Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Mkhonzi othandekayo:

Njengoko usazi, iBhayibhile yincwadi ethetha kakhulu ngabantu. Abaninzi kubo yayingamadoda namabhinqa athembekileyo awayeneengxaki ezifanayo nezethu. ‘Babeneemvakalelo ezinjengezethu.’ (Yakobi 5:17) Abanye babethwaxwa ziingxaki nangamaxhala. Abanye babekhutyekiswa ngamalungu eentsapho okanye ngamanye amakholwa. Ibe abanye babezisola ngenxa yeempazamo zabo.

Ngaba bamshiya ngokupheleleyo uYehova? Hayi. Abaninzi benza njengomdumisi owathandaza wathi: “Ndiye ndabhadula njengemvu elahlekileyo. Khawumkhangele umkhonzi wakho, kuba andiyilibalanga imiyalelo yakho.” (INdumiso 119:176) Ngaba nawe utsho njalo?

UYehova akabalibali abakhonzi bakhe abasishiyileyo isibaya sakhe. Kunoko, uyasondela kubo—amaxesha amaninzi esebenzisa amanye amakholwa. Ngokomzekelo, khumbula indlela uYehova awamnceda ngayo umkhonzi wakhe uYobhi, owehlelwa ziintlekele eziliqela—ukulahlekelwa bubutyebi, ukushiywa ngabantu abathandayo nokuhlaselwa yimpilo. UYobhi wanyamezela namazwi ahlabayo avela kwabo babefanele ukuba bayamxhasa. Kodwa akazange amshiye uYehova, nangona okwethutyana wakhe waphuma endleleni ngeengcinga. (Yobhi 1:22; 2:10) UYehova wamnceda njani uYobhi?

Eny’ indlela awamnceda ngayo kukuthumela elinye ikholwa elinguElihu. Xa uYobhi wayechaza indlela acinga ngayo, uElihu wamamela waza emva koko wanamazwi afuna ukuwaphosa kuye. Wayeza kuthini bethu? Ngaba wayeza kumgxeka uYobhi okanye azame ukumkhuthaza ngendlela yokuba azive enetyala okanye ehlazekile? Ngaba uElihu wazibona ebhetele kunoYobhi? Tu kaloku! Eqhutywa ngumoya kaThixo, uElihu wathi: “Ndiyiloo nto uyiyo nam kuThixo oyinyaniso; nam, ndabunjwa ngodongwe.” Wabe sele eqinisekisa uYobhi ngokuthi: “Akukho nto yothusayo kum iya kukunkwantyisa, yaye akukho ngcinezelo yam iya kuba nzima kuwe.” (Yobhi 33:6, 7) Kunokuba ongeze umthwalo emagxeni kaYobhi, ngobubele wamcebisa waza wamkhuthaza.

Sicela wazi ukuba nathi siyenze ngaloo njongo le ncwadana. Siqale samamela saza sacingisisa kakuhle ngeemeko nangezinto eziye zathethwa ngabo baye babhadula. (IMizekeliso 18:13) Emva koko saya eZibhalweni, sahlolisisa iingxelo ezibonisa indlela awabanceda ngayo uYehova abakhonzi bakhe bamandulo xa babekwiimeko ezinje. Ekugqibeleni, siye sadibanisa ezo ngxelo neemeko zale mihla ukuze senze le ncwadana. Siyakucela ukuba uyifundisise. Sicela uqiniseke ukuba sikuthanda gqitha.

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova