Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INXALENYE 5

Buyela ‘Kumalusi Nomveleli Womphefumlo Wakho’

Buyela ‘Kumalusi Nomveleli Womphefumlo Wakho’

Kule miqobo kuthethwe ngayo kule ncwadana, ngaba ukho ojongene nawo? Ukuba kunjalo, awuwedwanga. Abakhonzi bakaThixo abathembekileyo abaninzi—ababephila ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile nabaphila kule mihla—bakhe bajongana nemiqobo elolo hlobo. Njengokuba nabo bencedwe nguYehova ukuze bayoyise, nawe unokukunceda.

UYehova uya kukuxhasa xa ubuyela kuye

QINISEKA ukuba uYehova uya kukuxhasa xa ubuyela kuye. Uya kukunceda ujongane namaxhala, uphelise ukukhathazeka uze ube noxolo lwengqondo nentliziyo eyonwabileyo, zinto ezo ezibangelwa sisazela esicocekileyo. Ngoko unokuziva ufuna kwakhona ukukhonza uYehova kunye namanye amaKristu. Uya kufana namaKristu exesha labapostile, awathi umpostile uPetros ngawo: “Naninjengezimvu ezibhadulayo; kodwa ngoku nibuyele kumalusi nomveleli wemiphefumlo yenu.”—1 Petros 2:25.

Ukubuyela kuYehova yeyona nto ibalulekileyo onokuyenza. Kutheni sisitsho nje? Uya kuvuyisa intliziyo yakhe. (IMizekeliso 27:11) Njengoko nawe usazi, uYehova uyavakalelwa, ngoko nayiphi na into esiyenzayo inento eyenzayo kuye. Ewe, uYehova akasinyanzeli ukuba simthande size simkhonze. (Duteronomi 30:19, 20) Omnye umphengululi weBhayibhile wathi: “Akukho mntu unokukuvulela intliziyo yakho. Umele uyivule ngokwakho.” Ukuba sinqula uYehova kuba simthanda ngentliziyo epheleleyo, siya kuba sivula iintliziyo zethu. Xa sisenjenjalo, simpha into exabisekileyo—ingqibelelo yethu—ibe siyivuyisa ngokwenene intliziyo yakhe. Inyaniso kukuba, ayikho into enokuthelekiswa nolonwabo esilufumanayo xa sinqula uYehova ngendlela ayifunayo.—IZenzo 20:35; ISityhilelo 4:11.

Ngaphezu koko, xa uthathisa apho ubuyeke khona ekunquleni uYehova, uya umazi kakuhle. (Mateyu 5:3) Njani? Ehlabathini abantu bayazibuza, ‘Kutheni silapha?’ Balambele ukufumana iimpendulo zemibuzo abanayo ngenjongo yobomi. Abantu badalwe baba nomnqweno wokwazi. UYehova usidalele ukuba simkhonze ngendlela eyanelisayo. Eyona nto isanelisayo kukwazi ukuba simkhonza kuba simthanda.—INdumiso 63:1-5.

UYehova ufuna ubuyele kuye. Kutheni sisitsho? Khawuyicinge kanje le nto: Kuye kwathandazwa ukuze kwenziwe le ncwadana. Iye yaziswa kuwe, mhlawumbi ngumdala okanye omnye umKristu. Emva koko uye wafuna ukuyifunda futhi wayithanda. Yonke ke le nto ithetha ukuthi uYehova akakulibalanga. Kunoko, ukubuyisela kuye ngobubele.—Yohane 6:44.

Iyathuthuzela into yokwazi ukuba uYehova akabalibali abakhonzi bakhe abaye bamshiya. Yiloo nto kanye eyafunyaniswa ngudade ekuthiwa nguDonna. Wathi: “Ndayishiya kancinci kancinci inyaniso, kodwa ndandingayeki ukucinga ngeNdumiso 139:23, 24 ethi: ‘Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam. Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo, ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum, undikhokelele endleleni yexesha elingenammiselo.’ Ndandizibona ukuba andinandawo ehlabathini—lalingandifanelanga tu—ibe ndandikufuna ukuba kwintlangano kaYehova. Ndade ndayibona into yokuba uYehova akandilahlanga; qha kwakufuneka ndikhangele indlela yokubuyela kuye. Ndiyavuya kuba ndayenza loo nto!”

“Ndade ndayibona into yokuba uYehova akandilahlanga; qha kwakufuneka ndikhangele indlela yokubuyela kuye”

Sithandazela ukuba uphinde ufumane “uvuyo lukaYehova.” (Nehemiya 8:10) Soze uzisole ngokubuyela kuYehova.