Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 7

Abantu Abaswelekileyo Baza Kuvuswa!

Abantu Abaswelekileyo Baza Kuvuswa!

1-3. Sigwetywe ntoni, ibe uYehova uza kusikhulula njani?

MASITHI ugwetywe ubomi ejele ngento ongayenzanga. Akukho themba lokuba uya kuze ukhululwe. Akukho nto unokuyenza ngaloo nto. Uthi usaphelelwe lithemba, uve ukuba kukho umntu onokukukhulula ibe uthembisa ukukunceda. Ungathini?

2 Sonke sigwetyelwe ukufa. Akukho nto sinokuyenza ngaloo nto. Kodwa uYehova unokusikhulula ekufeni. Usithembisa ukuba “utshaba lokugqibela oluza kupheliswa kukufa.”​—1 Korinte 15:26.

3 Khawucinge ngendlela oza kukhululeka ngayo xa ungasenaxhala lakufa! UYehova akazukuphelisa nje ukufa. Kodwa uza kuvusa nabantu abaswelekileyo. Khawuyicinge le nto. UYehova uthi: “Abantu benu abafileyo” baza kuphinda baphile.​—Isaya 26:19.

XA SISWELEKELWE

4. (a) Yintoni enokusithuthuzela xa siswelekelwe? (b) Yayingoobani abanye babahlobo bakaYesu?

4 Sikhathazeka kakhulu xa kusweleke umntu kwintsapho yethu okanye siswelekelwe ngumhlobo. Kuba buhlungu ukwazi ukuba akukho nto sinokuyenza ukuze aphinde aphile. Kodwa iBhayibhile iyasithuthuzela. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4.) Makhe sithethe ngomzekelo osibonisa indlela uYehova noYesu abakufuna ngayo ukuvusa abantu bethu abaswelekileyo. Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wayedla ngokuya kubona uLazaro noodade wabo, uMarta noMariya. Bobathathu babengabahlobo bakaYesu. IBhayibhile ithi: “UYesu wayemthanda uMarta nodadewabo noLazaro.” Kodwa ngenye imini uLazaro wasweleka.​—Yohane 11:3-5.

5, 6. (a) Wenza ntoni uYesu xa wabona intsapho nabahlobo bakaLazaro bebuhlungu? (b) Kutheni kusithuthuzela ukwazi indlela uYesu aziva ngayo ngokufa?

5 UYesu waya kuthuthuzela uMarta noMariya. Xa uMarta weva ukuba uYesu uyeza, wamkhawulela. Wavuya xa wabona uYesu, kodwa wathi kuye: “Ukuba ubulapha, umntakwethu ngengafanga.” UMarta wayecinga ukuba uYesu ufike emva kwexesha. Emva koko, uYesu wabona udad’bo Marta, uMariya, ekhala. Xa wabona indlela abakhathazeke ngayo, naye wakhathazeka, waza wakhala. (Yohane 11:21, 33, 35) Wayiva indlela ekuba buhlungu ngayo ukuswelekelwa ngumntu esimthandayo.

6 Ukwazi ukuba uYesu uyayiqonda indlela esiziva ngayo xa siswelekelwe kuyasithuthuzela. UYesu uyafana noTata wakhe. Ngoko sinokuqiniseka ukuba noTata wakhe uyayiva intlungu yethu. (Yohane 14:9) UYehova unawo amandla okukuphelisa ukufa, kungaze kuphinde kubekho, ibe sele eza kuyenza loo nto.

“LAZARO, PHUMA!”

7, 8. Kwakutheni ukuze uMarta angafuni ilitye lisuswe kwingcwaba likaLazaro, kodwa uYesu wenza ntoni?

7 UYesu wafika kukho ilitye elikhulu kwingcwaba likaLazaro. Wathi: “Susani eli litye.” Kodwa uMarta wayengafuni lisuswe. ULazaro wayesele eneentsuku ezine eswelekile. (Yohane 11:39) UMarta wayengayazi into eza kwenziwa nguYesu ukuze ancede umntakwabo.

Khawucinge indlela ababevuya ngayo abantu bakulo Lazaro nabahlobo bakhe xa wayevuswa.​—Yohane 11:38-44

8 UYesu wathi kuLazaro: “Phuma!” Iyamangalisa into eyabonwa nguMarta noMariya. “Yaphuma le ndoda yayifile ibotshwe izandla neenyawo ngamalaphu.” (Yohane 11:43, 44) ULazaro wayevusiwe. Wabuyiselwa kwintsapho nakubahlobo bakhe. Babekwazi ukumbamba baze bathethe naye. UYesu wayenze ummangaliso! Wayemvusile uLazaro.

