Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKWENZA ABAFUNDI

ISIFUNDO 10

Ukuzimisela

Ukuzimisela

Umgaqo: “Sazimisela ukuba singanixeleli ngeendaba ezilungileyo zikaThixo kuphela, kodwa sincame nobomi bethu ngenxa yenu.”​—1 Tes. 2:8.

Into Eyenziwa NguYesu

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uYohane 3:1, 2. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1.    Inoba kwakutheni ukuze uNikodemo aye ngobusuku kuYesu?​—Jonga uYohane 12:42, 43.

  2.   Into yokuba uYesu adibane noNikodemo ebusuku, ibonisa njani ukuba wayezimisele ekwenzeni abafundi?

Sifunda Ntoni KuYesu?

2. Senza kubonakale ukuba siyabathanda abantu ngokuzimisela ekubancedeni babe ngabafundi.

Yenza NjengoYesu

3. Fundani ngexesha nakwindawo elungele umntu ofunda naye iBhayibhile. Kungenzeka abe nosuku okanye ixesha alikhethayo. Ngaba angakhululeka kakhulu xa nifundela emsebenzini wakhe, ekhayeni lakhe, okanye kwindawo kawonke wonke? Tshintsha ixesha lakho kangangoko kunokwenzeka, ukuze nifunde ngexesha nakwindawo elungele yena.

4. Fundani qho. Xa ungazubakho, sukuthi makungafundwa. Endaweni yaloo nto, cinga ukuba:

  1.    Aninakufunda ngelinye ixesha na kwakuloo veki?

  2.   Aninakufunda ngefowuni na okanye ngeendlela ezifana noZoom?

  3.   Awunakucela omny’ umvakalisi na ukuba ayosiqhuba isifundo?

5. Thandazela ukucinga kakuhle ngomntu omfundisayo. Thandazela ukuba uYehova akuncede ungamncami umntu omfundisayo, nokuba ufunda manqaphanqapha okanye uthatha ixesha ukude ayenze into efundiswa ziZibhalo. (Fil. 2:13) Kungenzeka ukuba zininzi iimpawu ezintle anazo umntu omfundisayo; thandazela uncedo lokuba uhlale ucinga ngazo.