Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUBUYELA

ISIFUNDO 7

Ukungapheli Mandla

Ukungapheli Mandla

Umgaqo: “Baqhubeka befundisa bengapheli mandla . . . yaye beshumayela iindaba ezilungileyo.”​—IZenzo 5:42.

Into Eyenziwa NguPawulos

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde iZenzo 19:8-10. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1.    Endaweni yokuba ancame xa wayechaswa ngabany’ abantu, uPawulos waqhubeka ebanceda njani abantu ababenomdla?

  2.   Wayemana esiya kangaphi uPawulos kwaba bantu babenomdla, futhi wayenza ixesha elingakanani loo nto?

Sifunda Ntoni KuPawulos?

2. Kufuna ixesha nomzamo ukubuyela ebantwini size sibancede nokuqalisa izifundo zeBhayibhile.

Yenza NjengoPawulos

3. Buyela ngexesha elilungele umntu obuthethe naye. Zibuze: ‘Kunini apho maninzi khona amathuba okuba ndimfumane? Kunini futhi kuphi apho anokukwazi khona ukuncokola nam?’ Zimisele ukuya kuye noba ixesha afumaneka ngalo linzima kuwe.

4. Bekani ixesha. Qho xa nigqiba incoko yenu, zama ukubeka ixesha elicacileyo eniza kuphinda nithethe ngalo naloo mntu. Qiniseka ukuba uyalibamba elo xesha.

5. Ungalahli ithemba. Sukhawuleza ucinge ukuba umntu ofumaneka manqaphanqapha ekhayeni lakhe okanye osoloko exakekile akanamdla. (1 Kor. 13:4, 7) Qhubeka uzama ukumfumana, kodwa ulumkele nokudlala ngexesha lakho.​—1 Kor. 9:26.