“NTOMBAZANA, NDITHI KUWE, ‘VUKA!’”

9, 10. (a) Wayewafumana phi uYesu amandla okuvusa abantu? (b) Kutheni ibalulekile into esiyifunda ngabantu abavuswayo?

9 Ngaba uYesu wayebavusa ngamandla akhe abantu? Hayi. Ngaphambi kokuba avuse uLazaro, uYesu wathandaza kuYehova, wamcela ukuba amnike amandla okuvusa uLazaro. (Funda uYohane 11:41, 42.) AyingoLazaro yedwa owavuswayo. IBhayibhile ithetha nangentombazana eyayineminyaka eyi-12 eyayigula kakhulu. Utata wayo, uYayiro, wayekhathazeke kakhulu, ibe wamcenga uYesu ukuba ayiphilise. Wayengenaye omnye umntwana. Wathi esathetha noYesu kweza amanye amadoda aza athi: “Intombi yakho iswelekile! Usamhluphelani uMfundisi?” Kodwa uYesu wathi kuYayiro: “Ungakhathazeki, yiba nokholo nje wena, intombi yakho iza kuphila.” Emva koko, baya endlini kaYayiro. Xa babesondela endlini, uYesu weva waza wabona abantu belila. Wathi kubo: “Sanukukhala, kuba intombazana ayifanga kodwa ilele.” Inoba utata nomama wayo babezibuza ukuba uthetha ukuthini. UYesu wathi mabaphume bonke abantu waza wathatha umama notata wayo wabasa kwigumbi eyayikulo le ntombazana. Wabamba isandla sayo waza wathi kuyo: “Ntombazana, ndithi kuwe, ‘Vuka!’” Inoba bavuya nyhani abazali bayo xa yavuka ngoko nangoko le ntombazana yaza yahambahamba! UYesu wayeyivusile intombi yabo. (Marko 5:22-24, 35-42; Luka 8:49-56) Ukususela ngaloo mini, qho xa bebona intombi yabo, babeza kukhumbula into abayenzelwe nguYehova esebenzisa uYesu. *

10 Abantu abavuswa nguYesu baphinda basweleka ekuhambeni kwexesha. Kodwa ibalulekile into esiyifunda ngaba bantu kuba isenza sibe nethemba. UYehova ufuna ukubavusa abantu, ibe uza kuyenza loo nto.

KUSIFUNDISA NTONI UKUVUSWA KWABANTU

Umpostile uPetros wavusa ibhinqa elingumKristu uDorkas.​IZenzo 9:36-42

UEliya wavusa unyana womhlolokazi.​—1 Kumkani 17:17-24

11. INtshumayeli 9:5 isifundisa ntoni ngoLazaro?

11 IBhayibhile ithi abantu “abafileyo abazi nto kwaphela.” Kwakunjalo ke nangoLazaro. (INtshumayeli 9:5) Njengokuba uYesu watshoyo, kwakungathi uLazaro ulele. (Yohane 11:11) Xa wayesengcwabeni, uLazaro wayengazi nto “kwaphela.”

12. Sazi njani ukuba uLazaro wavuka nyhani?

12 Abantu abaninzi bambona uYesu xa wayevusa uLazaro. Neentshaba zikaYesu zazisazi ukuba uwenzile lo mmangaliso. ULazaro wayephila, ibe le nto yayibonisa ukuba uvusiwe nyhani. (Yohane 11:47) Enye into, abantu abaninzi baya kumbona uLazaro, ibe ngenxa yaloo nto baqalisa ukuyikholelwa into yokuba uYesu uthunywe nguThixo. Iintshaba zikaYesu azizange ziyithande loo nto, ngoko zagqiba ekubeni zimbulale yena noLazaro.​—Yohane 11:53; 12:9-11.

