubonakele izihlandlo ezingaphi kubalandeli bakhe?

  5. Uthini uTomas xa esiva ukuba abafundi bayibonile iNkosi, kodwa kwenzeka ntoni kwiintsuku ezisibhozo kamva?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYohane 20:11-29.

    KuYohane 20:23 ngaba uYesu wayethetha ukuba abantu banegunya lokuxolela izono? Cacisa. (INdu. 49:2, 7; Isa. 55:7; 1 Tim. 2:5, 6; 1 Yoh. 2:1, 2)

  2. Funda uLuka 24:13-43.

    Sinokuyilungisa njani intliziyo yethu ukuze yamkele inyaniso yeBhayibhile? (Luka 24:32, 33; Ezra 7:10; Mat. 5:3; IZe. 16:14; Heb. 5:11-14)

Ibali 104

UYesu Ubuyela Ezulwini

  1. Bangaphi abafundi ababona uYesu ngesinye isihlandlo, yaye uthetha ngantoni nabo?

  2. Buyintoni uBukumkani bukaThixo, yaye buza kuba njani ubomi emhlabeni xa uYesu elawula njengoKumkani kangangeminyaka eliwaka?

  3. UYesu ubonakele kangangeentsuku ezingaphi kubafundi bakhe, kodwa ngoku lixesha lokuba enze ntoni?

  4. Ngaphambi nje kokuba uYesu abashiye abafundi bakhe, ubaxelela ukuba benze ntoni?

  5. Kwenzeka ntoni kulo mfanekiso, yaye uYesu ufihlwa njani angabonakali?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:3-8.

    Kwakutheni ukuze umpostile uPawulos athethe ngenkalipho kangaka ngokuvuswa kukaYesu, yaye ziziphi izinto amaKristu namhlanje anokuthetha ngenkalipho ngazo? (1 Kor. 15:4, 7, 8; Isa. 2:2, 3; Mat. 24:14; 2 Tim. 3:1-5)

  2. Funda iZenzo 1:1-11.

    Wanda kangakanani umsebenzi wokushumayela, njengoko kwakuxelwe kwangaphambili kwiZenzo 1:8? (IZe. 6:7; 9:31; 11:19-21; Kol. 1:23)

Ibali 105

Ukulinda EYerusalem

  1. Njengoko ubona emfanekisweni, kwenzeka ntoni kubalandeli bakaYesu ababelinde eYerusalem?

  2. Yintoni eyothusa iindwendwe eziseYerusalem?

  3. Yintoni uPetros abacacisela yona abantu?

  4. Bavakalelwa njani abantu emva kokuba bephulaphule uPetros, yaye uthi mabenze ntoni?

  5. Bangaphi abantu ababhaptizwayo ngolo suku lwePentekoste yowama-33 C.E.?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iZenzo 2:1-47.

    1. Amazwi kaPetros akwiZenzo 2:23, 36 abonisa njani ukuba uhlanga lwakwaYuda luphela lwalubekek’ ityala ngokufa kukaYesu? (1 Tes. 2:14, 15)

    2. UPetros wawumisela njani umzekelo omhle wokuqiqa ngeZibhalo? (IZe. 2:16, 17, 29, 31, 36, 39; Kol. 4:6)

    3. UPetros wasisebenzisa njani esokuqala ‘kwizitshixo zobukumkani bamazulu,’ uYesu awayethembise ukumnika zona? (IZe. 2:14, 22-24, 37, 38; Mat. 16:19)

Ibali 106

Bayakhululwa Entolongweni

  1. Kwenzeka ntoni kuPetros noYohane ngenye injikalanga xa besiya etempileni?

  2. Uthini uPetros kumntu osisiqhwala, yaye yintoni amnika yona exabiseke ngakumbi kunemali?

  3. Kutheni iinkokeli zonqulo zinomsindo, yaye zimenza ntoni uPetros noYohane?

  4. Uthini uPetros kwiinkokeli zonqulo, yaye balunyukiswa ngelithini abapostile?

  5. Kutheni zinomona nje iinkokeli zonqulo, kodwa kwenzeka ntoni xa abapostile befakwa entolongweni isihlandlo sesibini?

  6. Baphendula bathini abapostile xa besisiwa kwiholo yeSanhedrin?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iZenzo 3:1-10.

