Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umqukumbelo

Umqukumbelo

Ngaba akho amaxesha amnandi owakhumbulayo ngoxa wawukunye nabantu bakaYehova—iintlanganiso ongasoze uzilibale, indibano eyayimnandi, isiganeko esakonwabisayo entsimini okanye incoko emnandi owakhe wanayo nomnye umKristu? Awukamlibali uYehova; futhi naye akakakulibali. UYehova uyakukhumbula ukumkhonza kwakho ngokuthembeka, ibe ulangazelela ukukunceda ubuyele kuye.

UYehova uthi: “Ndiya kuzifuna izimvu zam ndize ndizinyamekele. Ngokwenyameko yalowo wondla umhlambi wakhe ngemini yokuba ephakathi kwezimvu zakhe ebezisasazeke ngokubanzi, leyo yindlela endiya kuzinyamekela ngayo izimvu zam; yaye ndiya kuzihlangula kuzo zonke iindawo ebezichithachitheke zaya kuzo.”—Hezekile 34:11, 12.