Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INXALENYE 2

Ixhala—‘Lisenza Sibandezeleke Ngandlela Zonke’

Ixhala—‘Lisenza Sibandezeleke Ngandlela Zonke’

“Emva kweminyaka eyi-25 sitshatile, mna nomyeni wam sawuqhawula umtshato. Abantwana bam bayishiya inyaniso. Ndagula zizinto ezininzi. Ndadimazeka ngokwenene. Ndaziva ndingento yanto. Ndayeka ukuya kwiintlanganiso, ndaphola.”—UJune.

WONKE umntu uyafikelwa ngamaxhala—nditsho nabantu bakaThixo. Umdumisi wathi: “Iingcamango zam eziphazamisayo [amaxhala] zaba ninzi ngaphakathi kwam.” (INdumiso 94:19) Yena uYesu wathi ngexesha lesiphelo ‘amaxhala obomi’ anokubangela kube nzima ngakumbi ukukhonza uYehova. (Luka 21:34) Injani eyakho imeko? Ngaba uziva wonganyelwe ziingxaki zemali, ezentsapho okanye uxhalabele impilo yakho? UYehova unokukunceda njani ukwazi ukujongana nala maxhala?

“Amandla Angaphaya Koko Kuqhelekileyo”

Asinawo amandla okujamelana namaxhala. Umpostile uPawulos wathi: “Siyabandezelwa ngandlela zonke.” Waphinda wathi: “Siyathingaza . . . ; siphoswa phantsi.” Sekunjalo, wathi ‘asixineki ngokokude singabi nakushukuma, singabi nayo kwaphela indlela yokuphuma, kwaye asitshatyalaliswa.’ Sincedwa yintoni ukuze sikwazi ukunyamezela? ‘Ngamandla angaphaya kokuqhelekileyo’—amandla avela kuThixo wethu onamandla onke, uYehova.—2 Korinte 4:7-9.

Khumbula indlela owawafumana ngayo “amandla angaphaya kokuqhelekileyo” kwixa elidluleyo. Usayikhumbula indlela intetho ekhuthazayo eyakwenza waluxabisa ngakumbi ngayo uthando lukaYehova olunyanisekileyo? Ngaba ukholo lwakho kwizithembiso zikaYehova lwalukhula xa ufundisa abantu ngethemba leParadesi? Xa sisiya ezintlanganisweni size sabelane nabanye ngokholo lwethu, sifumana amandla okunyamezela amaxhala obomi yaye sifumana uxolo lwengqondo olusenza sikhonze uYehova sivuya.

“Ngcamlani Nibone Ukuba UYehova Ulungile”

Yinyaniso kona ukuba, usenokuxinwa zizinto ezininzi ngaxeshanye. Ngokomzekelo, uYehova uthi masifune kuqala uBukumkani size sinamathele kucwangciso lokwenza izinto zobuthixo. (Mateyu 6:33; Luka 13:24) Kodwa, ufanele uthini ukuba uye wathezw’ amandla yinkcaso, impilo enkenenkene okanye iingxaki zentsapho? Okanye yintoni oza kuyenza xa usebenza kwindawo efuna ixesha namandla obunokuwasebenzisa nabantu bebandla? Izinto ezininzi ngolo hlobo—ongenalo ixesha namandla awaneleyo okuzenza—zinokukongamela. Mhlawumbi unokude uzibuze enoba uYehova ulindele okungaphaya kwamandla akho na.

UYehova usazi kakuhle. Akasoze afune senze okungaphezu koko sinokukwazi ukukwenza. Uyazi ukuba xa siye sagula futhi sakhathazeka kakhulu, akulula ukuba siphinde sibe semandleni.—INdumiso 103:13, 14.

Ngokomzekelo, khumbula indlela uYehova awamnyamekela ngayo umprofeti uEliya. Xa uEliya wadimazekayo, esoyika, waza wabalekela entlango, ngaba uYehova wamngxolisa waza wathi makabuyele emsebenzini wakhe? Akazange enjenjalo. Izihlandlo ezibini wathumela ingelosi ukuba iye kumvusa ize imnike into etyiwayo. Sekunjalo, kwiintsuku eziyi-40 emva koko, uEliya wayesaxhalabile ibe esoyika. UYehova waphinda wamnceda. Njani? Okokuqala, wambonisa ukuba unako ukumkhusela. Okwesibini, wamthuthuzela ‘ngelizwi elizolileyo neliphantsi.’ Ekugqibeleni, wamxelela ukuba kukho nabanye abaninzi ababemnqula ngokuthembeka. Ngoko nangoko uEliya waphinda waba ngumprofeti okhutheleyo. (1 Kumkani 19:1-19) Isifundisa ntoni le nto? Xa uEliya wayesonganyelwa ngamaxhala, uYehova waba nomonde novelwano kuye. UYehova usenjalo nangoku. Usikhathalele ngokulinganayo sonke.

Xa ucinga ngento onokumenzela yona uYehova, ungaziqhathi. Sukuthelekisa into onokumenzela yona namhlanje nento obuqhele ukumenzela yona. Ngokomzekelo: Imbaleki esele ineenyanga eziliqela okanye iminyaka ingasazilolongi ayinakusuka ibe njengakuqala zisuka nje xa iphind’ iqalela. Kunoko, izilolonga kancinane kancinane ide ifumane amandla ize ikwazi nokunyamezela. AmaKristu afana neembaleki. Aziqeqesha enosukelo engqondweni. (1 Korinte 9:24-27) Kutheni ungaqali ngeyona nto ekulula kuwe ukuyenza okwangoku? Ngokomzekelo, unokuzibekela usukelo lokuya kwiintlanganiso. Cela uYehova akuncede ufikelele usukelo onalo. Njengoko luphinda lusomelela ukholo lwakho, uya ‘kungcamla ubone ukuba uYehova ulungile.’ (INdumiso 34:8) Ungaze ulibale ukuba nantoni na oyenzayo ebonisa indlela omthanda ngayo—enoba ibonakala incinane kangakanani—uYehova uyayixabisa.—Luka 21:1-4.

UYehova akasoze afune senze okungaphezu koko sinokukwazi ukukwenza

“Ukhuthazo Ekwakudala Ndilulindile”

UYehova wamxhasa njani uJune ukuze abuyele kuye? UJune uthi: “Zange ndiyeke ukuthandaza ndicela uYehova andincede. Umolokazana wam wandixelela ngendibano eyayiza kuba kwidolophu yam. Ndazixelela ukuba ndiza kuya usuku nje olunye kuloo ndibano. Indlela endandivuya ngayo ngokuba kunye nabantu bakaYehova kwakhona. Loo ndibano yaba lukhuthazo ekwakudala ndilulindile. Ngoku ndivuyiswa kukuba ndiqale apho ndandiyeke khona ukukhonza uYehova. Ubomi bunentsingiselo engakumbi ngoku kum. Ngoku ndiyazi ukuba andinakukwazi ukuba yinkom’ edla yodwa. Ndivuyiswa kukuba ndibuyele lisekhona ithuba.”