    Nangona singawanikwanga amandla okwenza imimangaliso namhlanje, amazwi kaPetros akwiZenzo 3:6 asinceda njani sisixabise isigidimi soBukumkani? (Yoh. 17:3; 2 Kor. 5:18-20; Fil. 3:8)

  2. Funda iZenzo 4:1-31.

    Xa sijamelana nenkcaso kubulungiseleli, yiyiphi indlela esinokubaxelisa ngayo abazalwana bethu abangamaKristu benkulungwane yokuqala? (IZe. 4:29, 31; Efe. 6:18-20; 1 Tes. 2:2)

  3. Funda iZenzo 5:17-42.

    Abanye abantu abangengomaNgqina, kwixesha elidlulileyo nanamhlanje, bakubonise njani ukuba nengqiqo ngokuphathelele umsebenzi wokushumayela? (IZe. 5:34-39)

Ibali 107

UStefano Ugityiselwa Ngamatye

  1. Ngubani uStefano, yaye yintoni uThixo abemnceda ukuba ayenze?

  2. Yintoni ayithethayo uStefano ezicaphukisa gqitha iinkokeli zonqulo?

  3. Akuba amadoda emkhuphele ngaphandle kwesixeko uStefano, amenza ntoni?

  4. Emfanekisweni, ngubani lo mfana umi ecaleni kweengubo zokwaleka?

  5. Ngaphambi kokufa kwakhe, uStefano uthandazela ntoni kuYehova?

  6. Ukuze sixelise uStefano, sifanele senze ntoni xa umntu eye wasenza into embi?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iZenzo 6:8-15.

    Ngawaphi amaqhinga aye asetyenziswa ziinkokeli zonqulo ukuzama ukuphelisa umsebenzi wokushumayela wamaNgqina kaYehova? (IZe. 6:9, 11, 13)

  2. Funda iZenzo 7:1-60.

    1. Yintoni encede uStefano ukuba aphumelele ekuthetheleleni iindaba ezilungileyo phambi kweSanhedrin, yaye sinokufunda ntoni kumzekelo wakhe? (IZe. 7:51-53; Roma 15:4; 2 Tim. 3:14-17; 1 Pet. 3:15)

    2. Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso ngabo bawuchasayo umsebenzi wethu? (IZe. 7:58-60; Mat. 5:44; Luka 23:33, 34)

Ibali 108

Endleleni Eya EDamasko

  1. Wenza ntoni uSawule emva kokubulawa kukaStefano?

  2. Xa uSawule esendleleni eya eDamasko, nguwuphi ummangaliso owenzekayo?

  3. UYesu uthi makenze ntoni uSawule?

  4. UYesu umnika yiphi imiyalelo uAnaniyas, yaye kwenzeka njani ukuba uSawule abone kwakhona?

  5. Waziwa ngaliphi igama uSawule, yaye usetyenziswa njani?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iZenzo 8:1-4.

    Ukutshutshiswa kwebandla lamaKristu elalisandul’ ukusekwa kwazisasaza njani iimfundiso zamaKristu, yaye kuye kwenzeka njani okufanayo namhlanje? (IZe. 8:4; Isa. 54:17)

  2. Funda iZenzo 9:1-20.

    Luluphi uthumo oluziinxalenye ezintathu uYesu awayefuna uSawule aluphumeze? (IZe. 9:15; 13:5; 26:1; 27:24; Roma 11:13)

  3. Funda iZenzo 22:6-16.

    Sinokumxelisa njani uAnaniyas, yaye kutheni kubalulekile nje oko? (IZe. 22:12; 1 Tim. 3:7; 1 Pet. 1:14-16; 2:12)

  4. Funda iZenzo 26:8-20.

    Ukuguquka kukaSawule abe ngumKristu kulukhuthazo njani kwabo banamaqabane angakholwayo namhlanje? (IZe. 26:11; 1 Tim. 1:14-16; 2 Tim. 4:2; 1 Pet. 3:1-3)

Ibali 109

UPetros Utyelela UKorneli

  1. Ngubani le ndoda iqubudileyo apha emfanekisweni?

  2. Ithini ingelosi kuKorneli?

  3. UThixo umbonisa ntoni uPetros ngoxa eseluphahleni lwendlu kaSimon eYopa?

  4. Kutheni uPetros exelela uKorneli ukuba angaqubudi kuye aze amnqule?

  5. Kutheni bemangalisiwe abafundi abangamaYuda abakunye noPetros?

  6. Ukutyelela kukaPetros uKorneli kusifundisa siphi isifundo esibalulekileyo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iZenzo 10:1-48.