13. Kutheni simele siqiniseke ukuba uYehova uza kubavusa abantu abaswelekileyo?

13 UYesu wathi “bonke abasemangcwabeni” [“abakumangcwaba enkumbulo,” umbhalo osemazantsi] baza kuvuswa. (Yohane 5:28) Loo nto ithetha ukuba bonke abantu uYehova abakhumbulayo baza kuphinda baphile. Kodwa ukuze uYehova amvuse umntu oswelekileyo kufuneka akhumbule yonke into ngaloo mntu. Unokukwazi ke ukuyenza loo nto? Kukho iibhiliyoni zeenkwenkwezi esibhakabhakeni. IBhayibhile ithi uYehova uzazi zonke ngamagama. (Funda uIsaya 40:26.) Ukuba uzazi zonke ezi nkwenkwezi ngamagama, ngokuqinisekileyo akukho nto angayaziyo ngabo bonke abantu aza kuphinda abavuse. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba uYehova wadala zonke izinto, ngoko siyazi ukuba unawo amandla okuvusa abantu abaswelekileyo.

14, 15. Amazwi kaYobhi asifundisa ntoni ngokuvuswa kwabantu?

14 Indoda ethembekileyo, uYobhi, yayikholelwa ukuba abantu abaswelekileyo baza kuvuswa. Yabuza yathi: “Ukuba umntu uyafa, angaphinda aphile na?” Yaza emva koko yathi kuYehova: “Uza kubiza, ndisabele. Uza kukufuna ngamandla ukuphinda uwubone umsebenzi wezandla zakho.” UYobhi wayesazi ukuba uYehova ukufuna nyhani ukuvusa abantu abaswelekileyo.​—Yobhi 14:13-15.

15 Ithemba lokuvuswa kwabantu abaswelekileyo likwenza uzive njani? Kusenokwenzeka ukuba uyazibuza, ‘Baza kuvuswa nabantu basekhaya nabahlobo bam abaswelekileyo?’ Kusithuthuzela kakhulu ukwazi ukuba uYehova ukufuna nyhani ukubavusa abantu abaswelekileyo. Makhe sibone ukuba iBhayibhile ithi baza kuhlala phi aba bantu baza kuvuswa, ibe ngoobani abaza kuvuswa.

‘BAZA KULIVA ILIZWI LAKHE BAZE BAVUKE’

16. Baza kuphila njani abantu abaza kuvuselwa apha emhlabeni?

16 Abantu abavuswayo kudala baphinda bahlala neentsapho nabahlobo babo apha emhlabeni. Le nto iza kuphinda yenzeke nakwixesha elizayo, kodwa iza kuba bhetele kunakuqala. Ngoba? Kuba abantu abaza kuvuswa baza kuphila ngonaphakade apha emhlabeni baze bangaphinde basweleke. Izinto azizukufana nangoku. Akuzukubakho mfazwe, ulwaphulo-mthetho nokugula.

17. Ngoobani abaza kuvuswa?

17 Ngoobani abaza kuvuswa? UYesu wathi ‘bonke abasemangcwabeni [“abakumangcwaba enkumbulo,” umbhalo osemazantsi] baza kuliva ilizwi lakhe baze bavuke.’ (Yohane 5:28, 29) ISityhilelo 20:13 sithi: “Ulwandle lwabakhupha kulo abantu ababefile, nako ukufa nengcwaba kwabakhupha abantu ababefile.” Iibhiliyoni zabantu ziza kuphinda ziphile. Umpostile uPawulos wathi kuza kuvuswa abantu “abangamalungisa nabangengomalungisa.” (Funda iZenzo 24:15.) Ithetha ukuthini le nto?

EParadesi, abantu abaswelekileyo baza kuvuswa baze baphinde bahlale neentsapho kunye nabahlobo babo

18. Ngoobani abantu “abangamalungisa” abaza kuvuswa?

18 Abanye babantu “abangamalungisa” ngabakhonzi bakaYehova abathembekileyo ababephila ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni. Abantu abanjengoNowa, uAbraham, uSara, uMoses, uRute noEstere baza kuvuselwa apha emhlabeni. Ungafunda ngabanye babo kumaHebhere isahluko 11. Ngaba baza kuvuka bona abakhonzi bakaYehova abathembekileyo ebebephila kweli xesha lethu? Baza kuvuswa, kuba nabo ‘bangamalungisa.’

19. Ngoobani abantu “abangengomalungisa”? Leliphi ithuba uYehova aza kubanika lona?

19 Abanye babantu “abangengomalungisa” ziibhiliyoni zabantu abangazange balifumane ithuba lokumazi uYehova. Nangona beswelekile, uYehova akabalibelanga. Uza kubavusa baze babe nethuba lokufunda ngaye baze bamkhonze.

