Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIHLOMELO C

Indlela Yokuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ngencwadi Ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!

Indlela Yokuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ngencwadi Ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!

Kuthandazwe kakhulu futhi kwaphandisiswa xa bekusenziwa incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Ukuze isebenze kakuhle le ncwadi, sebenzisa le ndlela ilandelayo xa uqhuba izifundo zeBhayibhile.

Ngaphambi kwesifundo

  1. 1. Lungiselela kakuhle. Xa ulungiselela, cinga ngezinto ezidingwa ngumntu omfundisayo, iimeko zakhe, nezinto akholelwa kuzo. Zama ukucinga ngezinto ekusenokuba nzima ukuba aziqonde okanye azenze. Jonga indlela ezinokumnceda ngayo umntu omfundisayo izinto ezikwindawo ethi “Jonga Nezi Zinto,” uze ulungiselele ukuzisebenzisa, ezo zisenokufuneka, xa nifunda.

Xa nifunda

  1. 2. Vula uze uvale ngomthandazo, ukuba uyavuma umntu omfundisayo.

  2. 3. Suthetha kakhulu. Ungaphumi emxholweni, futhi mvumele umfundi akhuphe okusentliziyweni yakhe.

  3. 4. Xa niqalisa icandelo elitsha, funda into ekuza kuthethwa ngayo kwelo candelo uze uthi gqabagqaba ngemixholo embalwa.

  4. 5. Xa nigqiba icandelo, sebenzisa imibuzo esekupheleni kwecandelo ukuze uncede umfundi akhumbule izinto azifundileyo.

  5. 6. Kwisifundo ngasinye enisifundayo:

    1. Fundani loo nto ibhaliweyo.

    2. Fundani zonke izibhalo ezibhalwe “Funda.”

    3. Fundani nezinye izibhalo xa kuyimfuneko.

    4. Dlalani zonke iividiyo ezibhalwe “Dlala” (ukuba niyakwazi ukuzifumana).

    5. Buza umfundi yonk’ imibuzo ebhaliweyo.

    6. Cela umfundi ajonge imifanekiso ephantsi kwendawo ethi “Funda Nezinye Izinto,” uze umcele ukuba athethe ngayo.

    7. Sebenzisa ibhokisi ethi “Into Endizimisele Ukuyenza” ukuze uncede umntu omfundisayo azijonge ukuba uhambela phambili na. Ungamkhuthaza ukuba azimisele ukwenza loo nto sele ibhaliwe, azibekele eyakhe, okanye azenze zombini.

    8. Mbuze umfundi ukuba likhona na inqaku okanye ividiyo ayithandileyo xa ebelungiselela kwezikwindawo ethi “Jonga Nezi Zinto.”

    9. Zamani ukusifunda nisigqibe isifundo qho nifunda.

Emva kwesifundo

  1. 7. Qhubeka ucinga ngomntu omfundisayo. Thandazela ukuba uYehova ayisikelele imizamo yomfundi yokuhambela phambili nokuba akunike ubulumko bokwazi indlela onokumnceda ngayo.