    Amazwi kaPetros akwiZenzo 10:42 abonisa ntoni ngomsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani? (Mat. 28:19; Marko 13:10; IZe. 1:8)

  2. Funda iZenzo 11:1-18.

    Sisiphi isimo sengqondo awasibonisayo uPetros akuba eluqondile ulwalathiso lukaYehova ngokuphathelele iiNtlanga, yaye sinokuwuxelisa njani umzekelo wakhe? (IZe. 11:17, 18; 2 Kor. 10:5; Efe. 5:17)

Ibali 110

UTimoti—Umncedisi Omtsha KaPawulos

  1. Ngubani lo mfana usemfanekisweni, uhlala phi, yaye ngubani igama likanina noninakhulu?

  2. Uthini uTimoti xa uPawulos embuza ukuba angathanda na ukuhamba naye noSilas ukuya kushumayela kubantu abakwiindawo ezikude?

  3. Kuphi apho abalandeli bakaYesu baqala khona ukubizwa ngokuba ngamaKristu?

  4. Emva kokuba uPawulos, uSilas, noTimoti bemkile eListra, ziziphi ezinye zezixeko abatyelela kuzo?

  5. UTimoti umncedisa njani uPawulos, yaye nguwuphi umbuzo abafanele bazibuze wona abo baselula namhlanje?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iZenzo 9:19-30.

    Umpostile uPawulos wabubonisa njani ubulumko xa wayechaswa ngenxa yeendaba ezilungileyo? (IZe. 9:22-25, 29, 30; Mat. 10:16)

  2. Funda iZenzo 11:19-26.

    Ingxelo ekwiZenzo 11:19-21, 26 ibonisa njani ukuba umsebenzi wokushumayela wenziwa ngolwalathiso lomoya kaYehova?

  3. Funda iZenzo 13:13-16, 42-52.

    IZenzo 13:51, 52 zibonisa njani ukuba abafundi abazange bavumele inkcaso ibadimaze? (Mat. 10:14; IZe. 18:6; 1 Pet. 4:14)

  4. Funda iZenzo 14:1-6, 19-28.

    Amazwi athi “bawanikela kuYehova” asinceda njani ukuba singazixhalabisi ngokungafanelekanga njengoko sinceda abantu abatsha? (IZe. 14:21-23; 20:32; Yoh. 6:44)

  5. Funda iZenzo 16:1-5.

    Ukuvuma kukaTimoti ukwaluswa kukubethelela njani ukubaluleka kokwenza “zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo”? (IZe. 16:3; 1 Kor. 9:23; 1 Tes. 2:8)

  6. Funda iZenzo 18:1-11, 18-22.

    IZenzo 18:9, 10 zibonisa ntoni ngokubandakanyeka kukaYesu ngokobuqu ekwalathiseni umsebenzi wokushumayela, yaye oko kusinika yiphi intembelo namhlanje? (Mat. 28:20)

Ibali 111

Inkwenkwe Eyalalayo

  1. Emfanekisweni, ngubani le nkwenkwe ilele phantsi, yaye kwenzeke ntoni kuyo?

  2. Wenza ntoni uPawulos akufumanisa ukuba le nkwenkwe ifile?

  3. Uya phi uPawulos, uTimoti, kwanabo bahamba kunye nabo, yaye kwenzeka ntoni xa besima eMileto?

  4. Umprofeti uAgabho umlumkisa athini uPawulos, yaye kwenzeka ntoni kanye njengoko etshilo lo mprofeti?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iZenzo 20:7-38.