20. Kutheni kungazokuvuswa wonke umntu?

20 Ngaba le nto ithetha ukuba bonke abantu abaswelekileyo baza kuvuswa? Ayithethi loo nto. UYesu wathi bakhona abantu abangazukuvuswa. (Luka 12:5) Ngubani oza kwenza isigqibo sokuba umntu avuswe okanye angavuswa? NguYehova oyena mntu ukwaziyo ukugweba kakuhle, ibe nguye omele enze isigqibo sokugqibela. Kodwa ulinike uYesu igunya lokuba “ngumgwebi wabaphilayo nabafileyo.” (IZenzo 10:42) Ukuba kuthe xa kugwetywa kwabonwa ukuba umntu akazimiselanga ukuguquka, ibe ungumntu owenza izinto ezimbi, akazukuvuswa.​—Funda iSihlomelo 19.

ABANTU ABAZA KUVUSWELWA EZULWINI

21, 22. (a) Baza kuvuswa benomzimba onjani abantu abaza kuvuselwa ezulwini? (b) Yayingubani umntu wokuqala owavuselwa ezulwini?

21 IBhayibhile isixelela nokuba abanye abantu baza kuphila ezulwini. Xa umntu evuselwa ezulwini, akavuswa enomzimba wenyama. Uvuselwa ezulwini engumoya.

22 UYesu waba ngumntu wokuqala owavuselwa ezulwini. (Yohane 3:13) Kwiintsuku ezintathu emva kokuba ebulewe, uYehova wamvusa. (INdumiso 16:10; IZenzo 13:34, 35) UYesu akazange avuswe enomzimba wenyama. Umpostile uPetros uthi “wabulawa enomzimba wenyama, waza wavuswa enomzimba womoya.” (1 Petros 3:18) UYesu wavuswa enomzimba womoya ibe enamandla! (1 Korinte 15:3-6) Kodwa iBhayibhile ithi yayingazukuba nguye yedwa.

23, 24. Ngoobani abantu ‘abangumhlambi omncinci’ uYesu awathetha ngabo, ibe baza kuba bangaphi?

23 Ngaphambi nje kokuba asweleke, uYesu wathi kubapostile bakhe abathembekileyo: “Ndiyahamba ndiyokunilungiselela indawo.” (Yohane 14:2) Le nto ithetha ukuba abanye abalandeli bakhe babeza kuvuselwa ezulwini baze baphile naye. Babeza kuba bangaphi? UYesu wathi iza kuba ngabantu abambalwa, ‘umhlambi omncinci.’ (Luka 12:32) Umpostile uYohane walichaza inani xa wabona uYesu ‘emi phezu kweNtaba YeZiyon [yasezulwini], emi kunye nabantu abayi-144 000.’​—ISityhilelo 14:1.

24 Ayeza kuvuswa nini amaKristu ayi-144 000? IBhayibhile yathi le nto yayiza kwenzeka emva kokuba uKristu eqalise ukulawula ezulwini. (1 Korinte 15:23) Siphila kwelo xesha kanye ngoku, ibe abantu abaninzi kweli nani le-144 000 sele bevuselwe ezulwini. Abo baselapha emhlabeni baze basweleke kweli xesha lethu baza kuvuselwa ezulwini ngoko nangoko. Kodwa ke, abantu abaninzi baza kuvuselwa kwiParadesi eza kube ilapha emhlabeni kwixesha elizayo.

25. Siza kufunda ngantoni kwisahluko esilandelayo?

25 UYehova sele eza kubakhulula bonke abantu ekufeni, ibe ukufa akusoze kuphinde kubekho! (Funda uIsaya 25:8.) Kodwa baza kwenza ntoni bona abantu abaya ezulwini? IBhayibhile ithi baza kulawula kunye noYesu kuBukumkani basezulwini. Siza kufunda ngobo Bukumkani kwisahluko esilandelayo.

^ isiqe. 9 IBhayibhile iyathetha nangabanye abantu abavuswayo abancinci nabadala, amadoda namabhinqa, amaSirayeli nabantu basemzini. Ungafunda ngabo kweyoku- 1 yooKumkani 17:17-24; 2 Kumkani 4:32-37; 13:20, 21; Mateyu 28:5-7; Luka 7:11-17; IZenzo 9:36-42; 20:7-12.