UKUQALISA INCOKO
ISIFUNDO 6
Isibindi
Umgaqo: “UThixo wethu wasinika isibindi sokuba sinixelele ngeendaba zakhe ezilungileyo.”—1 Tes. 2:2.
Into Eyenziwa NguYesu
1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uLuka 19:1-7. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:
Sifunda Ntoni KuYesu?
2. Kufuneka sibe nesibindi ukuze sishumayele iindaba zoBukumkani kubo bonke abantu, singakhethi.
Yenza NjengoYesu
3. Thembela ngoYehova. Umoya kaThixo wanika uYesu amandla okushumayela, futhi ungakunika nawe. (Mat. 10:19, 20; Luka 4:18) Cela uYehova akunike isibindi sokushumayela ebantwini oboyikayo.—IZe. 4:29.
4. Sukuqala ngokubagweba abantu. Sisenokonqena ukuthetha nabany’ abantu ngenxa yendlela ababonakala ngayo, into abayiyo ekuhlaleni okanye ipokotho yabo, indlela abaphila ngayo, okanye ngenxa yeenkolo zabo. Kodwa khumbula:
5. Isibindi sakho masikhatshwe yimbeko nakukulumka. (Mat. 10:16) Kubaleke ukuphikisana nabantu. Yiphelise ngomoya omhle incoko ukuba umntu akafuni kuzimamela iindaba ezilungileyo okanye uziva ungakhuselekanga.—IMize. 17:14.