    1. Sinokuhlala njani ‘simsulwa egazini labantu bonke,’ ngokuvisisana namazwi kaPawulos akwiZenzo 20:26, 27? (Hez. 33:8; IZe. 18:6, 7)

    2. Abadala bafanele ‘babambelele njani ngokuqinileyo elizwini elithembekileyo’ xa befundisa? (IZe. 20:17, 29, 30; Tito 1:7-9; 2 Tim. 1:13)

  2. Funda iZenzo 26:24-32.

    Ukuba ngummi waseRoma kukaPawulos kwamnceda njani ukuba aphumeze umsebenzi wokushumayela awayewuphathiswe nguYesu? (IZe. 9:15; 16:37, 38; 25:11, 12; 26:32; Luka 21:12, 13)

Ibali 112

Ukwaphuka Kwenqanawa Esiqithini

  1. Kwenzeka ntoni kwinqanawa akhwele kuyo uPawulos njengoko igqitha kufutshane nesiqithi iKrete?

  2. Uthini uPawulos kwabo basenqanaweni?

  3. Yintoni ebangela ukuba le nqanawa iqhekeke ibe ziingceba?

  4. Umphathi-mkhosi unikela yiphi imiyalelo, yaye bangaphi abantu abaphumela elunxwemeni ngokukhuselekileyo?

  5. Yintoni igama lesiqithi abakuso, yaye kwenzeka ntoni kuPawulos xa imozulu isiba ntle?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iZenzo 27:1-44.

    Yintoni eyenza sibe nentembelo ngakumbi ekuchaneni kwengxelo yeBhayibhile xa sifunda ngohambo lukaPawulos lokuya eRoma? (IZe. 27:16-19, 27-32; Luka 1:3; 2 Tim. 3:16, 17)

  2. Funda iZenzo 28:1-14.

    Njengoko abemi abangabahedeni baseMalta babonisa “ubuntu obungaqhelekanga” kuPawulos nakwabo babesenqanaweni kunye naye, amaKristu afanele abonise ntoni yaye ngokukhethekileyo ngayiphi indlela? (IZe. 28:1, 2; Heb. 13:1, 2; 1 Pet. 4:9)

Ibali 113

UPawulos ERoma

  1. Ushumayela koobani uPawulos ngoxa esentolongweni eRoma?

  2. Emfanekisweni, ngubani olu ndwendwe lusetafileni, yaye lumenzela ntoni uPawulos?

  3. Ngubani uEpafrodito, yaye uphathiswa ntoni xa ebuyela eFilipi?

  4. Kutheni uPawulos ebhala incwadi eya kumhlobo wakhe omkhulu uFilemon?

  5. Wenza ntoni uPawulos akuba ekhululwe, yaye kwenzeka ntoni kuye kamva?

  6. UYehova usebenzisa bani ukubhala iincwadi zokugqibela zeBhayibhile, yaye incwadi yeSityhilelo isixelela ngantoni?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iZenzo 28:16-31 neyabaseFilipi 1:13.

    UPawulos walisebenzisa njani ixesha lakhe ngoxa wayevalelwe eRoma, yaye ukholo lwakhe olungagungqiyo lwaba nawuphi umphumo kwibandla lamaKristu? (IZe. 28:23, 30; Fil. 1:14)

  2. Funda eyabaseFilipi 2:19-30.

    Ngawaphi amazwi abonisa uxabiso awawathethayo uPawulos ngoTimoti noEpafrodito, yaye sinokuwuxelisa njani umzekelo kaPawulos? (Fil. 2:20, 22, 25, 29, 30; 1 Kor. 16:18; 1 Tes. 5:12, 13)

  3. Funda kuFilemon 1-25.

    1. Yintoni eyabangela uPawulos abongoze uFilemon ukuba enze okuhle, yaye oku kubamisela njani umzekelo omhle abadala namhlanje? (Filemon 9; 2 Kor. 8:8; Gal. 5:13)

    2. Amazwi kaPawulos akuFilemon 13, 14 abonisa njani ukuba wayezihlonela izazela zabanye ebandleni? (1 Kor. 8:7, 13; 10:31-33)

  4. Funda eyesi-2 kuTimoti 4:7-9.

    Njengompostile uPawulos, sinokuba nayo njani intembelo yokuba uYehova uya kusivuza ukuba sihlala sithembekile de kube sekupheleni? (Mat. 24:13; Heb. 6:10)

Ibali 114

Ukuphela Kobubi Bonke

  1. Kutheni iBhayibhile ithetha ngamahashe asezulwini?

  2. Liyintoni igama lemfazwe kaThixo nxamnye nabantu abangendawo abasemhlabeni, ibe yintoni injongo yale mfazwe?

  3. Njengoko ubona emfanekisweni, ngubani oya kukhokela ekulweni, kutheni ethwele isithsaba, yaye ukuphatha kwakhe ikrele kubonisa ntoni?

  4. Xa sikhangela kwiBali 10, 15 nelama-33, kutheni ingamele isothuse nje into yokuba uThixo eza kutshabalalisa abantu abangendawo?

