Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INXALENYE 4

Umvandedwa—‘Ndihlambulule Kwisono Sam’

Umvandedwa—‘Ndihlambulule Kwisono Sam’

“Umsebenzi wam omtsha wawuphucula umgangatho wokuphila wasekhaya, kodwa wandifaka nakuzo zonke izinto ezingalunganga. Ndaqalisa ukubhiyozela iiholide, ndangena kwizinto zepolitiki, ndahamba necawa. Ndaba liNgqina likaYehova elipholileyo kangangeminyaka eyi-40. Njengoko ixesha lalihamba, ndandicinga ukuba uYehova soze andixolele. Nam ndandicinga ukuba soze ndikwazi ukuzixolela. Kaloku, zonke ezi zinto zimbi ndazenza ndiyazi inyaniso.”—UMartha.

UMVANDEDWA unokukongamela. UKumkani uDavide wayibeka kanje le nto: “Iziphoso zam zidlule phezu kwentloko yam, njengomthwalo onzima zinzima kakhulu kum.” (INdumiso 38:4) Amanye amaKristu aye abuhlungu kakhulu, ade azixelela ukuba uYehova soze awaxolele. (2 Korinte 2:7) Ngaba yinyani leyo? Ngaba ukwenza izono ezikhulu kukutyhalela kude kuYehova kangangokuba angaze akuxolele? Hayi khona!

‘Masilungelelanise Imicimbi Phakathi Kwethu’

UYehova akahambeli kude kuboni abaguqukileyo. Uyasondela kubo! Kumzekeliso wonyana wolahleko, uYesu wafanisa uYehova nobawo onothando owayenonyana owashiya ikhaya, waza waya kuphila ubomi bukavula-zibhuqe. Ethubeni, lo mfana wafuna ukubuyela ekhaya. “Ngoxa [unyana] wayesekude lee, uyise wambona waza waba nosizi, waya kuye ebaleka, wawela entanyeni yakhe wamanga.” (Luka 15:11-20) Ngaba uyarhalela ukusondela kuYehova kodwa uziva ngathi ‘usekude lee’ kuye? Njengotata okumzekeliso kaYesu, uYehova uyavelana nawe. Ulangazelela ukukwamkela kwakhona.

Kodwa kuthiwani ke xa ukholelwa ukuba izono zakho zikhulu futhi zininzi kakhulu ukuba uYehova angazixolela? Khawuqwalasele esi simemo sikaYehova esikuIsaya 1:18: “‘Yizani, ke, silungelelanise imicimbi phakathi kwethu,’ utsho uYehova. ‘Nangona izono zenu zingqombela, ziya kwenziwa mhlophe njengekhephu.’” Yinyani le. Nezono ezigqame ngokungathi yidayi ebomvu kwimpahla emhlophe, uYehova unako ukuzixolela.

UYehova akafuni ukuba ubhuqwe sisazela. Kodwa ke, ungenza njani ukuze ukhululeke ngenxa yokuba uThixo ekuxolele futhi unesazela esicocekileyo? Khawujonge ezi ndlela zimbini uKumkani uDavide awenza ngazo. Waqala ngokuthi: “Ndiya kukuvuma ukunxaxha kwam kuYehova.” (INdumiso 32:5) Khumbula kaloku, uYehova sele ekucelile ukuba uthandaze uze ‘ulungelelanise imicimbi’ kunye naye. Samkele eso sicelo. Zivume izono zakho kuYehova, futhi umchazele nendlela ovakalelwa ngayo. Ngenxa yoko kwamehlelayo, uDavide wathandaza wathi: ‘Ndihlambulule kwisono sam. Intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.’—INdumiso 51:2, 17.

Okwesibini, uDavide wafumana uncedo lomprofeti owayemela uThixo, uNatan. (2 Samuweli 12:13) Kule mihla, uYehova usinike abadala bebandla abaqeqeshelwe ukunceda aboni abaguqukileyo ukuba baphinde babe ngabahlobo bakhe. Xa usiya kubadala, baza kusebenzisa iZibhalo baze bathandaze ukuze uthuthuzeleke, unciphise okanye ususe iimvakalelo ezingalunganga, baze bakuncede uchache elukholweni.—Yakobi 5:14-16.

UYehova ufuna ungatyiwa sisazela

“Unoyolo Lowo Imvukelo Yakhe Ixolelweyo”

Ewe kona, usenokuvakalelwa ngathi ukuvuma izono zakho kuYehova uThixo nakubadala yeyona nto ingumnqantsa. Kubonakala ukuba wayevakalelwa njalo noDavide. ‘Wathi cwaka’ kangangexesha elithile, akazivuma izono zakhe. (INdumiso 32:3) Kodwa ke, kamva wayiqonda indlela okunceda ngayo ukuvuma izono waza wazilungisa iindlela zakhe.

Eyona ndlela awancedakala ngayo uDavide kukuba waphinda wonwaba. Wathi: “Unoyolo lowo imvukelo yakhe ixolelweyo, isono sakhe [esixolelweyo].” (INdumiso 32:1) Waphinda wathandaza wathi: “Owu Yehova, ngamana ungayivula le milebe yam, ukuze umlomo wam uxele indumiso yakho.” (INdumiso 51:15) Emva kokuba ekhululekile ekutyiweni sisazela futhi embulela uThixo ngenxa yokuba emxolele, uDavide wafuna ukuxelela abanye ngoYehova.

UYehova ufuna ungatyiwa sisazela. Ibe ufuna uxelele abanye ngaye nangeenjongo zakhe, ungaqhutywa kukuziva unetyala, kodwa unyanisekile futhi wonwabile. (INdumiso 65:1-4) Khumbula isicelo sakhe ‘ukuze zicinywe izono zakho, ukuze amaxesha okuhlaziya eze evela kuYehova ngenkqu.’—IZenzo 3:19.

Kwaba njalo nakuMartha. Uthi xa ebalisa: “Unyana waqhubeka endithumelela iMboniselo noVukani! Kancinci kancinci, ndaphinda ndasondela kuYehova. Eyona nto yayinzima ekubuyeleni yayikukucela uxolo ngazo zonke izono zam. Kodwa ekugqibeleni, ndathandaza kuThixo ndamcela ukuba andixolele. Kunzima ukukholelwa ukuba kwadlula iminyaka eyi-40 ngaphambi kokuba ndibuyele kuYehova. Ndazi apha kum ukuba nasemva kweminyaka emininzi, umntu angalifumana ithuba lokukhonza uThixo nelokubuyela kuthando lwakhe.”