  5. Ibali 36, nelama-76 abonisa njani ukuba uThixo uza kubatshabalalisa abantu abangendawo kwanokuba bazibiza ngokuba bangabanquli bakhe?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iSityhilelo 19:11-16.

    1. IZibhalo ziyicacisa njani into yokuba nguYesu Kristu okhwele ihashe elimhlophe? (ISityhi. 1:5; 3:14; 19:11; Isa. 11:4)

    2. Igazi elifefwe kwisambatho sikaYesu sangaphezulu liqinisekisa njani ukuba uza koyisa ngokupheleleyo? (ISityhi. 14:18-20; 19:13)

    3. Ngoobani abanye ekusenokwenzeka ukuba baqukiwe kumkhosi olandela uYesu okhwele ehasheni elimhlophe? (ISityhi. 12:7; 19:14; Mat. 25:31, 32)

Ibali 115

Iparadesi Entsha Emhlabeni

  1. Ziimeko ezinjani iBhayibhile ebonisa ukuba siya kuzinandipha kwiParadesi yasemhlabeni?

  2. IBhayibhile ibathembisa ntoni abo baza kuphila eParadesi?

  3. UYesu uya kuqinisekisa ukuba lwenzeka nini olu tshintsho lumangalisayo?

  4. Ngoxa uYesu wayesemhlabeni, wenza ntoni ukubonisa oko aza kukwenza njengoKumkani woBukumkani bukaThixo?

  5. Yintoni uYesu nabo balawula kunye naye abaya kuqinisekisa ukuba iyenzeka xa belawula emhlabeni besezulwini?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda iSityhilelo 5:9, 10.

    Kutheni sinokuqiniseka ukuba abo baza kulawula emhlabeni ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka baya kuba ngookumkani nababingeleli abanolwazelelelo nenceba? (Efe. 4:20-24; 1 Pet. 1:7; 3:8; 5:6-10)

  2. Funda iSityhilelo 14:1-3.

    Sibonisa ntoni isibakala sokuba kubhalwe igama likaYise negama leMvana emabunzini abo bali-144 000? (1 Kor. 3:23; 2 Tim. 2:19; ISityhi. 3:12)

Ibali 116

Indlela Esinokuphila Ngayo Ngonaphakade

  1. Ngoobani ekufuneka sazi ngabo ukuze siphile ngonaphakade?

  2. Simele senze ntoni ukuze sazi ngoYehova uThixo noYesu, njengoko isenza le ntombazanana nabahlobo bayo abasemfanekisweni?

  3. Yiyiphi enye incwadi oyibonayo kulo mfanekiso, yaye kutheni simele siyifunde rhoqo?

  4. Ngaphandle kokufunda ngoYehova nangoYesu, yintoni enye ekufuneka siyenze ukuze sizuze ubomi obungunaphakade?

  5. Sifunda siphi isifundo kwiBali 69?

  6. Ubonisa ntoni umzekelo omhle kaSamuweli okwiBali 55?

  7. Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu Kristu, yaye xa sisenjenjalo, yintoni esiya kukwazi ukuyenza kwixesha elizayo?

Imibuzo eyongezelelekileyo:

  1. Funda uYohane 17:3.

    IZibhalo zibonisa njani ukuba ukungenisa ulwazi ngoYehova uThixo nangoYesu Kristu kuthetha okungakumbi kunokwazi nje ngentloko iinkcukacha ezithile ngabo? (Mat. 7:21; Yak. 2:18-20; 1 Yoh. 2:17)

  2. Funda iNdumiso 145:1-21.

    1. Ziziphi ezinye zezizathu ezininzi esinazo zokudumisa uYehova? (INdu. 145:8-11; ISityhi. 4:11)

    2. UYehova ‘ulunge njani kubo bonke,’ yaye oku kufanele kusenze sisondele njani ngakumbi kuye? (INdu. 145:9; Mat. 5:43-45)

    3. Ukuba simthanda ngokusuk’ entliziyweni uYehova, yintoni esiya kushukunyiselwa ukuba siyenze? (INdu. 119:171, 172, 175; 145:11, 12, 21)

Ngaba ungathanda ukufumana inkcazelo engakumbi?

Unganxibelelana namaNgqina kaYehova kule websayithi, www.watchtower.org.